U‐Yisaya 62
62
1Ngenxa ye‐Ziyone andiyi kuti cwaka, nangenxa ye‐Yerusaleme andiyi kuhlala nditi tu, kude kupume ubulungisa bayo njengenkazimlo, nosindiswa lwayo njengesibane esivutayo. 2Abaheyideni baya kubona ubulungisa bako, nokumkani bonke ubungcwalisa bako; wauya kubizwa ngegama elitsha, eliya kuxelwa ngumlomo kayehova. 3Woba yikrone entle esandleni sikayehova, nonkontsho lwobukumkani esandleni sotixo wako. 4Akuyi kubuya kutiwe ngawe, ungoshiyiweyo; nelizwe lako akuyi kubuya kutiwe ngalo, liyingcitakalo: koko uya kubizwa ngokuti, intando yam ikuyo; nelizwe lako ngokuti, ngumfazi otshatileyo: ngokuba uyehova eya kukutanda, nelizwe lako loba litshatile. 5Ngokuba, njengokuba indodana itshata nentombi ipela, kwa njalo onyana bako baya kutshata nawe; nanjengokuba umyeni egcoba pezu kwomtshakazi, kwa njalo utixo wako wogcoba pezu kwako.
6Pezu kwendonga zako, Yerusaleme! ndibamisile abalindi; imini yonke nobusuku bonke abayi kuti cwaka napakade: nina nikankanyayo uyehova, ningati tu! 7kanjalo ningavumi ati tu yena, kude ayiqinise, nakude ayenze i‐Yerusaleme ibe yindunyiswa emhlabeni. 8Uyehova ufungile isandla sake sokunene, nengalo yake enamandla, esiti: Andisayi kupinda ndinike inqolowa yako ibe kukutya ezintshabeni zako, kanjalo abolunye uhlanga abasayi kusela iveyine yako, leyo uyisebenzeleyo. 9Kodwa abo bayivunayo baya kuyidla, badumise uyehova; nabo bayibutayo boyisela emakusini angcwele am.
10Dlulani, dlulani ngamasango; lungisani indlela yabantu; poselani, poselani indlela epakamileyo; yidediseni ematyeni; yipakamiseleni abantu ibanile. 11Bona ke, uyehova uvakalisile esipelweni somhlaba ukuti: Yitini kwintombi yase‐Ziyone: Nanku umsindisi wako esiza; bona ke, umvuzo wake unaye, nenzuzo yake isebusweni bake. 12Babeya kubizwa bona ngokuti, ngabantu abangcwele, ngabakululweyo bakayehova: wauya kubizwa wena ngokuti, ungofuniweyo, usisixeko esingashiywanga.
Currently Selected:
U‐Yisaya 62: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.