U‐Yisaya 59

59
1BONA ke, isandla sikayehova asifinyezekile, ukuba asingesindise: nendlebe yake ayinzima, ukuba ayingeve. 2Koko izikohlakalo zenu zenze isahlulo pakati kwenu notixo wenu; nezono zenu zisitelisile ubuso bake kuni, ukuba angeva.
3Ngokuba izandla zenu zidyojiwe ngegazi, neminwe yenu ngenkohlakalo; umlomo wenu utetile ubuxoki, ulwimi lwenu ludumzele ubumenemene. 4Akuko omemela ubulungisa, akuko opikela inyaniso; bayatembela kokungento, batete okungendawo; bayakaula ububi, bazale inkohlakalo. 5Bayawaqandulela amaqanda ebasiliske, bayiluke imisonto yesigcawo; odlayo kuwo amaqanda abo uya kufa, nelo lincinezelweyo inyushu yopuma kulo. 6Imisonto yabo ayiyi kuba yingubo, kanjalo abayi kuzigubungela ngemisebenzi yabo; imisebenzi yabo yimisebenzi yenkohlakalo, nesenzo sobudlwengu sisezandleni zabo. 7Inyawo zabo ziyabalekela ububi, bayanxama ukupalaza igazi elingenatyala; amaqinga abo ngamaqinga enkohlakalo; ucitakalo notshabalalo lusemendweni yabo. 8Indlela yoxolo abayazi; akuko ubugwebo nasemizileni yabo; bazenzele indlela ezigoso; bonke abahamba ngazo abalwazi uxolo.
9Ngako oko ubugwebo bukude kuti, nobulungisa abusifumani; siyalinda ukukanya, kodwa nabu ubumnyama, siyalinda ukukazimla, koko sihamba esitokotokweni. 10Njengabazimfama siyaputaputela udonga; njengabo abangenamehlo siyaputaputa: siyaku̔beka emini enkulu, njengaseluncwalazini; sisezindaweni ezimnyama njengabafileyo. 11Siyavungama njengebere tina sonke, nanjengamahobe siyamana sincwina; siyalinda ubugwebo, kodwa abuko; siyalinda usindiso, koko lukude kuti.
12Ngokuba izigqito zetu zininzi pambi kwako, nezono zetu zinqi̔na ngakuti; ngokuba izigqito zetu zinati, nezikohlakalo zetu siyazazi: 13ngokugqita nangokuxoka ngakuye uyehova, nangokuhlehla kutixo wetu; ngokuteta imbandezelo nempambuko: ngokucamngca nangokudumzela entliziyweni amazwi obuxoki. 14Kanjalo ubugwebo buhlehlisiwe ngomva, nobulungisa buyagwegweda kude; ngokuba inyaniso iku̔bekile enkundleni, nokulunga kukohliwe kukungena. 15Ewe, inyaniso ayibonakali, nalowo upambukayo kokubi, uyazenza into yokupangwa.
Wati uyehova wabona, kwaza kwakubi emehlweni ake, ngokuba kungeko bugwebo. 16Wayebona ukuba akuko mntu, wati nqa ukuba akuko mteteleli; ngako eyake ingalo wamenzela usindiso, nobulungisa bake bona bamsekela. 17Wavata ubulungisa njengehempe yentsimbi, nomnqwazi wosindiso wawufaka entlokweni yake; wavata ingubo zempindezelo zibe sisivato, wambata ubukwele njengesigubungelo. 18Njengokwezenzo zabo, kwoba njalo ukubuyekeza kwake: ubuṙalaṙume kubalane bake, impindezelo ezintshabeni zake: kuzo iziqiti wobuyekeza impindezelo. 19Baya kwandula boyike igama likayehova entshonalanga, nobungcwalisa bake kwa sekupumeni kwelanga: nxa utshaba luya kuza njengomlambo, umoya kayehova wopakamisa ibanile ngakulo. 20Waeya kuza umkululi kwi‐Ziyone, nakubo ababuya esigqitweni kwa‐Yakobi, utsho uyehova. 21Ngokuba mna, olu lucebano lwam nabo, utsho uyehova: umoya wam opezu kwako, namazwi am endiwabekileyo emlonyeni wako, akayi kumka emlonyeni wako, nasemlonyeni wenzalo yako, nasemlonyeni wenzalo yenzalo yako, utsho uyehova, kwa kaloku nje, nakude kube ngunapakade.

Currently Selected:

U‐Yisaya 59: XHO1902A

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena