U‐Yisaya 48
48
1YIVANI oku, ndlu ka‐Yakobi, nina nibizwayo ngegama lika‐Sirayeli, nivela kuwo amanzi akwa‐Juda! enifunga igama likayehova, nimkankanye utixo ka‐Sirayeli; kungengayo inyaniso, kungengabo nobulungisa. 2Ngokuba bezibiza ngokuti ngabesixeko esingcwele, besayama pezu kwake utixo ka‐Sirayeli; nguyehova wemikosi igama lake. 3Izinto zangapambili ndazixela kwa kudala; zapuma emlonyeni wam, ndazivakalisa ke; ndazenza ngesiqupe, zeza kubako ke. 4Bendinokwazi ukuba ulukuni wena, ukuba intamo yako ingumsipa wesincete, nebunzi lako yixina. 5Kukona ndazixela kuwe kwa kudala; zingekezi kubako, ndazishumayela kuwe; hleze uti: Idalo lam lizenzile, umhlaumbi, umfanekiso wam oqingqiweyo, umhlaumbi, umfanekiso wam otyityishiweyo uzimisile. 6Uvile ke; kukangele oku konke; nani aniyi kushumayela na? Ndiyakushumayeza izinto ezintsha kwa kaloku, nezifihlakeleyo, nongazazanga. 7Kukaloku zidalwayo, kungekudala; ungekabiko umhla akuzivanga; hleze uti: Bona ke, bendizazi. 8Ewe, akuvanga; ewe, akwazanga; ewe, kudala indlebe yako yaingavulwanga; ngokuba bendisazi ukuba uya kwenza ngenkohliso kakulu, nokuba wabubizwa ngokuba ngumgqiti kwa sesizalweni.
9Ngenxa yegama lam ndiya kulibazisa ingqumbo yam, nangenxa yodumo lwam ndoyibamba ingabi ngakuwe, ukuze ndingakunqamli. 10Bona ke, ndikucokisile, kodwa kungenjengesilivere; ndikulingile esidlangalaleni sosizi. 11Ngenxa yokwam, ngenxa yokwam, ndiya kukwenza: ngokuba beliya kunco̔liswa ngokunjanina igama lam? nobungcwalisa bam andiyi kubunika kuwumbi.
12Pulapula kum, Yakobi! no‐Sirayeli, umbizwa wam! ndinguye; ndingowokuqala, ndingowokupela kanjalo. 13Okunene sisandla sam esibekileyo ukuseka kwomhlaba, nesokunene sam esatwabulula amazulu; ndazibiza mna, zema kwa kunye. 14Zihlanganiseni nina nonke, nive: ngubanina pakati kwabo oxelileyo ezizinto? Uyehova umtandile; uya kuyenza intando yake pezu kwe‐Babilone, nengalo yake yoba pezu kwama‐Kaledine. 15Ndim, ndim otetileyo; ewe, ndimbizile; ndimzisile, waeya kuba nokutamsanqeleka endleleni yake.
16Sondelani kum, nive oku: anditetanga emfihlekweni kwa sekuqaleni; kwa sexesheni lokubako kwako bendikona; nakaloku nje inkosi enguyehova inditumile, nomoya wayo. 17Utsho uyehova, umkululi wako, oyingcwele ka‐Sirayeli, ukuti: Mna ndi nguyehova, utixo wako, okufundisayo kuze kuncedwe, okukokelayo ngendlela unga uhamba ngayo. 18Akwaba wabupulapule imiyalelo yam! beluya kwandula uxolo lwako lube njengomlambo, nobulungisa bako bube njengamaza olwandle. 19Kanjalo inzalo yako ibiya kuba njengentlabati, nemveliso yombilini wako njengeyombilini walo; Ibingayi kunqanyulwa; negama layo belingayi kutshatyalaliswa ebusweni bam.
20Pumani e‐Babilone; sabani kuma‐Kaledine; ngelizwi lokugcoba xelani, kuvakaliseni oku; kupumiseni kude kube sesipelweni somhlaba; yitini: Uyehova usikulule isicaka sake u‐Yakobi. 21Abanxanwanga ezindaweni ezomileyo wabahambisa ngazo; amanzi evela eweni wawelisela bona; ewe, walicanda iliwa, aza amanzi ampompoza. 22Akuko uxolo, utsho uyehova, kwabakohlakeleyo.
Currently Selected:
U‐Yisaya 48: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.