U‐Yisaya 31

31
1KWOBA nzima kubo abahlela e‐Jipete kuncedwe, abayama emahasheni; abatembela ezinqwelweni, ngokuba zininzi, nakubakweli bamahashe, ngokuba inani labo likulu; kanti abakangeli koyingcwele ka‐Sirayeli, noyehova abamfuni. 2Kodwa yena ulumkile naye, waeya kuzisa ilishwa; namazwi ake akayi kuwabuyisa; koko eya kuvuka ngakuyo indlu yabenzi bokungalungileyo, nangakulo uncedo lwabasebenzi benkohlakalo. 3Ngokuba ama‐Jipete engabantu, engenguye utixo; namahashe awo ayinyama, akanguwo umoya: nxa uyehova aya kwolula isandla sake, kwa yena oncedayo woku̔beka, nalowo uncedwayo uya kuwa; bona bonke bogqitywa kwa kunye.
4Ngokuba etshilo uyehova kum ukuti: Njengokuba ivungama ingonyama, nengonyamana, pezu kwento iyibambileyo, okuya wonke umhlambi wabalusi ubiziwe ngakuyo; ayituswa ngelizwi labo, ayitotywa nangembutumbutu yabo: kwa njalo uya kuhla uyehova wemikosi, ukuza kulwela intaba ye‐Ziyone, nenduli yayo. 5Njengentaka zigubungela ngamapiko, kwa njalo uyehova wemikosi wokusela i‐Yerusaleme: ekusela woyihlangula, edlula woyisindisa.
6Buyelani kulowo usapo luka‐Sirayeli lupambukile kude kakulu kuye. 7Ngokuba ngomhla lowo beya kulahla abanye ngabanye amadalo abo esilivere, namadalo abo egolide, lawo izandla zenu zanenzela abe sisono.
8Waye um‐Asiriya eya kuwa ngesiṙele esingesesendoda; isiṙele esingesesomntu siya kumdla: uya kusaba pambi kwesiṙele, namadodana ake oba ngabanikeli. 9Uya kudlulela eliweni lake ngokwoyika, nenkosana zake ziya kutuswa ngebanile, utsho uyehova, omlilo use‐Ziyone, noziko lise‐Yerusaleme.

Currently Selected:

U‐Yisaya 31: XHO1902A

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena