U‐Yisaya 3
3
1Ngokuba bona ke, inkosi, uyehova wemikosi, iya kususa e‐Yerusaleme nakwa‐Juda isixaso nomsimelelo; sonke isixaso sesonka, naso sonke isixaso samanzi: 2iṙoti nendoda yokulwa; umgwebi nomprofite; kwa umlauli nomdala; 3inkosi yamashumi mahlanu nomntu obekekileyo; kwa umcebisi, nolumkileyo ngobuncibi, neciko lokunyanga. 4Ndandiya kunika abafana babe zinkosi zabo, nabantwana baya kupata pezu kwabo. 5Abantu baya kubandezelana, kwa abanye ngabanye ummelwane wabo; umfana uya kwenza nger̔atshi ngakomdala, nodelekileyo ngakulowo ubekwayo. 6Nxa omnye umntu aya kubamba omnye osendlwini kayise, ati: Unengubo; pata wena pezu kwetu; nokukwonakala makube ngapantsi kwesandla sako: 7uya kupakamisa ilizwi, kwa ngalomini, esiti: Andiyi kuba ngumpilisi; ngokuba endlwini yam kungeko isonka, kungeko nangubo; musa ukundimisela umpati wabantu.
8Ngokuba i‐Yerusaleme iku̔bekile, no‐Juda bawile; ngokokuba ulwimi lwabo nezenzo zabo zingakuye uyehova, ukucapukisa amehlo obungcwalisa bake. 9Ukubonakala kwobuso babo buyanqi̔na ngakubo; nesono sabo bayasixela njenge‐Sodome; abasisitelisi. Kwoba nzima kubo! ngokuba bezenzele ingozi. 10Yitshoni kolungileyo ukuti: Kwoba mnandi; ngokuba isixakato sezenzo zabo beya kusidla. 11Kwoba nzima kokohlakeleyo! kwoba kubi; ngokuba umvuzo wezandla zake uya kwenziwa kuye. 12Abantu bam, abantwana bangababandezeli babo, nabafazi bayabapata ngobukosi. Bantu bam! abakapi benu bayanilahlekisa, nendlela yabahambi benu bayayitshabalalisa. 13Uyehova uzimisile ukupika, umi ukugweba abantu. 14Uyehova uya kungena ekugwebeni ngakubo abadala babantu bake nenkosana zabo; ngokuba nina nidlile isitiya semiti yeveyine; ukupangwa kwehlwempu kusezindlwini zenu. 15Niti nina ukuba nibatyumza abantu bam, nokuba nibusila ubuso bamahlwempu? itsho inkosi, uyehova wemikosi.
16Uti kanjalo uyehova: Ngenxa yokuba intombi zase‐Ziyone ziqanqalaza, zihamba ngentamo ezolulweyo nangamehlo angxeleshayo, zimana zipatsa ekuhambeni, zikenceza ngenyawo zazo; 17kukona inkosi iya kubeta ukakai lwentombi zase‐Ziyone ngobunqai, nobuhloni bazo iya kubuhluba. 18Ngomhla lowo inkosi iya kususa izihombo zezacolo zamaqata, nezihlita ezipotiweyo, nezambalo eziyinyangaṙa, 19amajikazi, newatsha, nezigqubutelo, 20iminqwazi, netyatanga zokunyatelisa, namagqesha, namahlala okujoja, nezinyango, 21imisesane yeminwe, nemisesane yempumlo, 22izambato ezicikiziweyo, nezivato zapezulu, nengubo zokutiwa tyu, nezidla, 23izikangeliselo, nehempe zeqiya eshiceneyo, nenkontsho, nezilengalenga. 24Kwakuya kuti, endaweni yevumba elimnandi kwobako intshontsho; nasendaweni yombinqo kwobako inyilingo; nasendaweni yempote kwobako ubunqai; nasendaweni yengubo yokunameka kwobako isibinqo sentlakantlaka; kwobako isitshiswa endaweni yobunzwakazi. 25Amadoda ako aya kuwa ngesiṙele, namagoṙa ako ekulweni. 26Amasango ayo aya kugula alile, iti yona ihlale zé emhlabeni.
Currently Selected:
U‐Yisaya 3: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.