U‐Yisaya 12
12
1Ngawo umhla lowo uya kuti: Ndiya kudumisa wena, Yehova! nakuba ubundiqumbele, seibuyile ingqumbo yako, waza wandonwabisa. 2Bona ke, utixo ulusindiso lwam; ndiya kutemba, andiyi kwoyika; ngokuba uyahi, uyehova, engamandla am, neculo lam; ude waba lusindiso kum. 3Naniya kuka amanzi ngovuyo emitonjeni yosindiso.
4Ngawo umhla lowo niya kuti: Bulelani kuyehova, shumayelani igama lake, yazisani izenzo zake pakati kwezizwe, kankanyani ukuba igama lake lipakamile. 5Culani kuyehova, ngokuba eyenzile into ebungangamsha; kwaziwe oku kuwo wonke umhlaba. 6Danduluka, umemeze, wena uhleliyo e‐Ziyone! ngokuba oyingcwele ka‐Sirayeli emkulu pakati kwako.
Currently Selected:
U‐Yisaya 12: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.