U‐Hosheha 9
9
1UNGAVUYI, Sirayeli! kude kuvuyelelwe, njengezizwe: ngokuba umkile kutixo wako ngombulo; uwutandile umvuzo ezibayeni zonke zenqolowa. 2Isibaya nesincinezelo seveyine aziyi kubamkelisa ukutya, neveyine entsha yona yobatshitshela. 3Abayi kuhlala elizweni likayehova; kodwa u‐Frayime wobuyela e‐Jipete, nase‐Asiriya baya kukudla okunco̔lileyo. 4Abayi kutululela uyehova iveyine, kanjalo ayiyi kuba mnandi kuye imibingo yabo; yoba njengesonka sabalusizi kubo; bonke abadlayo kuso baya kunco̔liswa: ngokuba isonka sabo soba sesompefumlo wabo; asiyi kungena endlwini kayehova. 5Seniya kwenza nto nina emhleni wentlanganisano, nasemhleni womtendeleko kayehova? 6Ngokuba, bona ke, bemkile ngenxa yembubiso; i‐Jipete yobabuta, i‐Mofe yobancw̔aba; indawo ezinqwenelekileyo zesilivere yabo, amaṙau ozifuya; ameva oba sezintenteni zabo. 7Imihla yokwohlwaya seifikile, imihla yokupindezela seifikile; u‐Sirayeli uya kuyazi: umprofite usisidenge, umntu womoya uyageza, ngenxa yobuninzi benkohlakalo yako, nangenxa yenzondo enkulu. 8Umlindi ka‐Frayime u notixo wam; kodwa umprofite usisigu somtiyeli wentaka ezindleleni zake zonke, uyinzondo endlwini yotixo wake. 9Bandisile ukuzonakalisa, njengasemihleni ye‐Gibeha: woyikumbula inkohlakalo yabo, uya kwohlwayela izono zabo.
10Ndamfumana u‐Sirayeli njengedreyive entlango; ndababona oyihlo benu njengolibo lwomkiwane ekuqaleni kwa lo; kodwa baya ku‐Bali‐pehori, bazahlulela kwelohlazo; baba buntshontsho, njengoko bakutandayo. 11U‐Frayime, ubungcwalisa babo bobaleka njengentaka, kwa sekuzalweni, nasesizalweni, nasekukaulweni. 12Nakuba bakulisa abantwana, sendiya kubahluta bona, bangabiko pakati kwabantu: koko kuya kuba nzima kubo, nxa ndimkayo kubo! 13U‐Frayime, njengokuba ndabona i‐Tire, utyaliwe endaweni emnandi; kodwa u‐Frayime wopuma nabantwana bake ukuya kumbulali. 14Banike, Yehova! uya kunika nto nina? banike isisu esipumayo, namabele omileyo. 15Yonke inkohlakalo yabo ise‐Gilegale; ngokuba apo ndabatiya; ngenxa yenkohlakalo yezenzo zabo, ndobagxota endlwini yam; andisayi kubuya ndibatande; zonke inkosana zabo zingabanenkani. 16U‐Frayime ubetiwe, ingcambo yabo yomile; abayi kuhlanza iziqa̔mo: ewe, nangona bazalayo, ndoti noko ndikufise okutandekileyo kwesizalo sabo. 17Utixo wam wobalahla, ngokuba bengampulapulanga: boba ngamadungadunga pakati kwezizwe.
Currently Selected:
U‐Hosheha 9: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.