U‐Hosheha 3
3
1WAYESITI kum uyehova: Buya uye utande umfazi otandiweyo ngumhlobo, noko aliṙexezakazi, njengokuba uyehova etanda usapo luka‐Sirayeli, nangona lubeke kotixo bambi, lwatanda izonkana zedreyive. 2Ndaza ndamtengela mna ngamaqosha esilivere alishumi linesihlanu, nehomere yeṙalasi, nesiqingata sehomere yeṙalasi. 3Ndaye ndisiti kuye: Wondihlalela mna imihla ibe mininzi; akuyi kuwenza umbulo, kanjalo akuyi kuba ngowendoda yimbi: nam ndiya kuhlalela wena.
4Ngokuba usapo luka‐Sirayeli luya kuhlala imihla emininzi lungenakumkani, lungenankosi, lungenambingo, lungenamfanekiso, lungenayefodi, lungenaterafi. 5Kamva lwobuya usapo luka‐Sirayeli, lufune uyehova, utixo walo, no‐Davide, ukumkani walo; lwaluya kuza ngokungcangcazela kuyehova nakuko ukulunga kwake, emihleni yokupela.
Currently Selected:
U‐Hosheha 3: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.