U‐Hosheha 13
13
1XESHEKWENI watetayo u‐Frayime, bekuko ukunkwantya, wapakanyiswa kwa‐Sirayeli; kodwa wazeka ityala ngo‐Bali, wabuba. 2Nakaloku bamana besona ngakumbi, bezenzele imifanekiso etyityishiweyo ngesilivere yabo, njengokuqonda kwabo, izitixo, umsebenzi wencibi upela: bati bona ngazo: Abantu ababingayo mabawange amatole. 3Ngako oko boba njengelifu lomso, nanjengombete omkayo kusasa, njengomququ opetshulwayo sisaqwiti esibayeni, nanjengomsi opumayo esitubeni. 4Kanti mna ndi nguyehova, utixo wako, kuselokwa selizweni le‐Jipete; ngako akuyi kwazi namnye utixo kupela mna, ngokuba kungeko msindisi ngapandle kwam. 5Bendikwazi entlango, elizweni elinxaniweyo. 6Njengokudliswa kwabo, bekunjalo ukuhluta kwabo; bahluta ke, yati intliziyo yabo yapakama; ngako oko bandilibala. 7Ndaza ndaba njengengonyama kubo, ndabagqala njengengwe endleleni. 8Ndabakaulela njengebere ehlutiweyo amatole ayo, ndaṙazula isidla sentliziyo yabo; ndabadla kona njengengonyamakazi; iṙamncwa lasendle labaqwenga.
9Uzitshabalalisile, Sirayeli! koko uncedo lwako lukum. 10Upina ke ukumkani wako, ukuze akusindise kuzo zonke izixeko zako? nabagwebi bako bapina, benisiti ngabo: Ndipe ukumkani nenkosi? 11Ndakunika ukumkani ngengqumbo yam, ndamsusa ngomsindo wam. 12Inkohlakalo ka‐Frayime ibotshiwe; isono sake sibekelwe. 13Inimba zomfazi ozalayo zoza pezu kwake; ungunyana ongenabulumko; okanye ebengayi kuhlala kade endaweni yokutyoboza kwabantwana. 14Ndobahlangula emandleni encw̔aba; ndobakulula ekufeni: zipina imbubiso zako, kufa? sipina isitshabalaliso sako, ncw̔aba? ukuguquka kuya kufihlwa emehlweni am. 15Nakuba acu̔mileyo pakati kwabazalwana bake, kwoza noko umoya wasempumalanga, umoya kayehova, unyuka elubala; wauya kwoma umtombo wake, netende lake liya kutsha: uya kupanga imbekelo yempahla zonke ezinqwenelekileyo. 16Iya kuci̔takaliswa i‐Samariya, ngokuba ivukele ngakuye utixo wayo; baya kuwa ngesiṙele; intsana zabo zotyunyuzwa, nabafazi babo abamitileyo baya kuqangqululwa.
Currently Selected:
U‐Hosheha 13: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.