U‐Hosheha 1

1
ISAHLUKO I.
1ILIZWI likayehova elezayo ku‐Hosheha, unyana ka‐Beri, emihleni ka‐Huziya, u‐Yotame, u‐Ahazi, no‐Hezekiya, okumkani bo‐Juda; nasemihleni ka‐Jerobome, unyana ka‐Yohashe, ukumkani wo‐Sirayeli.
2Ukuqala kwelizwi likayehova ngaye u‐Hosheha. Wayesiti uyehova ku‐Hosheha: Yiya, uzizekele umfazi wemibulo, nabantwana bemibulo, ngokuba ilizwe liwenzile umbulo omkulu, lahlukene noyehova nje.
3Waza waya wamzeka u‐Gomere, intombi ka‐Dibelayime: wakaula ke, wamzalela unyana. 4Wayesiti uyehova kuye: Mbize ngegama elingu‐Yezerele; ngokuba kuya kuba mzuzwana kodwa, ndandiya kwandula ndilohlwayele igazi lase‐Yezerele pezu kwendlu ka‐Jehu, ndipelise nobukumkani bayo indlu ka‐Sirayeli. 5Kwakuya kuti ngomhla lowo, ukuba ndiya kwapula isipeta so‐Sirayeli emhlanjeni wase‐Yezerele.
6Wabuya wakaula, wazala intombi; wayesiti u‐Yehova kuye: Biza igama layo ngo‐Lo‐ruhama:#1:6 Oko kukuti: Ongafumananga inceba. ngokuba ndingasayi kwalekela ukuba nenceba ngakuyo indlu ka‐Sirayeli, koko ndiya kugqibela ukubasusa. 7Kodwa indlu ka‐Juda udoba nenceba ngakuyo, ndibasindise ngaye uyehova, utixo wabo, ndingabasindisi ngesipeta, nangeṙele, nangokulwa, ngamahashe nangabakweli bamahashe.
8Wada walumla u‐Lo‐ruhama, wakaula, wazala unyana. 9Wayesiti u‐Yehova: Biza igama lake ngo‐Lo‐ami;#1:9 Oko kukuti: Abangengabantu bam. ngokuba ningengabo abantu bam, kanjalo mna andiyi kuba nguye u‐Tixo wenu. 10Noko, usapo luka‐Sirayeli lwoba njengentlabati yolwandle, engenako ukulinganiswa nokubalwa; kwakuya kuti, endaweni ebekutiwa kulo: Aningabo abantu bam, kwotiwa kulo: Nilusapo lwotixo ohleliyo. 11Luya kwandula usapo luka‐Juda nosapo luka‐Sirayeli luhlanganiselwe ndawonye, luzimisele intloko inye, lunyuke elizweni: ngokuba uya kuba mkulu umhla wo‐Yezerele.

Currently Selected:

U‐Hosheha 1: XHO1902A

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena