U‐Hezekile 8
8
1KWAYE kute ngomnyaka wesitandatu, ngeyesitatu inyanga, ngowesihlanu umhla wenyanga, bendihleli endlwini yam, nabadala bo‐Juda behehleli pambi kwam, sandula isandla senkosi sikayehova sawa pezu kwam kona apo. 2Ndaza ndakangela, kekaloku nankuya ukufana kwomntu, njengokubonakala kwomlilo: kwa sekubonakaleni kwesinqe sake nasezantsi, ubungumlilo; nasesinqeni sake napezulu, bekunjengokubonakala kwenkazimlo, njengobubengebenge bekashemali. 3Wayesolula imfano yesandla, wandibamba ngesihlwita sentloko yam; waye umoya wandifunqula pakati kwomhlaba nezulu, wandizisa e‐Yerusaleme, emibonisweni katixo, elucangweni lwesango lapakati elibeka ngasenode, apo ibikona indawo yokuhlala yomfanekiso wobukwele, ovusayo ubukwele. 4Kekaloku nabuya kona ubungcwalisa botixo wo‐Sirayeli, njengesibonakalo endasibonayo etafeni.
5Wayesiti kum: Nyana woluntu! pakamisa ke amehlo ako ngasendleleni yasenode: ndaza ndapakamisa amehlo am ngasendleleni yasenode; kekaloku nanguya ngasenode, esangweni lesibingelo, lomfanekiso wobukwele emnyango.
6Walekela wati kum: Nyana woluntu! uyabona na oko bakwenzayo, intshontsho ezinkulu indlu ka‐Sirayeli izenzayo apa, ukuba ndimke kude endaweni yam eyingcwele? kodwa buya ujike, wauya kubona intshontsho ezinkulu kwezi. 7Wandula wandizisa elucangweni lwebala; ndaza ndakangela; kekaloku nasi isituba eludongeni. 8Wayesiti kum: Nyana woluntu! yimba ke eludongeni: ndaza ndemba eludongeni; kekaloku nalu ucango. 9Wandula wati kum: Ngena, ukangele intshontsho ezikohlakeleyo abazenzayo apa. 10Ndaza ndangena, ndakangela; kekaloku nanzi imfano zonke zezinto ezinambuzelayo, nezezilo ezibi, nazo zonke izitixwana zendlu ka‐Sirayeli, ziba̔liwe pezu kwodonga ngento engqongayo ngamacala onke. 11Kwaye kumi pambi kwazo amadoda angamashumi asixe̔nxe akubo abadala bendlu ka‐Sirayeli, no‐Yazaniya unyana ka‐Shafane emi pakati kwawo, amanye ngamanye enesiqu̔melo sawo esandleni sawo; kanjalo into eninzi yelifu lesiqu̔miso ibinyuka.
12Waza wati kum: Ubonile na, nyana woluntu! oko abadala bendlu ka‐Sirayeli bakwenzayo ebumnyameni, abanye ngabanye ezinkambilini zobufanekiso babo? ngokuba besiti: Uyehova akasiboni; uyehova ulishiyile ilizwe. 13Wati kanjalo kum: Buya ujike, wauya kubona intshontsho ezinkulu nakwezi, abazenzayo bona. 14Wandula wandizisa elucangweni lwesango lendlu kayehova elingasenode; kekaloku nabaya kona abafazi behleli pantsi belilela u‐Tamuze.
15Waza wati kum: Ubonile na, nyana woluntu! Buya ujike, wauya kubona intshontsho ezinkulu kuzo ezi. 16Wandula wandizisa ebaleni lapakati lendlu kayehova; kekaloku nangaya elucangweni lwetempile kayehova, pakati kwentendelezo nesibingelo, amadoda angati angamashumi mabini anamahlanu, enemihlana yawo ngakuyo itempile kayehova, nobuso bawo ngasempumalanga, abebedesha ilanga ngasekupumeni kwalo.
17Waza wati kum: Ubonile na, nyana woluntu! Yinto elula na kwindlu ka‐Juda ukuba kwenziwe izinto ezibuntshontsho abazenzayo apa? ngokuba bezalisile ilizwe ngobudlwengu, bebuyile ukundiqumbisa kanjalo; ewe, bona ke, bayabeka isebe empumlweni yabo. 18Ngako nam ndiya kwenza ngobuṙalaṙume; iliso lam aliyi kuba nosizi, andiyi kuba nenceba kanjako; nakuba badanduluka ezindlebeni zam ngelizwi elikulu, andiyi kubapulapula noko.
Currently Selected:
U‐Hezekile 8: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.