U‐Hezekile 48

48
1Kekaloku ngawo la amagama ezizwe. Kwa sesipelweni sasenode kude kube secaleni lendlela yase‐Hetelone, njengokuba kuyiwa e‐Hamati, i‐Hatsare‐henani, umda we‐Damakusi ngasenode, kude kube secaleni le‐Hamati, (ngokuba kuya kubako kuye icala lasempumalanga nelasentshonalanga,) u‐Dane woba nesabiwo sinye. 2Nangasemdeni ka‐Dane, kwa secaleni lasempumalanga kude kube secaleni lasentshonalanga, u‐Ashere woba nesabiwo sinye. 3Nangasemdeni ka‐Ashere, kwa secaleni lasempumalanga kude kube secaleni lasentshonalanga, u‐Nefatali woba nesabiwo sinye. 4Nangasemdeni ka‐Nefatali, kwa secaleni lasempumalanga kude kube secaleni lasentshonalanga, u‐Manase woba nesabiwo sinye. 5Nangasemdeni ka‐Manase, kwa secaleni lasempumalanga kude kube secaleni lasentshonalanga, u‐Frayime woba nesabiwo sinye. 6Nangasemdeni ka‐Frayime, kwa secaleni lasempumalanga nakude kube secaleni lasentshonalanga, u‐Rubene woba nesabiwo sinye. 7Nangasemdeni ka‐Rubene, kwa secaleni lasempumalanga kude kube secaleni lasentshonalanga, u‐Juda woba nesabiwo sinye.
8Nangasemdeni ka‐Juda, kwa secaleni lasempumalanga kude kube secaleni lasentshonalanga, wobako umnikelo eniya kunikela ngawo, obubanzi bungamawaka angamashumi mabini anamahlanu engcongolo, nobude bunjengesinye sezabiwo, kwa secaleni lasempumalanga kude kube secaleni lasentshonalanga: kanjalo eyingcwele indawo yoba pakati kwawo. 9Umnikelo eniya kunikela ngawo kuyehova, ubude ngamawaka angamashumi mabini anamahlanu, nobubanzi ngamawaka alishumi. 10Nakubo aba, kubo abaperisite, umnikelo ongcwele woba ngulo: ngasenode ubude bungamawaka angamashumi mabini anamahlanu, nangasentshonalanga ububanzi bungamawaka alishumi, nangasempumalanga ububanzi bungamawaka alishumi, nangasesuyide ubude bungamawaka angamashumi mabini anamahlanu: kanjalo eyingcwele indawo kayehova yoba pakati kwawo. 11Woba ngowabaperisite abangcwalisiweyo, kubo onyana baka‐Tsadoki, abasigcinileyo isigcinelo sam, ababengalahleki ekulahlekeni kwosapo luka‐Sirayeli, njengokuba bebelahleka aba‐Levi. 12Nalomnikelo kuwo umnikelo welizwe wona woba yingcwele yezingcwele kubo, ngasemdeni waba‐Levi. 13Namalungana nomda wabaperisite, aba‐Levi boba nobude bamawaka angamashumi mabini anamahlanu, nobubanzi bamawaka alishumi; ubude bonke ngamawaka angamashumi mabini anamahlanu, nobubanzi ngamawaka alishumi. 14Abayi kutengisa nto yalondawo, nolibo lwelizwe abayi kwanana ngalo, abayi kuludlulisela kwabanye kanjako; ngokuba iyingcwele kuyehova. 15Namawaka mahlanu aseleyo ebubanzini, elunge namawaka engamashumi mabini anamahlanu, yoba yindawo engengcwele yesixeko, eyokuhlala neyenqele; saye isixeko siya kuba pakati kwayo. 16Yiyo le imilinganiswa yaso: icala lasenode, ngamawaka mane anamakulu mahlanu; necala lasesuyide, ngamawaka mane anamakulu mahlanu; nangecala lasempumalanga, ngamawaka mane anamakulu mahlanu; necala lasentshonalanga, ngamawaka mane anamakulu mahlanu. 17Kanjalo inqele yesixeko yoba yilé: ngasenode ngamakulu mabini anamashumi mahlanu, nangasesuyide ngamakulu mabini anamashumi mahlanu, nangasempumalanga ngamakulu mabini anamashumi mahlanu, nangasentshonalanga ngamakulu mabini anamashumi mahlanu. 18Nendawo eseleyo ebudeni, elunge nomnikelo wesabiwo esingcwele, ngamawaka alishumi ngasempumalanga, namawaka alishumi ngasentshonalanga; yaiya kuba ilunge nomnikelo wesabiwo esingcwele; nemveliso yayo yoba kukutya kwabakonzayo isixeko. 19Nabo bakonzayo isixeko, baya kusikonza bevela kuzo zonke izizwe zo‐Sirayeli. 20Umnikelo wonke woba ngamawaka angamashumi mabini anamahlanu ngamawaka angamashumi mabini anamahlanu: unamacala mane niya kunikela umnikelo ongcwele, kunye nemfuyo yesixeko. 21Nendawo eseleyo yona yoba yeyenkosi, ngelicala nangeliya icala lomnikelo ongcwele, nelemfuyo yesixeko, malungana namawaka angamashumi mabini anamahlanu awo umnikelo ngasemdeni wasempumalanga, nangasentshonalanga malungana namawaka angamashumi mabini anamahlanu ngasemdeni wasentshonalanga, elunge nezabiwo zenkosi: wona woba ngumnikelo ongcwele; kanjalo eyingcwele indawo yendlu yoba pakati kwawo. 22Nakuyo imfuyo yaba‐Levi, kuyo imfuyo yesixeko, pakati kwendawo eyeyenkosi, pakati kwomda ka‐Juda nomda ka‐Benjamine, londawo yoba yeyenkosi.
23Nesisalela sezizwe: kwa secaleni lasempumalanga kude kube secaleni lasentshonalanga, u‐Benjamine woba nesabiwo sinye. 24Nangasemdeni ka‐Benjamine, kwa secaleni lasempumalanga kude kube secaleni lasentshonalanga, u‐Simone woba nesabiwo sinye. 25Nangasemdeni ka‐Simone, kwa secaleni lasempumalanga kude kube secaleni lasentshonalanga, u‐Yisakare woba nesabiwo sinye. 26Nangasemdeni ka‐Yisakare, kwa secaleni lasempumalanga kude kube secaleni lasentshonalanga, u‐Zebulone woba nesabiwo sinye. 27Nangasemdeni ka‐Zebulone, kwa secaleni lasempumalanga kude kube secaleni lasentshonalanga, u‐Gadi woba nesabiwo sinye. 28Nangasemdeni ka‐Gadi, ngecala lesuyide ngasesuyide, umda wovela e‐Tamare, uye emanzini e‐Meriba yase‐Kadeshe, kude kube semlanjeni ngakulo ulwandle olukulu.
29Eli lilizwe eniya kulenzela iqashiso libe lilifa kuzo izizwe zo‐Sirayeli; nezi ke zizabiwo zazo, itsho inkosi e nguyehova.
30Kanjako ezi zindawo zokupuma zesixeko: ecaleni lasenode, imilinganiswa ingamawaka mane anamakulu mahlanu. 31Aye amasango esixeko eya kubizwa ngamagama ezizwe zo‐Sirayeli: amasango matatu ngasenode; isango lika‐Rubene linye, isango lika‐Juda linye, isango lika‐Levi linye. 32Nangecala lasempumalanga, imilinganiswa ingamawaka mane anamakulu mahlanu; namasango matatu; kwa isango lika‐Josefe linye, isango lika‐Benjamine linye, isango lika‐Dane linye. 33Nangecala lasesuyide, imilinganiswa ingamawaka mane anamakulu mahlanu; namasango matatu; isango lika‐Simone linye, isango lika‐Yisakare linye, isango lika‐Zebulone linye. 34Ngecala lasentshonalanga, imilinganiswa ingamawaka mane anamakulu mahlanu; amasango ayo matatu: isango lika‐Gadi linye, isango lika‐Ashere linye, isango lika‐Nefatali linye. 35Ngento engqongayo imilinganiswa ingamawaka alishumi linesibozo: negama lesixeko eso emva kwoko, loba lelokuti: Uyehova ukona.

Currently Selected:

U‐Hezekile 48: XHO1902A

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena