U‐Hezekile 30
30
1LABUYA leza kum ilizwi likayehova, lisiti: 2Nyana woluntu! profitesha uti:
Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Lilani! Au, umhla lowo! 3Ngokuba umhla ukufupi, ewe, umhla kayehova ukufupi, umhla wamafu; loba lixesha labaheyideni. 4Ngokuba iṙele liya kuza pezu kwe‐Jipete, notutumbelo luya kubako e‐Tiyopiya, nxa kuwayo abahlatyiweyo e‐Jipete; kwakuya kususwa isihlwele sayo, nemisekelo yayo iya kucitwa. 5I‐Tiyopiya, ne‐Pute, ne‐Ludi, nabo bonke abantu abadityanisiweyo, ne‐Kube, nosapo lwelizwe locebano, baya kuwa kunye nabo ngeṙele.
6Utsho uyehova ukuti: Ewe, baya kuwa abasekelayo i‐Jipete, lihle ke ir̔atshi lamandla ayo; kwa se‐Migidole kude kube se‐Sevene baya kuwa ngeṙele kuyo, itsho inkosi e nguyehova. 7Boba becitakele pakati kwamazwe acitakeleyo; nezixeko zayo zoba pakati kwezixeko ezenzwe bunxuwa. 8Babeya kukwazi okokuba mna ndi nguyehova, nxa ndibekileyo umlilo e‐Jipete, nanxa bonke abancedi bayo babujisiwe. 9Ngalomhla izigidimi ziya kupuma ebusweni bam ngenqanawa, ukuya kuwoyikisa ama‐Tiyopiya asekunqabeni; kwaye kuya kubako ututumbelo pakati kwawo, njengasemhleni we‐Jipete; ngokuba, bona ke, lusiza.
10Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Kanjalo ndiya kupelisa isihlwele se‐Jipete ngesandla sika‐Nebukanetsare ukumkani we‐Babilone. 11Yena nabantu bake kunye naye, izidlwengu zezizwe, baya kuziswa ukulonakalisa ilizwe; babeya kur̔ola amaṙele abo ngakuyo i‐Jipete, bazalise ilizwe ngabahlatyiweyo. 12Imilambo ndiya kuyenza ibe yomile, nelizwe ndolitengisela esandleni sabakohlakeleyo; ndandiya kucitakalisa ilizwe nokuzala kwalo ngesandla sabasemzini; mna Yehova nditetile.
13Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Kanjalo izitixwana ndiya kuzitshabalalisa, namadalo ndowapelisa kuyo i‐Nofe; kwaye kungasayi kubako inkosi yasezweni le‐Jipete; ndandiya kubeka ulwoyiko elizweni le‐Jipete. 14Ndiya kucitakalisa i‐Patrose, ndibeke umlilo e‐Tsohane, ndenze imigwebo e‐No. 15Ndandiya kubutulula ubuṙalaṙume bam pezu kwe‐Sine, inqaba ye‐Jipete, ndisinqamle isihlwele sase‐No. 16Ndowubeka umlilo e‐Jipete; i‐Sine yoba nobuhlungu obukulu, ne‐No iya kugqojozelwa, ne‐Nofe yoba sebunzimeni bemihla ngemihla. 17Amadodana ase‐Avene nawase‐Pi‐besete aya kuwa ngeṙele: nezixeko ezi zoya ekutinjweni. 18Nase‐Tahapanesi imini iya kwenziwa mnyama, nxa ndizapula kona iyokwe ze‐Jipete; kanjalo ir̔atshi lamandla ayo liya kupela kuyo; yona ilifu liya kuyisibekelela, nentombi zayo zoya ekutinjweni. 19Kwa njalo ndiya kuyenza imigwebo e‐Jipete; babeya kukwazi okokuba mna ndi nguyehova.
20KWAYE kute ngomnyaka weshumi elinamnye, ngeyokuqala inyanga, ngowesixe̔nxe umhla wenyanga, leza ilizwi likayehova kum, lisiti:
21Nyana woluntu! ingalo ka‐Faro ukumkani we‐Jipete ndiyapulile; kanjako, bona ke, ayiyi kubotshwa ukufaka amayeza, ukubeka isiqoqo sokuyibopa, ukuyomeleza, ukuba ibambe iṙele. 22Ngako oko itsho inkosi e nguyehova ukuti: Bona ke, ndingakuye u‐Faro ukumkani we‐Jipete, ndandiya kwapula ingalo zake, eyomeleleyo neyapukileyo, ndiliwise iṙele esandleni sake. 23Ndowati sa ama‐Jipete pakati kwentlanga, ndiwacite pakati kwamazwe. 24Ndandiya kuzomeleza ingalo zokumkani we‐Babilone, ndilinike iṙele lam esandleni sake; kodwa ingalo zika‐Faro ndozapula, waeya kugula ngokugula kwohlatyiweyo ebusweni bake. 25Ewe ndiya kuzomeleza ingalo zokumkani we‐Babilone, kodwa ingalo zika‐Faro ziya kuwa pantsi; aeya kukwazi okokuba mna ndi nguyehova, nxa ndinika iṙele lam esandleni sokumkani we‐Babilone, nanxa alolulayo pezu kwelizwe le‐Jipete. 26Ndandiya kuwati sa ama‐Jipete pakati kwentlanga, ndiwacite pakati kwamazwe; andule akwazi okokuba mna ndi nguyehova.
Currently Selected:
U‐Hezekile 30: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.