U‐Hezekile 21

21
1Landula ilizwi likayehova leza kum, lisiti: 2Nyana woluntu! beka ubuso bako ngakuyo i‐Yerusaleme, uku̔pe ilizwi ngakuzo indawo ezingcwele, uprofiteshe ngakulo ilizwe lakwa‐Sirayeli; 3uti kulo ilizwe lakwa‐Sirayeli: Utsho uyehova ukuti: Bona ke, ndingakuwe, ndandiya kur̔ola iṙele lam esinxobeni salo, ndinqamle kuwe olungileyo nokohlakeleyo. 4Ngokokuba ndiya kunqamla kuwe olungileyo nokohlakeleyo, ngako oko iṙele lam liya kupuma esinxobeni salo ngakulo lwonke uluntu kwa sesuyide kude kube senode: 5luze uluntu lwonke lwazi ukuba mna Yehova ndilir̔olile iṙele lam esinxobeni salo; elingayi kubuya kanjako. 6Nawe, nyana woluntu! gula; ngokwapuka kwesinqe nangobuṙaṙa uya kugula pambi kwamehlo abo. 7Kwakuya kuti, nxa bati kuwe: Uyagulela nina? wandule uti: Ngenxa yendaba; ngokuba isiza; zaziya kunyibilika zonke intliziyo, zipolelwe zonke izandla, icubuke yonke imipefumlo, ahambe njengamanzi onke amadolo: bona ke, iyeza, yaiya kwenzwa, itsho inkosi e nguyehova.
8Lalekela ilizwi likayehova leza kum, lisiti: 9Nyana woluntu! profitesha, uti: Utsho uyehova ukuti: Yiti: Iṙele, iṙele liloliwe, ligudisiwe kanjalo. 10Liloliwe, ukuze lisenze isibulalo; ligudisiwe, ukuze libe nokubengezela: ngesigcoba na? liyintonga yonyana wam, elidela imiti yonke. 11Linikiwe ukugudiswa, ukuba lipatwe ngesandla; liṙele eliloliweyo, eligudisiweyo, ukuba linikwe esandleni sombulali. 12Kala ulile, nyana woluntu! ngokuba lona liya kuba pezu kwabantu bam, loba pezu kwazo zonke inkosana zakwa‐Sirayeli; zilahlelwe eṙeleni kunye nabantu bam; ngako oko tywakaza etangeni. 13Ngokuba kusenzwa ukulinga; kwoti nina ke ukuba liyadela intonga nayo? ayiyi kubako, itsho inkosi e nguyehova. 14Ngako wena, nyana woluntu! profitesha, ubete isandla ngakuso isandla; malipindwe iṙele ngokwesitatu, iṙele labahlatyiweyo; liṙele lokuhlatywa okukulu elibavingcelayo. 15Ukuze icubuke intliziyo, nokuba kwandiswe iziwiso, ndimisile ukuvivinywa kweṙele ngakuwo onke amasango abo: au! lenziwe ukuti benge, lir̔oliwe ukubulala. 16Zibute ngasekunene, zibeke ngasekohlo, apo busukuba bumiselwa kona ubuso bako. 17Kwa nam ndiya kubeta izandla zam esinye ngakuso esinye, nobuṙalaṙume bam ndobupumza: mna Yehova nditetile.
18Labuya leza kum ilizwi likayehova, lisiti: 19Kanjalo wena, nyana woluntu! zimisele indlela zibe mbini, ukuba kuze iṙele lokumkani we‐Babilone; ziya kupuma zombini elizweni linye; uze wenze isalato; entloko yendlela yesixeko usenze. 20Misela indlela, ukuba iṙele lize e‐Raba yosapo luka‐Hamoni, nako‐Juda e‐Yerusaleme enqatyisiweyo. 21Ngokuba ukumkani we‐Babilone eya kuma ekwahlukeni kwendlela, entloko yendlela zombini, ukwenza ukulaula; wohluguhla intolo, wobuza ngeterafi, wobenca isibindi. 22Kwesokunene isandla sake kwobako isilaulelo se‐Yerusaleme, ukubeka izicitelo, ukuvula umlomo ngokubulala, ukupakamisa ilizwi ngokumemeza, ukubeka izicitelo ngakuwo amasango, ukuposela indulana, ukwaka inqaba yokulinda. 23Sasiya kuba njengesilaulo esingendawo kubo emehlweni abo, abafungileyo ngezifungo kubo; kodwa uya kukumbula inkohlakalo, ukuba babanjwe. 24Ngako oko itsho inkosi e nguyehova ukuti: Ngenxa yokuba niyenze inkohlakalo yenu ikunjulwe, ngokutyilwa kwezigqito zenu, ukubonakalisa izono zenu kuzo zonke izenzo zenu; ngenxa yokukunjulwa kwenu, niya kubanjwa ngesandla.
25Nawe, ungengcwele, nkosi ekohlakeleyo yo‐Sirayeli! omini iya kuza ngexesha lenkohlakalo yesipelo; 26itsho inkosi e nguyehova ukuti: Makususwe unkontsho, makutulwe nekrone; oku akuyi kuba koku; okutotyiweyo kuya kupakanyiswa, nokupakamileyo kuya kutotywa. 27Ukupenuka, ukupenuka, ukupenuka, ndiya kukwenza; nako oku akuyi kubako, ade afike lowo igunya lilelake, ndandiya kulinika kuye.
28Nawe, nyana woluntu! profitesha uti: Itsho inkosi e nguyehova, ngalo usapo luka‐Hamoni, nangaso isigxeko salo, utsho ke wena, ukuti: Iṙele, iṙele lir̔oliwe; ligudiselwe isibulalo, ligqibe, ukuze libengezele; 29nxa bakubonela okungendawo, nxa bakulaulela ulwimi, ukuba bakubeke pezu kwentamo zabakohlakeleyo abahlatyiweyo, abamini ifikile, ngexesha lenkohlakalo yesipelo. 30Lobuyiselwa esinxobeni salo na? endaweni apo ubudalwa kona, elizweni lokuzalwa kwako, ndokugweba. 31Ndandiya kutulula pezu kwako ukuṙala kwam; ngomlilo womsindo wam ndiya kuvutela ngakuwe, ndikunikele esandleni samadoda abubovubovu, incibi zokutshabalalisa. 32Woba kukudla emlilweni; igazi lako loba pakati kwelizwe; akusayi kukunjulwa; ngokuba mna Yehova nditetile.

Currently Selected:

U‐Hezekile 21: XHO1902A

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena