U‐Hezekile 19

19
1KANJAKO wena hlabelela inkosana zakwa‐Sirayeli isililo, 2uti:
Ebeyinto nina unyoko? Ebeyingonyamakazi; pakati kwengonyama yalala pantsi, pakati kwengonyamana yawondla amatole ayo. 3Yada yakulisa elinye kwamatole ayo; laba yingonyamana, lafunda ukubamba into yokuqwengwa; abantu labadla. 4Zaza izizwe zeva ngalo; esihogweni sazo labanjiswa; zaza zalizisa ngemixokelelwane elizweni le‐Jipete. 5Yati yakubona ukuba ibilindile, nokuba itemba layo libubile, yandula yatabata elinye kwamatole ayo, yalenza ingonyamana. 6Laza lahambahamba pakati kwengonyama; laba yingonyamana; lafunda ukubamba into yokuqwengwa; abantu labadla. 7Labazi abahlolokazi babo, nezixeko zabo lazenza amanxuwa; laba bugxwayiba ilizwe, nokuzala kwalo, ngentlokoma yokukonya kwalo. 8Zandula izizwe zazibeka ngakulo ngokungqonga zivela emazwaneni, zalwaneka utambo lwazo pezu kwalo; esihogweni sazo labanjiswa. 9Zaza zalifaka esivalelweni ngemixokelelwane, zalizisa kukumkani we‐Babilone; zalizisa emanqabeni, ukuze ilizwi lalo lingabuyi liviwe pezu kwentaba zakwa‐Sirayeli.
10Unyoko wako ebenjengomti weveyine ekupumleni kwako, utyelwe ngasemanzini; ube uqa̔mile, wabuzele ngamasebe, ngenxa yamanzi amaninzi. 11Wabunazo intswazi ezinamandla zibe zintonga zabapata ubukosi; babude ubupakamo bawo pezulu pakati kwamagatya abungqingqwa; wabonakala ebudeni bawo, ebuninzini bamasebe awo. 12Kodwa wadonyulwa ngobuṙalaṙume, watiwa kahla emhlabeni, nomoya wasempumalanga washwenyisa iziqa̔mo zawo; zaye zapukile intswazi zawo ezinamandla, zabuna; umlilo wazidla. 13Nakaloku utyelwe entlango, ezweni elomileyo elinxaniweyo. 14Sekupumile umlilo eluswazini lwamasebe awo; iziqa̔mo zawo uzidlile; akuseko kuwo uswazi olunamandla, intonga yokuba kupatwe ubukosi. Sisililo esi, soba yinto yesililo kanjalo.

Currently Selected:

U‐Hezekile 19: XHO1902A

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena