U‐Hezekile 17

17
1LAZA ilizwi likayehova leza kum, lisiti: 2Nyana woluntu! ku̔pa isintsonkotelo, utete umzekeliso kwindlu ka‐Sirayeli, 3uti: Itsho inkosi e nguyehova ukuti:
Ukozi olukulu, olumapiko makulu, oluntsiba zinde, oluboya buzele, olunamabala ngamabala, lweza e‐Lebanone, lwatabata isebe lapezulu lesedare. 4Incam yezihlumelo zayo lwayiqaula, lwaza lwayizisa elizweni lokuqweba; esixekweni sabatengi lwayibeka. 5Lwatabata kanjalo kwimbewu yelizwe, lwayityala entsimini efaneleyo; lwayitabata ngasemanzini amaninzi, lwayibeka njengomnculuba. 6Yaza yahluma, yaba ngumti weveyine otwabulukayo, obude buncinane, omasebe abeka ngakulo, nongcambo zapantsi kwalo: yaba ngumti weveyine ke, yavelisa amagatya, yanabisa intswazi.
7Lwaye luko nolunye ukozi olukulu, lunamapiko amakulu, lunoboya obuninzi: kekaloku bona ke, lomti weveyine watobela ingcambo zawo ngakulo, namasebe awo wawanabisela kulo, ukuba luwunyele ezindimeni zesityalwa sawo. 8Emhlabeni olungileyo, ngasemanzini amaninzi, watyalwa wona, ukuba uvelise amasebe, nokuba uhlanze iziqa̔mo, ukuze ube ngumti weveyine omkulu. 9Yiti: Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Uya kulunga na? Ingcambo zawo aluyi kuzinyotula na, neziqa̔mo zawo aluyi kuzimqumla, ukuba ubune ke? Onke amagqabi okuhluma kwawo aya kubuna, nakubeni kungeko amandla amakulu, nabantu abaninzi, ukuba udonyulwe ngencambo zawo. 10Kanjalo, bona ke, utyelwe nje, uya kulunga na? awuyi kugqibela kubuna na, nxa umoya wasempumalanga uwubetayo? ezindimeni zokuhluma kwawo uya kubuna.
11Lalekela ilizwi likayehova leza kum, lisiti: 12Yiti ke kwindlu enenkani: Anizazi na ezizinto ukuba zinina? Yiti: Bona ke, ukumkani we‐Babilone weza e‐Yerusaleme, watabata ukumkani wayo, nenkosana zayo, wabazisa naye e‐Babilone. 13Watabata kanjalo owenzalo yokumkani, walwenza ucebano naye, wamngenisa esifungweni; nabakulu belizwe ubasusile; 14ukuba ubukumkani bube sekutotyweni, bungazipakamisi, ukuba bugcine ucebano lwake, bume kulo. 15Kodwa wavukela ngakuye, ngokutuma izigidimi zake ukuya e‐Jipete, ukuba bamnike amahashe nabantu abaninzi. Uya kutamsanqeleka na? uya kusinda na okwenzayo oku? kanene uya kwapula ucebano, asinde na? 16Ndihleli nje, itsho inkosi e nguyehova, ngenyaniso endaweni yokumkani lowo obemenza yena ukumkani, osifungo wasidelayo, nocebano walwapulayo, kwa kuye pakati kwe‐Babilone uya kububa! 17Kanjako u‐Faro, ngamandla amakulu nangemihlambi emininzi, akayi kumenzelela emfazweni, nxa kuposelwa indulana, nanxa kwakiwa inqaba zokulinda, ukunqamla imipefumlo emininzi. 18Ngokuba ebesidela isifungo ngokwapula ucebano, nakuba, bona ke, wanika isandla sake, nazo zonke ezizinto wazenza, akayi kusinda. 19Ngako oko, itsho inkosi e nguyehova ukuti: Ndihleli nje mna, ngenyaniso isifungo sam asidelileyo, nocebano lwam alwapulileyo, ndiya kubuyekeza oko pezu kwentloko yake! 20Notambo lwam ndolwaneka pezu kwake, aze abanjiswe emgibeni wam; ndandiya kumzisa e‐Babilone, ndimbuze kona ubumenemene bake abenzileyo ngakum. 21Nabo bonke abasabileyo bake, kunye nawo onke amabandla ake, baya kuwa ngeṙele; nabo baseleyo bopangalaliselwa kuyo yonke imimoya; naniya kukwazi okokuba mna Yehova nditetile.
22Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Nam ndiya kutabata kwisebe lapezulu lesedare ende, ndibeke; kwa sencameni yezihlumelo zayo ndiya kuqaula eso sitambileyo, ndisityale pezu kwentaba ende epakamileyo. 23Pezu kwentaba ende yakwa‐Sirayeli ndosityala; esiya kuvelisa amasebe, sihlanze iziqa̔mo, sibe yisedare enkulu; zaziya kuhlala ngapantsi kwaso zonke intaka zamapiko onke; emtunzini wamagatya aso ziya kuhlala. 24Yandule ikwazi yonke imiti yezindle, okokuba mna Yehova ndiwutobisile umti omde, ndiwupakamisile umti ototyiweyo, ndiwomisile umti oluhlaza, nomti owomileyo ndiwucu̔misile: mna Yehova nditetile, ndandiya kwenza.

Currently Selected:

U‐Hezekile 17: XHO1902A

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena