U‐Hezekile 15

15
1LAYE ilizwi likayehova lisiza kum, lisiti: 2Nyana woluntu! uyinto nina umti weveyine ngapezu kwemiti yonke, nesebe lawo ngapezu kwapakati kwemiti yehlati? 3Kwotatyatwa kuwo na umti wokwenza isetyenzwa? umhlaumbi baya kutabata kuwo ibaxa na, ukuba kuxo̔nywe pezu kwalo enye impahla? 4Bona ke, unikwa emlilweni ube zinkuni; incam zawo zombini umlilo uyazitshisa, nompakati wawo uṙaukile; ulungele isetyenzwa na? 5Bona ke, wakuba upela, awenzelwa isetyenzwa; kancinane kangakananina ngakumbi ke, nxa umlilo uwutshisile, nanxa uṙaukile, ungayi kuba usenzelwa isetyenzwa?
6Ngako oko, itsho inkosi e nguyehova ukuti: Njengomti weveyine pakati kwemiti yehlati, endiwunikileyo emlilweni ube zinkuni, kwa njalo ndibanikile abemi base‐Yerusaleme. 7Ndandiya kumisa ubuso bam ngakubo; baya kupuma komnye umlilo, wandule omnye umlilo ubadle; naniya kukwazi okokuba mna ndi nguyehova, ndakubeka ubuso bam ngakubo. 8Nelizwe ndiya kulenza bugxwayiba, ngenxa yokuba benzile ngobumenemene kakulu, itsho inkosi e nguyehova.

Currently Selected:

U‐Hezekile 15: XHO1902A

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena