I‐Kesodusi 40
40
1WAZA wateta uyehova ku‐Mosesi, esiti: 2Ngomhla wenyanga yokuqala, ngowokuqala wenyanga, uya kupakamisa itabanakele yentente yentlangano. 3Wauya kubeka kona ityeya yesinqi̔no; uze uyikusele ityeya ngekuselo. 4Wandule ungenise itafile, ucwangcise izinto zokucwangciswa pezu kwayo; uti kanjalo ungenise ikandelare, umise izibane zayo. 5Wauya kubeka isibingelo segolide sokuqumisela pambi kwayo ityeya yesinqi̔no; uze ulixo̔me ilengalenga locango etabanakeleni. 6Wauya kubeka isibingelo sedini lokutshiswa pambi kwocango lwetabanakele yentente yentlangano. 7Kanjako uya kubeka isihlambelo pakati kwentente yentlangano nesibingelo; uze ubeke kuso amanzi. 8Wandule ulimise ibala ngento engqongayo, ulixo̔me ilengalenga esangweni lebala. 9Wauya kutabata ioli yokutambisa, utambise itabanakele, nako konke okukuyo; uya kungcwalisa yona, nazo zonke impahla zayo, ize ibe yingcwele. 10Uya kutambisa kanjalo isibingelo sedini lokutshiswa, nazo zonke impahla zaso; uya kungcwalisa isibingelo, size sibe sisibingelo esiyingcwelekazi. 11Uya kutambisa nesihlambelo, naso isikondo saso, usingcwalise.
12Kanjalo u‐Arone nonyana bake uya kubasondeza elucangweni lwentente yentlangano, ubahlambe ngamanzi. 13Wauya kumambatisa u‐Arone izivato ezingcwele, uze umtambise, umngcwalise nokumngcwalisa, ukuba andikonze ngobuperisite. 14Nonyana bake wobasondeza, ubambatise ihempe: 15wauya kutambisa bona, njengokutambisa kwako uyise wabo, ukuba bandikonze ngobuperisite: ngokuba okunene ukutanjiswa kwabo kwoba kokwobuperisite obungunapakade kubo ngezizukulwana zabo.
16Wenje njalo u‐Mosesi: njengako konke uyehova abemyalele kona, wenje njalo ke. 17Kwaza kwati ngenyanga yokuqala, ngomnyaka wesibini, ngowokuqala umhla wenyanga, kwapakanyiswa itabanakele. 18Waye u‐Mosesi wapakamisa itabanakele, wabeka iziseko zayo, wamisa iplanke zayo, wafaka imivalo yayo, wapakamisa intsika zayo. 19Waza watwabulula intente pezu kwetabanakele, wabeka isigubungelo sentente pezulu pezu kwayo; njengokuba uyehova ebemyalele u‐Mosesi.
20Wayetabata isinqi̔no wasifaka etyeyeni, wamisa izibonda pezu kwetyeya, wabeka isihlalo sofefe pezulu pezu kwetyeya. 21Waza wangenisa ityeya etabanakeleni, walixo̔ma ikuselo lelengalenga, wayikusela ityeya yesinqi̔no: njengokuba uyehova ebemyalele u‐Mosesi.
22Wayebeka itafile ententeni yentlangano, ecaleni letabanakele ngasenode, ngapandle kwekuselo. 23Waza wacwangcisa pezu kwayo uṙozo lwezonka pambi kwoyehova; njengokuba uyehova ebemyalele u‐Mosesi.
24Wayebeka nekandelare ententeni yentlangano, malungana nayo itafile, ecaleni letabanakele ngasesuyide. 25Waza wamisa izibane pambi kwoyehova; njengokuba uyehova ebemyalele u‐Mosesi.
26Wayebeka nesibingelo segolide ententeni yentlangano, pambi kwekuselo; 27waqumisa pezu kwaso isiqumiso esimnandi; njengokuba uyehova ebemyalele u‐Mosesi.
28Waza walixo̔ma ilengalenga locango lwetabanakele. 29Kanjalo isibingelo sedini lokutshiswa wasibeka ngaselucangweni lwayo itabanakele yentente yentlangano; wanikela pezu kwaso idini lokutshiswa nomnikelo wokudla; njengokuba uyehova ebemyalele u‐Mosesi.
30Wayemisa isihlambelo pakati kwentente yentlangano nesibingelo, wabeka kuso amanzi, ukuba kuhlanjwe. 31Baye behlamba kuso u‐Mosesi, no‐Arone, nonyana bake, izandla zabo nenyawo zabo: 32bati ekungeneni kwabo ententeni yentlangano, nasekusondeleni kwabo esibingelweni, bahlamba; njengokuba uyehova ebemyalele u‐Mosesi.
33Waza wapakamisa ibala ngento engqongayo itabanakele nesibingelo, walixo̔ma ilengalenga lesango lebala.
Wada wagqiba u‐Mosesi umsebenzi.
34Landula ilifu lasibekela intente yentlangano, bati ubungcwalisa bukayehova bazalisa itabanakele. 35Waye u‐Mosesi wakohlwa kukungena ententeni yentlangano, ngokokuba ilifu lihleli pezu kwayo, nokuba ubungcwalisa bukayehova buzalisile itabanakele. 36Kwati kwakunyuswa ilifu kuyo itabanakele, lwaza lwahamba usapo luka‐Sirayeli kuzo zonke ihambo zalo: 37kodwa xeshekweni ilifu linganyuswanga, lwaza alwahamba kwada kwayimini yokunyuswa kwalo. 38Ngokuba ilifu likayehova libe lipezu kwetabanakele ngemini, nomlilo ubupezu kwayo ngobusuku, emehlweni ayo yonke indlu yo‐Sirayeli, kuzo zonke ihambo zabo.
Currently Selected:
I‐Kesodusi 40: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.