Wapendula u‐Mosesi wati: Kodwa, bona ke, abayi kukolwa ndim, abayi kupulapula ilizwi lam kanjalo: ngokuba beya kuti: Akabonakalanga kuwe UYEHOVA.
Waza wati UYEHOVA kuye: Yinto nina leyo isesandleni sako? Wati: Yintonga. Wayesiti: Yipose emhlabeni. Wayiposa ke emhlabeni, yaza yaba yinyoka; wasuka u‐Mosesi wabaleka ebusweni bayo. Wandul’ ukuti UYEHOVA ku‐Mosesi: Yolula isandla sako, uyinqakule ngomsila wayo. Waza wasolula isandla sake, wayibamba; yabuya yaba yintonga esandleni sake. Uya kwenje njalo ke, ukuze bakolwe ukuba ubonakele kuwe UYEHOVA, UTIXO woyise babo, UTIXO ka‐Abrahame, UTIXO ka‐Yisake, NOTIXO ka‐Yakobi.
Wabuya wati UYEHOVA kuye: Uze kaloku ufake isandla sako esifubeni sako. Waza wafaka isandla sake esifubeni sake; kekaloku akusikupa, nasi isandla sake sinesilepero simhlope njengengqweqwe. Wayesiti: Sibuyisele esifubeni sako isandla sako. Waza wabuyisela esifubeni sake isandla sake; kekaloku akusikupa esifubeni sake, nasi ke siguqulwe saba njengenyama yake enye. Kwakuya kuti, ukuba abakolwa nguwe, nokuba abapulapuli ilizwi lowokuqala umqondiso, bokolwa lilizwi lomqondiso wasemva. Kwoti kodwa, ukuba abakolwa yiyo nalemiqondiso yomibini, nokuba abapulapuli ilizwi lako, wandule ucapule emanzini omlambo, uwagalele emhlabeni; aeya kuti amanzi lawo uwacapula emlanjeni abe ligazi pezu kwomhlaba.
Waza wati u‐Mosesi KUYEHOVA: Ke, NKOSI! andinguye oliciko, kwa nexesha lapambili, nakuseloko utetileyo nesicaka sako; ngokuba ndingomlomo unzima, nolulwimi lukwa nzima.
Waye UYEHOVA esiti kuye: Ngubanina omenzele umntu umlomo? ngubanina owenza isidenge, nesitulu, nobonayo, nemfama? asi ndim YEHOVA yinina? Ize uhambe ke, ndandiya kuba nawo umlomo wako, ndikufundise into uya kuteta yona.
Koko wati: Ke, NKOSI! mauke utume ngesandla salowo uya kumtuma.
Yaza yavuta ingqumbo KAYEHOVA ngakuye u‐Mosesi, wati: u‐Arone um‐Levi asi nguye umkuluwe wako na? Ndiyazi ukuba uyacikoza ukuteta yena. Kananjalo, bona ke, seleya kupuma ukuza kukukaulela; ati akukubona, avuye intliziyo yake. Wauya kuteta kuye, ubeke amazwi emlonyeni wake; ndoti mna ndibe kunye nomlomo wako, nakunye nomlomo wake, ndinifundise oko niya kwenza kona. Waye yena eya kukutetela ebantwini; kuze kuti ke, abe yena enjengomlomo kuwe, ube wena unjengo TIXO kuye. Nalentonga uyitabate esandleni sako, oya kuyenza ngayo imiqondiso.