I‐Kesodusi 38

38
1Kanjako wasenza isibingelo samadini okutshiswa ngemiti yeshitime: sasizikubite ezintlanu ubude baso, nekubite ezintlanu ububanzi baso; sanamacala mane; nobupakamo baso sasizikubite ezintatu. 2Wazenza nempondo zaso pezu kwamagumbi aso omane; zibe zipuma kwa kuso impondo zaso; wayesaleka ngexina. 3Wenza nazo zonke impahla zesibingelo eso, imbiza zaso, nezikotululo zaso, nezitya zaso zokufefela, neforoke zaso, nezipatamlilo zaso: zonke impahla zaso wazenza ngexina. 4Wayesenzela isibingelo iziko lesetyenzwa elilinqwanqwa ngexina, ngapantsi kwesazinge saso, ngasezantsi kwada kwapakati kwaso. 5Wayetyityishela amancam omane eziko lexina imisesane yamine, ibe zindawo zezibonda. 6Wazenza izibonda ngemiti yeshitime, wazaleka ngexina. 7Waza wangenisa izibonda kuyo imisesane emacaleni esibingelo, ukuba sitwalwe ngazo: wenza sona siliholo ngeplanke.
8Wayesenza isihlambelo ngexina, nesikondo saso ngexina kanjalo, ngezikangeliselo zamakonzikazi akonzayo emnyango wentente yentlangano.
9Kanjako walenza ibala: ngecala lasesuyide ngasesuyide amalengalenga ebala ebengawepotiweyo iqiya eshiceneyo, ikubite ezilikulu. 10Intsika zawo zazimashumi mabini, neziseko zazo zazimashumi mabini, zizezexina; amagwegwe entsika nentonga zazo bezizezesilivere. 11Nangecala lasenode amalengalenga ebezikubite ezilikulu; intsika zawo zimashumi mabini, neziseko zazo zikwa mashumi mabini, zizezexina; amagwegwe entsika nentonga zazo bezizezesilivere. 12Nangecala litshona ilanga amalengalenga ebezikubite ezingamashumi mahlanu; intsika zawo zilishumi, neziseko zazo zikwa lishumi; amagwegwe entsika nentonga zazo bezizezesilivere. 13Nangecala lipuma ilanga ngasempumalanga ikubite bezingamashumi mahlanu. 14Amalengalenga elinye icala lesango ebezikubite ezilishumi linesihlanu; intsika zawo zantatu, neziseko zazo zazikwa zitatu. 15Nangelinye icala lesango lebala, kwa lapa napaya, amalengalenga ebezikubite ezilishumi linesihlanu; intsika zawo zantatu, neziseko zazo zazikwa zitatu. 16Onke amalengalenga elingqongayo ibala ebengawepotiweyo iqiya eshiceneyo. 17Iziseko zentsika zibe zizezexina; amagwegwe entsika nentonga zazo bezizezesilivere; nesalekwa sentloko zazo besisesesilivere; zonke intsika zebala zabandakanyiswa ngentonga zesilivere. 18Ilengalenga lesango lebala lalilisetyenzwa lomtungi wamabala ngamabala, lezuluṙa, nesimnyama, nesibomvu, nepotiweyo iqiya eshiceneyo; lalizikubite ezingamashumi mabini ubude balo, nobupakamo balo, ebubanzini, lalizikubite ezintlanu, lilungelelene namalengalenga ebala. 19Intsika zawo zane, neziseko zazo zazine, zizezexina; amagwegwe azo ebengawesilivere, nesalekwa sentloko zazo nentonga zazo bezizezesilivere. 20Kanjalo zonke izikonkwane zetabanakele, nezebala elingqongayo, zazizezexina.
21Zezi izinto ezibalweyo zetabanakele, zetabanakele yesinqi̔no, ezibe zibalwa ngelizwi lika‐Mosesi, ngenkonzo yaba‐Levi, ngesandla sika‐Yitamare, unyana ka‐Arone umperisite. 22Waye u‐Betsalele unyana ka‐Uri, unyana ka‐Hure, owesizwe sika‐Juda, wenza konke uyehova abemyalele u‐Mosesi ngako. 23Nakunye naye wabengu‐Aholiyabi, unyana ka‐Ahisamaki, owesizwe sika‐Dane, obengumqingqi, nencibi yokuluka, nomtungi wamabala ngamabala, ngezuluṙa, nangesimnyama, nangesibomvu, nangepotiweyo iqiya eshiceneyo.
24Yonke igolide ekwenziwa ngayo umsebenzi, kuwo wonke umsebenzi weyingcwele indawo, kwa igolide yomnikelo, yabizitalente ezimashumi mabini anetoba, neshekele ezimakulu asixe̔nxe anamashumi matatu, ezingangayo ishekele yeyingcwele indawo.
25Nesilivere yababalweyo bentlanganiso ibizitalente ezilikulu, ueshekele eziliwaka linamakulu asixe̔nxe enamashumi asixe̔nxe enantlanu, ezingangayo ishekele yeyingcwele indawo: 26ibeka ngenxa yentloko ngentloko, oko kukuti, isiqingata seshekele, engangayo ishekele yeyingcwele indawo, ngenxa yabo bonke abagqitela kwababalweyo, bengabaminyaka ingamashumi mabini nabapezulu ubudala babo, ngenxa yabangamawaka angamakulu matandatu enamawaka matatu, anamakulu mahlanu enamashumi akwa mahlanu. 27Italente zesilivere ezilikulu, kwatyityishwa ngazo iziseko zeyingcwele indawo, neziseko zekuselo; ikulu leziseko ngekulu letalente, italente inye iyeyesiseko sinye. 28Neziliwaka linamakulu asixe̔nxe enamashumi asixe̔nxe enantlanu ishekele, wenza ngazo amagwegwe entsika, wazaleka intloko zazo, wazenzela intonga.
29Kanjalo ixina yomnikelo ibizitalente ezingamashumi asixe̔nxe, neshekele ezingamawaka mabini anamakulu mane. 30Wenza ngayo iziseko zocango lwentente yentlangano, nesibingelo sexina, neziko lexina esibe sinalo, nazo zonke impahla zeziko, 31neziseko zebala elingqongayo, neziseko zesango lebala, nazo zonke izikonkwane zetabanakele, nazo zonke izikonkwane zebala elingqongayo.

Currently Selected:

I‐Kesodusi 38: XHO1902A

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena