I‐Kesodusi 36

36
1BAZA basebenza u‐Betsalele no‐Aholiyabi, nawo onke amadoda anentliziyo elumkileyo, abete uyehova wanika ubulumko nengqondo kuwo, ukuba akwazi ukwenza yonke imisebenzi yenkonzo yeyingcwele indawo, njengako konke uyehova abeyalele kona. 2Ngokuba u‐Mosesi ebebizile u‐Betsalele no‐Aholiyabi, nawo onke amadoda anentliziyo elumkileyo, abebekile uyehova ubulumko ezintliziyweni zawo, kwa bonke abantliziyo yabavusayo ukusondela emsebenzini, ukuza kuwenza: 3abawamkela ku‐Mosesi wonke umnikelo, usapo luka‐Sirayeli beluwuzisile ngenxa yomsebenzi wenkonzo yeyingcwele indawo, ukuba wenziwe. Koko babesazisa kuye iminikelo yesisa ngemiso ngemiso. 4Kweza ngoko onke amalumko abesenza wonke umsebenzi weyingcwele indawo, evela amanye ngamanye emsebenzini wawo awenzayo, 5atsho ku‐Mosesi, esiti: Abantu bayazisa ngokuninzi pezu kwokuyaneleyo inkonzo yomsebenzi, lo wo uyehova ayalele ngawo ukuba wenziwe. 6Waza waxela u‐Mosesi, ukuba makudluliswe ilizwi emnqubeni, lisiti: Indoda nomfazi mabangabi sawenza umsebenzi ngenxa yomnikelo weyingcwele indawo! Kwa njalo abantu bayeka ukuzisa. 7Ngokuba impahla ibibanele ngenxa yawo wonke umsebenzi, ukuba bawenze; ibiyegqitisayo kanjalo.
8Baza bonke abantliziyo ilumkileyo pakati kwabo bawenzayo umsebenzi benzela itabanakele izikuselo zalishumi ngepotiweyo iqiya eshiceneyo, nezuluṙa, nesimnyama, nesibomvu: wayezenza zinekerubime, ngesetyenzwa lencibi yokuluka. 9Ubude baso isikuselo sinye babuzikubite ezimashumi mabini anesibozo, nobubanzi baso isikuselo sinye babuzikubite ezine: zonke izikuselo ezi zazinomlinganiswa mnye. 10Esinye isihlanu sezikuselo wabandakanyisa esinye kwesinye; nesinye isihlanu sezikuselo wabandakanyisa esinye kwesinye. 11Wenza namasango ezuluṙa ngasempetweni wesinye isikuselo, ngasencameni, esibandakanyelweni; wenje njalo nasempetweni wapandle wesikuselo, ekubandakanyweni kwesesibini. 12Wayesenza amasango amashumi mahlanu kwesinye isikuselo, namasango akwa mashumi mahlanu wawenza encameni yesikuselo esisekubandakanyweni kwesesibini: lamasango alungelelana elinye nelinye. 13Wenza namakonxo egolide amashumi mahlanu, wabandakanyisa izikuselo, esinye kwesinye, ngamakonxo lawo; yaza yaba yitabanakele inye.
14Wayesenza izikuselo ngoboya bebokwe, zibe yintente pezu kwayo itabanakele: zazizikuselo ezilishumi linasinye wazenzayo. 15Ubude baso isikuselo sinye babuzikubite ezimashumi matatu, nobubanzi baso isikuselo sinye babuzikubite ezine: ezizikuselo zilishumi linasinye zazinomlinganiswa mnye. 16Wayebandakanyisa izikuselo zazihlanu zizodwa, nezikuselo zazitandatu zizodwa nazo. 17Wenza namasango amashumi mahlanu ngasempetweni wesikuselo, wesapandle ekubandakanyweni, namasango akwa ngamashumi mahlanu wawenza ngasempetweni wesikuselo esibandakanyana nesesibini. 18Wawenza namakonxo exina amashumi mahlanu, okuba kubandakanyiswe intente, ize ibe inye.
19Kanjalo wayenzela intente isigubungelo ngezintsu zenkunzi zegusha zenziwe bomvu, nesigubungelo esinye ngezintsu zamacelesi pezu kwaso eso.
20Waza wayenzela itabanakele iplanke ngemiti yeshitime, zipakama. 21Zazikubite ezilishumi ubude beplanke nye, nobubanzi bayo iplanke nye yayikubite nesiqingata sekubite. 22Iplanke nye ibinezibambelo zazibini, zicwangcisiwe esinye silunge nesinye; wenje njalo kuzo zonke iplanke zetabanakele. 23Wayenzela itabanakele iplanke, zazimashumi mabini iplanke kwelasesuyide icala, ngasesuyide: 24neziseko zesilivere ezimashumi mane wazenza ngapantsi kwazo iplanke zomashumi mabini; zazibini iziseko ngapantsi kwenye iplanke kuzo izibambelo zayo zozibini, nezibini iziseko ngapantsi kwenye iplanke kuzo izibambelo zayo zozibini. 25Nakwelesibini icala letabanakele, kwelasenode icala, wazenza iplanke zamashumi mabini; 26neziseko zazo zesilivere ezimashumi mane; zazibini iziseko ngapantsi kwenye iplanke, nezibini iziseko ngapantsi kwenye iplanke. 27Necala lasemva letabanakele, ngasentshonalanga, walenzela iplanke zantandatu. 28Wenzela namagumbi etabanakele, emacaleni omabini, iplanke zambini. 29Zazihlanganiswa kunye ezantsi, kanjalo zahlanganiswa kunye napezulu kuwo umsesane umnye: wenje njalo kuzo zombini, emagumbini omabini. 30Kwaye kuko iplanke ezisibozo, neziseko zazo zesilivere, iziseko ezilishumi linesitandatu; zazibini iziseko ngapantsi kweplanke ezinye ngezinye.
31Wayesenza imivalo ngemiti yeshitime; yamihlanu eziplankeni zelinye icala letabanakele, 32nemihlanu imivalo eziplankeni zelinye icala letabanakele, nemihlanu imivalo eziplankeni zetabanakele, zecala lasemva ngasentshonalanga. 33Nowapakati umvalo wawenza ukuba udlule pakati kweplauke, kwa kwenye incam kwada kwakwenye incam. 34Neplanke wazaleka ngegolide, nemisesane yazo wayenza ngegolide ibe zindawo zemivalo; kanjako wayaleka imivalo ngegolide.
35Wayesenza ikuselo ngezuluṙa, nesimnyama, nesibomvu, nepotiweyo iqiya eshiceneyo: ngesetyenzwa lencibi yokuluka walenza lona, linekerubime. 36Walenzela intsika zane ngemiti yeshitime, wazaleka ngegolide: amagwegwe azo ebengawegolide; wayezityityishela iziseko zesilivere zazine.
37Kanjalo walwenzela ucango lwentente ilengalenga, ngezuluṙa, nesimnyama, nesibomvu, nepotiweyo iqiya eshiceneyo, isetyenzwa lomtungi wamabala ngamabala: 38kwa nentsika zalo zontlanu, namagwegwe azo; wayezaleka intloko zazo nentonga zazo ngegolide; kodwa iziseko zazo zozihlanu zazizezexina.

Currently Selected:

I‐Kesodusi 36: XHO1902A

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena