Umshumayeli 5
5
1GCINA unyawo lwako nxa uyayo endlwini katixo, ube kufupi ukuba uve, ngapezu kwokuba ulinike idini lezidenge: ngokuba zona zingazi ukuba ziyenza okubi. 2Unganxami ngomlomo wako, nentliziyo yako maingakaulezi ukuku̔pa into ebusweni bukatixo: ngokuba utixo esezulwini, kanti wena usemhlabeni: ngako oko maabe mancinane amazwi ako: 3ngokuba kusiza ipupa ngobininzi bomsebenzi, nokuteta kwesidenge ngobuninzi bamazwi. 4Xeshekweni usenza isibambiso kutixo, ungalibali ukusifeza; ngokuba engenanyamekelo ezidengeni: oko ubambisile ngako, kufeze. 5Kulungile ukuba ungabambisi, ngapezu kwokuba ubambise uze ungafezi. 6Ungavumeli umlomo wako ukuba uyenze inyama yako yone; kanjako ungatsho ebusweni bengelosi ukuti sisiposo: kunganina ukuba utixo aqumbele ukuteta kwako, abubise nomsebenzi wezandla zako? 7Ngokuba ebuninzini bamapupa kuko nezinto ezingendawo; ziko nakuwo amazwi amaninzi: kodwa wena yoyika utixo.
8Nxa ubonayo ukubandezelwa kwamahlwempu, nokuhlutwa kwobugwebo nobulungisa, elizwaneni, ungati nqa pezu kwomcimbi lowo: ngokuba kuko opezulu elinda opezulu, nabapezulu pezu kwabo bona. 9Kanjalo inzuzo yomhlaba ingenxa yabo bonke; kwa ukumkani uyancedwa ngentsimi.
10Otandayo imali akakoliswa yimali; nalowo utandayo ubutyebi akakoliswa yinzuzo. Oku kokungendawo nako. 11Nxa impahla yandayo, bayanda abo bayidlayo; kanjalo umniniyo; unoncedo lwanina, kupela ukukangela ngamehlo ake? 12Bumnandi ubutongo bosebenzayo, nokuba yinto encinane, nokuba yinto enkulu ayityayo; kodwa ubuninzi bosityebi abumvumeli ukuba alale ubutongo.
13Kuko ububi obuhlungu endibubonileyo ngapantsi kwelanga, — ubutyebi bugcinelwe umninibo bube yeyake inzakalo. 14Ngokuba ubutyebi obo butshabalala ngendawo yengozi; aze amzale unyana, nxa angenanto esandleni sake. 15Njengokuba ebepuma esiswini sonina, wobuya emke ezé, njengokuba ebesiza njalo; waengayi kwamkela nanto ngomzamo wake, angayipatayo esandleni sake. 16Kanjako oku bububi obuhlungu nako, ukuba njengendawo zonke zokuza kwake kwoba njalo ukumka kwake: aze abe nenzuzo yanina ozameleyo umoya? 17Kanjalo imihla yake yonke uyadla ebumnyameni, ecapukile, enobuhlungu nengqumbo.
18Nanku oko ndikubonileyo mna: kulungile, yinto entle, ukuba umntu atye, asele, adle ubuyolo kuwo wonke umzamo wake azamayo ngawo ngapantsi kwelanga, ngenani lemihla yobomi bake ayipiweyo ngutixo; ngokuba oko kusisabelwa sake. 19Kanjalo bonke abantu abapiweyo ngutixo ubutyebi nendyebo, ukuba ubanikile amandla okudla kuzo, nokutabata isabelwa sabo, nokuvuya emzanyeni wabo, kusisipo sikatixo oku. 20Ngokuba engayi kukumbula kakulu imihla yobomi bake, ngokuba utixo emsebenzisa ngovuyo lwentliziyo yake.
Currently Selected:
Umshumayeli 5: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.