I‐Duteronomi 25

25
1XESHEKWENI kuko ipike pakati kwabantu, bade basondele ematyaleni, ukuba abalungise, olungileyo aya kumgwebela, nokohlakeleyo aya kumgweba. 2Kwakuya kuti, ukuba okohlakeleyo ufanelwe kukubetwa, woti umgwebi enze ukuba alale pantsi, nokuba abetwe pambi kwobuso bake, ngokulingana nenkohlakalo yake, ngenani. 3Yimivimbo engamashumi mane angambetayo ngayo, angongezi; hleze kuti, akwongeza ukumbeta ngapezu kwayo le ngemivimbo emininzi, andule adeleke umzalwana wako emehlweni ako.
4Inkabi akuyi kuyifaka umkala ekubuleni kwayo.
5Xeshekweni abazalwana bahlala ndawonye, ade afe omnye kubo, engenamntwana, umfazi wofileyo akayi kwenda ngapandle, kowasemzini: umninawe wendoda yake uya kungena kuye, amzeke ukuba abe ngumfazi wake, enze imfaneleko yomninawe wendoda kuye. 6Kwakuya kuti, owamazibulo amzalayo uya kuma egameni lomkuluwe wake, lofileyo, ukuze kungacinywa igama lake kwa‐Sirayeli. 7Kodwa ukuba londoda ayitandi ukumzeka umfazi womkuluwe wayo, makenyuke umfazi womkuluwe wayo aye esangweni kubadala, ati: Umninawe wendoda yam uyala ukuvusela umkuluwe wake igama kwa‐Sirayeli, akavumi ukwenza imfaneleko yomninawe wendoda kum. 8Baya kwandula bambize abadala besixeko sake, batete naye. Ukuba uyamana ukutsho: Anditandi ukumzeka; 9makati umfazi womkuluwe wake asondele kuye emehlweni abadala abo, atule isihlangu sake elunyaweni lwake, atshice ebusweni bake, apendule ati: Kuya kwenziwa njengokunjalo kulondoda engayi kuyaka indlu yomkuluwe wayo. 10Kanjako liya kubizwa igama layo kwa‐Sirayeli ngokuti: Indlu yosihlangu situliweyo.
11Xeshekweni kungxolisana amadoda enye nenye, ati umfazi wenye asondele, ukuba ayikulule indoda yake esandleni saleyo iyibetileyo, asolule isandla sake, abubambe ubuhloni bayo; 12isandla sake wosinqumla, iliso lako aliyi kuba nalusizi.
13Akuyi kubako kuwe enxoweni yako ilitye nelitye, elikulu nelincinane. 14Akuyi kubako kuwe endlwini yako iyefa neyefa, enkulu nencinane. 15Woba nelitye elizalisekileyo elilungeleleneyo; woba neyefa ezalisekileyo elungeleleneyo; ukuze kwolulwe imihla yako pezu kwomhlaba uwupiwayo nguyehova, utixo wako. 16Ngokuba beyintshontsho kuyehova, utixo wako, bonke abakwenza okunjalo, bonke abenzayo ngobumenemene.
17Kumbula oko wausenzelwa kona ngu‐Amaleki endleleni, nakupuma e‐Jipete: 18okokuba wakukaulela endleleni, wababeta abasemva pakati kwenu, bonke ababutataka emva kwako, nxa ubucubukile wadinwa; akoyika ke utixo. 19Kwoti ke ngoko, akuba uyehova, utixo wako, ekupumzile kuzo zonke intshaba zako ezingqongayo, elizweni ulipiwayo nguyehova, utixo wako, libe lilifa, ukuba ulifuye, inkunjulwa ka‐Amaleki uya kuyicima kwa pantsi kwezulu: ungalibali ke!

Currently Selected:

I‐Duteronomi 25: XHO1902A

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena