I‐Duteronomi 13
13
1NXA kuvuka pakati kwenu umprofite, umhlaumbi umpupi wamapupa, okunikayo umqondiso, umhlaumbi ummangaliso; 2uze uhle lomqondiso, umhlaumbi lommangaliso, abeteta ngawo kuwe, esiti: Masilandele otixo bambi, abo ungabazanga, sibakonze; 3akuyi kupulapula kuwo amazwi alomprofite, umhlaumbi kuye lompupi wamapupa: ngokuba uyehova, utixo wenu, enilinga, ukuze azi ukuba niyamtanda uyehova, utixo wenu, ngayo yonke intliziyo yenu, nangawo wonke umpefumlo wenu, kusinina. 4Niya kumlandela uyehova, utixo wenu, nimoyike yena; nemiyalelo yake niya kuyigcina, nelizwi lake noliva; naniya kumkonza yena, ninamatele kuye. 5Kanti lomprofite, umhlaumbi lompupi wamapupa, uya kufiswa: ngokuba etetile impambuko ngakuye uyehova, utixo wenu, obenikupa ezweni le‐Jipete, wanikulula endlwini yobukoboka; ukuze akukukulise endleleni akuyaleleyo uyehova, utixo wako, ukuba uhambe kuyo. Kwa njalo uya kukwelelisa inkohlakalo pakati kwenu.
6Nxa umninawe wako, unyana wonyoko, umhlaumbi unyana wako, umhlaumbi intombi yako, umhlaumbi umfazi wesifuba sako, umhlaumbi umhlobo wako, onjengowako umpefumlo, aya kukuhenda ngasese, esiti: Masiye sikonze otixo bambi, abo ungabazanga, wena noyihlo bako; 7abakubo otixo babantu abaningqongayo, abakufupi kuwe, umhlaumbi abakude nawe, kwa kwenye incam yomhlaba kude kube nakwenye incam yomhlaba; 8akuyi kuvumelana naye, akuyi kupulapula kuye kanjalo; iliso lako aliyi kuba nosizi pezu kwake, akuyi kuba nanceba kuye, akuyi kumzimeza; 9koko uya kumbulala ngenyaniso; esako isandla soba pezu kwake kuqala ukumfisa, nesandla sabantu bonke kamva. 10Wauya kumgibisela ngamatye, ade afe: ngokuba ebefuna ukukukukulisa kuyehova, utixo wako, okukupileyo ezweni le‐Jipete, endlwini yobukoboka. 11Baye o‐Sirayeli bonke beya kuva, boyike, bangapindi ukwenza njengalento ekohlakeleyo pakati kwenu.
12Nxa uya kuva kwesinye sezixeko zakowenu, ozipiweyo nguyehova, utixo wako, ukuba uhlale kona, kusitwa: 13Kupumile amadoda, usapo lwobunginingini, kuni, akukulisileyo abemi besixeko sawo, esiti: Masiye sikonze otixo bambi, abo eningabazanga; 14uya kwandula ukufuna, upengulule, ukolise ukubuza: kekaloku bona ke, ukuba kuyinene, nokuba kuyinto eqinileyo, okokuba kwenziwe leyonto ebuntshontsho pakati kwenu; 15uya kugqibela ukubabeta abemi besixeko eso ngohlangoti lweṙele, usilahlela ekutshatyalalisweni, nako konke okukuso, nenkomo zaso, ngohlangoti lweṙele. 16Nalo lonke ixoba laso wolibutela pakati kwesitarate saso, ugqibele ukutshisa ngomlilo esosixeko nalo lonke ixoba laso, kuyehova, utixo wako: sasiya kuba yimfumba kude kube ngunapakade; asiyi kubuya sakiwe. 17Kanjalo akuyi kunamatela nto esandleni sako koko kulahlelweyo ekutshatyalalisweni: ukuze aguquke uyehova ebushushwini bengqumbo yake, akwenzele izibele, akupate ngenceba, akwandise, njengokuba efungele oyihlo bako; 18nxa uya kupulapula ilizwi likayehova, utixo wako, lokuba ugcine yonke imiyalelo yake endikuyalelayo namhla, yokuba ukwenze okufaneleyo emehlweni kayehova, utixo wako.
Currently Selected:
I‐Duteronomi 13: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.