U‐Danyeli 8
8
1NGOWESITATU umnyaka wobukumkani buka‐Beleshatsare, umboniso wabonakala kum mna Danyeli, emveni kwalowo wabonakalayo kum ekuqaleni. 2Ndabona ke embonisweni; kwaye kute ndakubona, bendise‐Shushane komkulu, eselizwaneni le‐Helami; ndabona embonisweni ukuba ndingasemlanjeni we‐Wulai. 3Ndaza ndawapakamisa amehlo am, ndakangela, kekaloku bona ke, kwema pambi kwomlambo inkunzi yegusha inempondo mbini: ezo impondo mbini zazinde; kodwa olunye belulude kolunye, kanjalo olude lwagqibela ukupuma. 4Ndabona inkunzi yegusha inquba ngasentshonalanga, nangasenode, nangasesuyide, kwaza akwabiko nasinye isilo esinokuma ebusweni bayo, kanjako bekungeko ohlangulayo esandleni sayo; kodwa yenza ngentando yayo, yaba nkulu.
5Kekaloku ndisagqala nje, bona ke, inkunzi yebokwe yavela entshonalanga pezu kwobuso bomhlaba wonke, ingapati umhlaba kodwa: ibokwe leyo ibinopondo olubonakalayo pakati kwamehlo ayo. 6Yayisiza kuyo inkunzi yegusha enempondo mbini, leyo ndabendiyibonile imi pambi kwomlambo, yabalekela kuyo ngobuṙalaṙume bamandla ayo. 7Ndayibona isondela kufupi nenkunzi yegusha, yaza yacunukiswa ngakuyo, yayibeta inkunzi yegusha, yazapula impondo zayo zombini; kwada akwabi sabiko amandla kuyo inkunzi yegusha okuba ime pambi kwayo, koko yayiwisa pantsi emhlabeni, yayinyatela; kanjako bekungeko owahlangulayo inkunzi yegusha esandleni sayo. 8Yada yaba nkulu kunene inkunzi yebokwe: kodwa yakuba inamandla, lwapuka olopondo lukulu, zaza zenyuka ezine ezibonakalayo endaweni yalo, ngasemimoyeni yomine yezulu. 9Nakolunye lwazo lwapuma upondo oluncinane, olwaba lukulu ngento egqitisileyo, ngasesuyide, nangasempumalanga, nangas ezweni elihle. 10Lwaba lukulu ngasemkosini wezulu; lwaza lwawisa ngasemhlabeni inxenye kumkosi lowo nakwinkwenkwezi, lwazinyatela. 11Lwaluzenza lukulu nangakuyo inkosi yomkosi, kwaza kwasuswa kuyo idini elifuti, nentlalo yendawo eyingcwele yayo yawiswa pantsi. 12Wonikelwa nomkosi, ngapezu kw edini elifuti, ngenxa yesigqito; lwaluya kuwisa pantsi inyaniso emhlabeni, lwenze nokwenza, luhambiseke kanjako.
13Ndaza ndeva oyingcwele eteta; wati omnye oyingcwele kulowo okwa nguye owatetayo: Woba kade kangakananina umboniso ngalo idini elifuti nesigqito esicitakalisayo, ukuba kunikelwe n endawo eyingcwele nomkosi ukunyatelwa pantsi? 14Wayesiti kum: Kwa kude kube yimihla engamawaka mabini anamakulu matatu; yandul’ ukulungiswa indawo eyingcwele.
15Kwaza kwati, xeshekweni bendibonile umboniso, mna Danyeli, ndafuna ukuwuqonda, kekaloku bona ke, kwema ngapambi kwam njengokubonakala kwendoda. 16Ndeva nelizwi lomntu pakati kwomlambo we‐Wulai, owabizayo, wati: Gabriyeli! mqondise lo umboniso. 17Wasuka weza kufupi apo ndema kona; ndati ke akuza, ndoyika, ndawa ebusweni bam: waza wati kum: Qonda, wena nyana woluntu! ngokuba umboniso lo ungowexesha lesipelo. 18Kekaloku nxa asateta nam, ndawelwa butongo obukulu ndisebusweni bam ngasemhlabeni; wandula wandicu̔kumisa, wandimisa pezu kwendawo yokuma yam. 19Wayesiti: Bona ke, ndiya kukwazisa oko okuya kubako ekugqityelweni kwengqumbo; ngokuba ixesha elimiselweyo sinesipelo.
20Inkunzi yegusha owayibonayo inempondo mbini, bangokumkani bama‐Medi nama‐Peresiya. 21Nebokwe elixonti, ngukumkani we‐Javane; nopondo olukulu, olo lupakati kwamehlo ayo, ngukumkani wokuqala. 22Kekaloku ukuba lwapuka lona, nokuba kwema ezine endaweni yalo, kuya kusuka ubukumkani obune esizweni eso, kodwa akuyi kuba semandleni alo. 23Nasekupeleni kwobukumkani bazo, bakuba abagqiti befezile ukugqita, kwosuka ukumkani, elukuni ngobuso, eqonda amaqinga. 24Amandla ake aya kwomelela, kodwa akuyi kuba ngawake amandla: uya kutshabalalisa ngokungummangaliso, ahambiseke, enze nokwenza; waeya kutshabalalisa abanamandla nabantu abangcwele. 25Kanjako ngobuqinga bake uya kuhambisa inkohliso esandleni sake: waeya kuzenza mkulu entliziyweni yake, atshabalalise abaninzi eluxolweni: kanjalo uya kumela inkosi kankosi; kodwa uya kwapulwa singeko isandla. 26Kekaloku umboniso wokuhlwa nokusa, oxeliweyo, uyinene; kodwa wena, wuvalele lomboniso, ngokuba ungowemihla emininzi.
27Ndaza mna Danyeli ndawa, ndandintsuku ndisifa; ndada ndesuka, ndawenza umsebenzi wokumkani; ndabenditelwa nqa lomboniso, kodwa akwabiko owuqondayo.
Currently Selected:
U‐Danyeli 8: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.