U‐Danyeli 4
4
1UNEBUKANETSARE ukumkani, kubo bonke abantu, izizwe, nenteto, abemiyo kuwo wonke umhlaba: Uxolo lwenu malwandiswe! 2Imiqondiso nemimangaliso endenzelwe yona ngutixo opezu kwonke, kwakoleka kum ukuba ndiyishumayele. 3Hai ukuba mikulu kwemiqondiso yake! hai ukuba namandla kwemimangaliso yake! ubukumkani bake bubukumkani obungunapakade, nobukosi bake bukwisizukulwana ngesizukulwana.
4Mna Nebukanetsare bendonwabile endlwini yam, bendicu̔mile kwa seluxandeni lwam: 5ndabona ipupa elandoyikisayo; kanjalo inkumbulo zam pezu kwomandlalo wam, nemiboniso yentloko yam zanditusa. 6Ndaza ndawenza umteto wokuba kungeniswe onke amalumko ase‐Babilone pambi kwam, ukuze andazise ukutyilwa kwepupa elo. 7Kwandula kwangena incibi, abanyangi, aba‐Kaledine, namatola; ndaza ndalixela ipupa ebusweni babo, kodwa abandazisa ukutyilwa kwalo. 8Kwada ngokupela kwangena pambi kwam u‐Danyeli, ogama lingu‐Beleteshatsare, njengegama lotixo wam, okukuye umoya wotixo abangcwele; ndaza ndalixela ipupa pambi kwake, ndisiti:
9Beleteshatsare, nkosi yencibi! ngokokuba ndisazi ukuba umoya wotixo abangcwele ukuwe, nokuba ayixaki wena nanye imfihlakalo, ndixelele imiboniso yepupa lam endilibonileyo, nokutyilwa kwalo. 10Imiboniso yentloko yam ndipezu kwomandlalo wam, yilé: Ndakangela, kekaloku bona ke, bekuko umti pakati kwomhlaba, nobude bawo bebubukulu. 11Wakula umti lowo, womelela ke; kanjalo ubude bawo bafikela ezulwini, nokubonwa kwawo ekupeleni kwomhlaba wonke. 12Amagqabi awo ebemahle, neziqa̔mo zawo bezizininzi; kwabekuko kuwo ukutya okwanele bonke: ngapantsi kwawo bezinomtunzi izilo zezindle, nasemasebeni awo zahlala intaka zezulu, lwadliswa nakuwo uluntu lwonke. 13Ndakangela kanjako emibonisweni yentloko yam ndipezu kwomandlalo wam, kekaloku bona ke, umlindi, kwa oyingcwele, wehla ezulwini; 14owadanduluka ngamandla, watsho ukuti: Gaulani umti lowo, niwanqumle amasebe awo; vutululani amagqabi awo, nizicite iziqa̔mo zawo; mazisuke izilo pantsi kwawo, nentaka emasebeni awo; 15kodwa isipunzi sengcambo zawo sishiyeni emhlabeni, sinombambo wesincete nexina eluhlazini lwasendle: makanete ngombete wezulu, nesabiwo sake masibe ndawonye nezilo ebutyanini bomhlaba: 16intliziyo yake mayiguqulwe ingabi yeyomntu, nentliziyo yesilo mayimkwe kuye; kanjalo makadlule pezu kwake amaxesha asixe̔nxe. 17Londawo ingomgwebo wabalindi, nesisibizo singelizwi labazingcwele; ukuze abahleliyo babe nokwazi ukuba opezu kwonke uyapata ubukosi pezu kwobukumkani babantu, ebunika kulowo atandayo, ewe, emisa pezu kwabo abantu abamnyama. 18Elipupa ndilibonile mna kumkani u‐Nebukanetsare. Ngako wena, Beleteshatsare! kuxele ukutyilwa kwalo; ngokokuba onke amalumko asebukumkanini bam akohliwe ukundazisa ukutyilwa: kodwa wena akukohliwe; ngokuba umoya wotixo abangcwele ukuwe.
19Wandula u‐Danyeli, ogama lingu‐Beleteshatsare, wati nqa ngomzuzwana, nezicamango zake zamtusa. Wapendula ukumkani, wati: Beleteshatsare! ungetuswa lipupa nakukutyilwa kwalo. Wapendula u‐Beleteshatsare, wati: Nkosi yam! ipupa elo malibe kwabo bakutiyayo, nokutyilwa kwalo kwintshaba zako! 20Umti ke obuwubona, owakulayo, owomelelayo, obude bawo bafikelayo ezulwini, nokubonwa kwawo emhlabeni wonke; 21omagqabi awo abemahle, neziqa̔mo zawo bezizininzi; okwabekuko kuwo ukutya okwanele bonke; ezazite izilo zezindle zahlala ngapantsi kwawo, nentaka zezulu zalalisa emasebeni awo; 22unguwe, kumkani! okulileyo, owomeleleyo: ngokuba ubukulu bako bukulile, buyafikela kwa sezulwini, nobukosi bako ekupeleni kwomhlaba. 23Kanjalo, ukuba ukumkani wabona umlindi, kwa oyingcwele, esihla ezulwini, owabesiti: Gaulani umti lowo, niwutshabalalise; kodwa isipunzi sengcambo zawo sishiyeni emhlabeni, sinombambo wesincete nexina eluhlazini lwasendle; makanete ngombete wezulu, nesabiwo sake masibe ndawonye nezilo ebutyanini bomhlaba, kude kudlule pezu kwake amaxesha asixe̔nxe; 24kuko oku ukutyilwa, kumkani! nguwo ke umgwebo wopezu kwonke, oya kuza pezu kwenkosi yam ukumkani: 25Uya kugxotwa ebantwini, kuti ukuhlala kwako kube ndawonye nezilo zezindle, wauya kudliswa utyani njengenkabi, wonetiswa ngumbete wezulu, kwakuya kudlula pezu kwako amaxesha asixe̔nxe, ude ukwazi ukuba opezu kwonke uyapata ubukosi pezu kwobukumkani babantu, ebunika kulowo atandayo. 26Nokokuba kwaxelwa ukuba kushiywe isipunzi sengcambo zalomti, ubukumkani bako boba buqinile kuwe, emvenikweni uya kukwazi ukuba izulu liyapata ubukosi. 27Ngako oko, kumkani! icebo lam malikoleke kuwe, uzikumle izono zako ngobulungisa, nenkohlakalo zako ngokupata amahlwempu ngofefe; kungati kuya kwolulwa ukwonwaba kwako.
28Konke oku kweza pezu kwokumkani u‐Nebukanetsare. 29Ekupeleni kwenyanga zilishumi elinambini wabehamba pezu kwoxande lwobukumkani be‐Babilone. 30Wateta ukumkani, wati: Le asi yiyo na i‐Babilone enkulu, endiyakileyo ibe yindlu yobukumkani ngobukulu bamandla am, nangenxa yodumo lwobungcwalisa bam? 31Nxa ilizwi elo lisesemlonyeni wokumkani, lawa ilizwi ezulwini, lisiti: Kutwa kuwe, kumkani Nebukanetsare: Ubukumkani bumkile kuwe; 32wauya kugxotwa ebantwini, kuti ukuhlala kwako kube ndawonye nezilo zezindle; uya kudliswa utyani njengenkabi, kwakuya kudlula pezu kwako amaxesha asixe̔nxe, ude ukwazi ukuba opezu kwonke uyapata ubukosi pezu kwobukumkani babantu, ebunika kulowo atandayo.
33Kwa ngeloxanyana yafezwa lento pezu kwo‐Nebukanetsare: wagxotwa ke ebantwini, wadla utyani njengenkabi, waneta umzimba wake ngombete wezulu, zada zakula inwele zake njengentsiba zokozi, nenzipo zake njengezentaka.
34Nasekupeleni kwalomihla, mna Nebukanetsare ndawapakamisa amehlo am ngasezulwini, kwati ukuqonda kwam kwabuyela kum; ndaza ndambonga opezu kwonke, ndamdumisa ndambeka lowo okuhlala kungunapakade, obukosi bubukosi obukwa ngunapakade, nobukumkani bake bukwisizukulwana ngesizukulwana: 35bonke abemi bomhlaba bayabalwa ngokuba yinto engento; uyenza ngentando yake kwa semkosini wezulu, napakati kwabemi bomhlaba; akuko ongabambayo isandla sake, nongati kuye: Wenza nto nina? 36Kwa ngeloxanyana kwabuyela kum ukuqonda kwam; nangenxa yodumo lwobukumkani bam, kwabuyela kum ubungcwalisa bam nenkazimlo yam; andifuna ke amapakati am nemiduna yam; kanjako ndaqiniswa ebukumkanini bam, nobukulu obugqitisileyo bongezelelwa kum.
37Kaloku mna Nebukanetsare ndiyamdumisa, ndiyampakamisa, ndiyambeka ukumkani wezulu, omisebenzi yake yonke iyinyaniso, nendlela zake zibubulungisa: nabo bahambayo nger̔atshi unamandla yena okubatobisa.
Currently Selected:
U‐Danyeli 4: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.