U‐Danyeli 10

10
1NGOMNYAKA wesitatu ka‐Koreshe ukumkani we‐Peresiya, kwatyilwa into ku‐Danyeli, ogama lalibizwa ngo‐Beleteshatsare: lento ibiyinene, kodwa ukulwa bebukukulu: wayiqonda lento, wanokuqonda ngomboniso kanjalo. 2Ngezontsuku mna Danyeli bendilila isitatu seveki zemihla. 3Isonka esimnandi bendingasidli, akwangena emlonyeni wam nenyama neveyine, bendingake ndazitambisa kanjako, kwada kwazaliseka ezoveki zemihla zontatu.
4Nangowamashumi mabini anesine umhla wenyanga yokuqala, nxa bendingasecaleni lomlambo omkulu, le‐Hidekele, 5ndawapakamisa amehlo am, ndakangela; kekaloku nantsiya indoda yambete izivato zeqiya, nesinqe sayo sibinqiwe ngegolide yase‐Yufazi: 6nomzimba wayo ubunjengelitye letareshishe, nobuso bayo njengokubonakala kwombane, namehlo ayo njengezibane zomlilo, nengalo zayo nenyawo zayo njengobubengebenge bexina egudisiweyo, nentlokoma yamazwi ayo njengentlokoma yesihlwele.
7Lomboniso ndawubona mna Danyeli ndedwa; ngokuba amadoda abeko nam engabonanga umboniso lowo; koko ebewelwe kukunkwantya okukulu, aza abaleka ukuba azimele. 8Ndaza ndashiywa ndedwa, ndawubona lomboniso umkulu, kodwa akwasala amandla kum; kwandiguqulelwa ukwomelela kwam kwaba kukwonakala, ndingasabambanga amandla. 9Ndayiva noko intlokoma yamazwi ayo; naxeshekweni bendisiva intlokoma yamazwi ayo, ndawelwa bubutongo obukulu ndipezu kwobuso bam, ubuso bam bungasemhlabeni. 10Kekaloku bona ke, kwandicu̔kumisa isandla, esandigexisa pezu kwamadolo am nentende zezandla zam. 11Wayesiti kum: Danyeli, ndoda etandiweyo! gqala amazwi endiwatetayo kuwe, ume pezu kwendawo yokuma yako; ngokuba nditunyiwe kaloku nje ukuza kuwe. Ndati akuba etetile elolizwi kum, ndema ndingcangcazela. 12Waza wati kum: Zungoyiki, Danyeli! ngokuba kowokuqala umhla ubuyibeka intliziyo yako ukuqonda, nokuzibandezela pambi kwotixo wako, ebeviwa amazwi ako; ndize nam ngenxa yamazwi ako. 13Kodwa inkosi yobukumkani be‐Peresiya yandimela intsuku zamashumi mabini ananye: koko, bona ke, u‐Mikaheli, enye yenkosi zokuqala, weza kundinceda; ndaza ndasala kona ndawonye nabo okumkani be‐Peresiya. 14Ndize ke ukuba ndikuqondise okuya kuhla ebantwini bako emihleni yokupela: ngokuba umboniso usengowemihla emininzi.
15Ndati akuba etetile lamazwi kum, ndabeka ubuso bam ngasemhlabeni, ndaba sidenge. 16Kekaloku bona ke, ofana nonyana boluntu wacu̔kumisa umlomo wam; ndandul’ ukuvula umlomo wam, ndateta, ndati kulowo owema ngapambi kwam: Nkosi! ngawo umboniso intsizi zam ziguqulwe pezu kwam, ndingasabambanga amandla. 17Singati nina ke isicaka salenkosi yam ukuteta nalenkosi yam? ngokuba mna, kwa kaloku kungahleli amandla kum, kungasele umpefumlo kum kanjalo.
18Waza wabuya wandicu̔kumisa onjengokubonakala kwomntu, wandomeleza, 19wati: Zungoyiki, ndoda etandiweyo! uxolo malube kuwe, yomelela, ewe, yomelela. Nakeshekweni abeteta nam, ndomelezwa, ndati: Maitete inkosi yam; ngokuba undomelezile.
20Waza wati: Uyazi na ndizele nina kuwe? Kodwa ngoku ndiya kubuya ukuba ndilwe nenkosi ye‐Peresiya; nxa ndipumileyo mna, bona ke; iya kuza inkosi ye‐Javane. 21Noko ndiya kushumayela kuwe oko kuba̔liweyo esiba̔lweni senyaniso. Akuko ke namnye ozomelezelana nam ngakuzo ezi, kupela ngu‐Mikaheli inkosi yenu.

Currently Selected:

U‐Danyeli 10: XHO1902A

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena