U‐Hamose 7
7
1YENJE nje ukundibonisa inkosi e nguyehova: bona ke, yadala imiqikela ekuqaleni kwokuhluma kwenca yasemva; bona ke, ibiyinca yasemva emva kwokusikelwa ukumkani. 2Kwaza kwati, yakuba igqibile ukuyidla inca yelizwe, ndati: Nkosi Yehova! zuxolele ke! ngubanina u‐Yakobi ukuba eme? ngokuba emncinane yena. 3Wati uyehova wanosizi pezu kwoku: Akuyi kubako, utsho uyehova.
4Yenje nje ukundibonisa inkosi e nguyehova: bona ke, inkosi e nguyehova yabiza ukuba kupikwe ngomlilo, waza wayidla inzulu enkulu, wasidla nesabiwo. 5Ndaza ndati: Nkosi Yehova! zuyeke ke! ngubanina u‐Yakobi ukuba eme? ngokuba emncinane yena. 6Wati uyehova wanosizi pezu kwoku: Nako oku akuyi kubako, itsho inkosi e nguyehova.
7Yenje nje ukundibonisa: kekaloku, nantsi inkosi imi pezu kwodonga olwakiweyo ngeplumete, inayo iplumete esandleni sayo. 8Wayesiti uyehova kum: Yinto nina uyibonayo, Hamose? Ndati: Yiplumete. Yaza yati inkosi: Bona ke, ndoyibeka iplumete pakati kwabantu bam o‐Sirayeli; andisayi kupinda ndidlule kubo: 9indawo ezipakamileyo zo‐Yisake zotiwa tshabalala, nendawo ezingcwele zo‐Sirayeli ziya kuci̔takaliswa; ndandiya kusukela ngakwindlu ka‐Jerobome ngesiṙele.
10Wandula u‐Amatsiya, umperisite we‐Betele, watuma ku‐Jerobome, ukumkani wo‐Sirayeli, esiti: Ucebile ngakuwe u‐Hamose pakati kwendlu ka‐Sirayeli; ilizwe alingetwale onke amazwi ake. 11Ngokuba etshilo u‐Hamose ukuti: u‐Jerobome uya kufa ngesiṙele; no‐Sirayeli uya kutinjwa ngenyaniso emhlabeni wake. 12Waza u‐Amatsiya wati ku‐Hamose: Wena mboni! hamba, sabela elizweni lakwa‐Juda, uti apo usidle isonka, nalapo uprofiteshe: 13kodwa ungabi sapinda ukuprofitesha e‐Betele: ngokuba yindawo engcwele yokumkani, ngumzi wobukumkani kanjalo. 14Wandula wapendula u‐Hamose wati ku‐Amatsiya: Bendingenguye umprofite, bendingenguye nonyana womprofite: kodwa bendingumalusi wenkomo, nombuti wamakiwane: 15waza wanditabata uyehova ekulandeleni umhlambi, waye uyehova esiti kum: Hamba, profitesha ebantwini bam o‐Sirayeli. 16Ngako kaloku yiva ilizwi likayehova. Uti wena: Ungaprofiteshi ngaku‐Sirayeli; kanjako, ungaku̔pi lizwi ngakuyo indlu ka‐Yisake. 17Ngako oko utsho uyehova ukuti: Umfazi wako woba ngumpinyiswa esixekweni; onyana bako nentombi zako baya kuwa ngesiṙele; nomhlaba wako uya kwabiwa ngentambo; nawe uya kufa emhlabeni onco̔lisekileyo; waye u‐Sirayeli eya kutinjwa ngenyaniso emhlabeni wake.
Currently Selected:
U‐Hamose 7: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.