Izenzo zabapostile 5
5
1Kodwa indoda etile egama lalingu‐Hananiya, kunye no‐Safira umfazi wayo, yatenga ngemfuyo, 2yazahlulela kwinani, umfazi wayo esazela oko naye, yasizisa isahlulo esitile, yabeka eso ngasezinyaweni zabapostile. 3Waza wati u‐Petrosi: Hananiya! yinina ukuba u‐Satane uzalisile intliziyo yako, ukuba uxokise umoya oyingcwele, nokuba uzahlulele kwinani lomhlaba lowo? 4Nxa ubusahleli, ubungasahleli ungowako na? nanxa ubutengiswe, ubungabi semandleni ako na? yinina ukuba uyicingile lento entliziyweni yako? akuxokanga ebantwini, koko uxoke kutixo. 5Wati u‐Hananiya esiva amazwi la, wawa pantsi, wapuma umpefumlo: kwaza kwehla ulwoyiko olukulu pezu kwabo bonke ababesiva ezizinto. 6Esuka ke amadodana ambopa, aza amtwalela pandle amncw̔aba.
7Kwasekumzuzu wanga wangoweyure ezintatu, wandula umfazi wake, engakwazi oko bekwenzekile, wangena. 8Waza wapendula u‐Petrosi wati kuye: Ndixelele ukuba umhlaba ubutengelwe okungako na? Wati ke yena: Ewe, okungako. 9Waza u‐Petrosi wati kuye: Yinina ukuba nivumelene ukulinga umoya wenkosi? bona ke, inyawo zabo bayincw̔abileyo indoda yako zingasemnyango, zaziya kutwalela pandle nawe. 10Waselesiwa pantsi kwa oko ngasezinyaweni zake, wapuma umpefumlo: angena ke amadodana amfumana efile, aza amtwalela pandle amncw̔aba ngasendodeni yake. 11Kwaza kwehla ulwoyiko olukulu pezu kwayo yonke iṙemente, napezu kwabo bonke ababesiva ezizinto.
12Kanjako ngezandla zabapostile kwenziwa imiqondiso nemimangaliso pakati kwabantu emininzi: baye beko ngentliziyo nye kwa bonke entendelezweni ka‐Solomone: 13kodwa abanye bekungeko namnye wabo obenokukalipa kwokuzibandakanyela kubo; koko abantu bebebazukisa: 14kwaye kusongezelelwa ngakumbi amakolwa kwinkosi, into eninzi neyamadoda neyamankazana: 15bada batwalelwa pandle abafayo kuzo zonke izitarate, babekwa pezu kwemandlalo nenku̔ko, ukuze kuti, kwakufika u‐Petrosi, kusibekelele inxenye yabo noko sisitunzi sake sodwa. 16Kwaye kubutela e‐Yerusaleme into eninzi yabezixeko ezipahlayo, bezisa abafayo nabakatazwa ngomoya abanco̔lileyo, ababepiliswa kwa bonke.
17Waza wesuka umperisite omkulu, nabo bonke ababenaye, (abebeluhlobo lwabasadusi,) bazaliswa luzondo, 18babeka izandla zabo pezu kwabapostile, babafaka entolongweni yabamnyama. 19Kodwa ingelosi yenkosi ngobusuku obo yavula ingcango zentolongo, yabaku̔pa, yati: 20Yiyani, nime nitete etempileni ebantwini onke amazwi obubomi. 21Bati bakuva oko, bangena kusasa etempileni, bafundisa.
Kekaloku efikile nje umperisite omkulu, nabo babenaye, babizela ndawonye intlanganiso yamapakati nabo bonke abadala bosapo luka‐Sirayeli, batumela entolongweni ukuba baziswe. 22Kodwa amadindili akufika akabafumana entolongweni; aza abuya, ashumayela, 23esiti: Intolongo okunene sayifumana ivaliwe ngokunqaba konke, nabalindi bemi ngapandle pambi kwengcango; kodwa sakuvula, asafumana mntu pakati. 24Xeshekweni ke umperisite omkulu nenkosi yetempile nabaperisite abakulu baweva lamazwi, bebexakekile pezu kwawo, ukuba kungada kube yinto nina oku. 25Kwaza kwafika umntu wabashumayeza, esiti: Bona ke, lomadoda enawafakayo entolongweni, asetempileni, emi efundisa abantu.
26Yandula yemka inkosi yetempile kunye namadindili, yaya yawazisa, ingawazisi ngamandla, ngokuba bebesoyika abantu, ukuze bangagityiselwa ngamatye. 27Bati bakuba bewazisile, bawamisa entlanganisweni yamapakati: waza umperisite omkulu wababuza, 28esiti: Asaniyalela kunene na ukuba ningafundisi ngeligama? kanti bona ke, niyizalisile i‐Yerusaleme ngemfundiso yenu, nifuna ukunga ningalizisa pezu kwetu igazi lalomntu kanjako.
29Kodwa u‐Petrosi nabanye abapostile bapendula bati: Kufanele ukupulapula utixo ngapezu kwabantu. 30Utixo wobawo betu wamvusa u‐Yesu, enati nina nambulala nimxo̔mile emtini. 31Yena lo utixo umpakamisele kwesokunene sake abe yinkosi nomsindisi, ukuba anike uguquko ko‐Sirayeli noxolelwa lwezono. 32Nati singamanqi̔na ake ngezizinto; kwa nomoya oyingcwele kanjalo, ate utixo wamnika kubo abampulapulayo.
33Kekaloku bakuva oku, bebecunukile kakulu, banxamela ukubabulala. 34Kodwa wesuka wema umfarisi otile entlanganisweni, ogama lalingu‐Gamaliyeli, umfundisimteto obekekileyo pakati kwabo bonke abantu, waxela ukuba abapostile mabapunyiswe kube mzuzwana; 35waza wati kubo: Madoda, bo‐Sirayeli! zilumkeleni ukuba niza kwenza nto nina ngendawo yababantu. 36Ngokuba pambili kuzo ezintsuku kwesuka u‐Teyuda, esiti ungumntu omkulu, ekwanamatela kuye inani lamadoda anga angamakulu mane; owayebulewe; nabo bonke ababetelela kuye, baci̔teka bati tshabalala. 37Emveni kwaló kwesuka u‐Jude um‐Galili, emihleni yesiba̔lelo, waku̔kulisa abantu abaninzi emva kwake; owabuba naye; nabo bonke ababetelela kuye, baci̔twa. 38Nokwakaloku nje nditi kuni: Gwegwedani kubo ababantu, nibayeke; ngokuba eliqinga umhlaumbi lomsebenzi ukuba uti ube ngowabantu, uya kutshatyalaliswa; 39kodwa ukuba ungo katixo, aningewutshabalalise, hleze nike nifunyanwe nisilwa kwa notixo.
40Beyiswa nguye ke: baza bakuba bebebabizile abapostile, babatyabula, babayalela ukuba bangateti ngegama lika‐Yesu, babandulula. 41Bati ke ngoko bona bemka bevuya ebusweni bentlanganiso, ngokokuba bebebalwa ngokuba befanele ukupatwa ngokuhlazekileyo ngenxa yegama lake. 42Kanjalo ngemihla yonke etempileni nakwizindlu ngezindlu, babengapezi ukufundisa nokushumayela u‐Yesu ongu‐Kristu.
Currently Selected:
Izenzo zabapostile 5: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.