Izenzo zabapostile 3
3
1KEKALOKU u‐Petrosi no‐Johane bebenyukela etempileni kunye ngeyure yokutandaza, ngeyesitoba. 2Kwaye kutwalwa indoda etile ebisisiqwala kwa sesizalweni sonina, eyabibekwa imihla ngemihla ngasesangweni letempile elikutiwa Lelihle, ukuze icele amalizo kwabo babengena etempileni; 3eyati yakubona u‐Petrosi no‐Johane beza kungena etempileni, yatandaza ukuba iwamkele umlizo. 4Waza u‐Petrosi, ebeke amehlo pezu kwayo kunye no‐Johane, wati: Kangela ngakuti. 5Yabagqala ke, ilinda ukwamkela into kubo. 6Wayesiti u‐Petrosi: Isilivere negolide aziko kum; kodwa oko endinako ndiyakupa kona: Egameni lika‐Yesu Kristu um‐Nazarete, suka uhambe. 7Waza wayibamba ngesokunene isandla, wayisukisa: zasezisomelela inyawo zayo namaqata ayo kwa oko. 8Yaza isuka ngokutsiba yema yahamba, yangena kunye nabo etempileni, ihamba, itsiba, idumisa utixo. 9Bati bonke abantu bayibona ihamba, idumisa utixo: 10baye beyazi ukuba ingulowo obehlalela amalizo ngasesangweni letempile eli‐Lelihle: baza bazaliswa kukuti nqa nakukumangaliswa pezu kwokuyihleleyo.
11Kekaloku nxa isiqwala esasipilisiwe sibe sibambelela ku‐Petrosi no‐Johane, bonke abantu babalekela kubo kunye entendelezweni ebizwayo ngokutiwa yeka‐Solomone, besiti nqa kakulu.
12Waza u‐Petrosi, akubona oko, wapendula ebantwini, wati: Madoda, bo‐Sirayeli! yinina ukuba nikutele nqa oku? kanjalo yinina ukuba nisijonge tina, njengokungati simenzile lomntu ahambe ngawetu amandla nobubedesho? 13Utixo ka‐Abrahame, noka‐Yisake, noka‐Yakobi, utixo wobawo betu, wenzele isicaka sake u‐Yesu ubungcwalisa; enite nina namnikela, namkanyela ngasebusweni buka‐Pilati, akuba ebegwebile yena ukuba akululwe. 14Kodwa namkanyela oyingcwele nolungileyo, nacela ukuba nipiwe umbulali; 15noyimbangi yobomi namfisa, ate utixo wamvusa ekufeni, esingamanqi̔na ako tina. 16Nangalo ukolo egameni lake, lomntu enimbonayo nenimaziyo igama lake limomelezile: ewe ukolo olungaye lamnika okukupila okufezekileyo pambi kwenu nonke. 17Nakaloku, bazalwana! ndiyazi ukuba nanikwenza oku ngako ukungazi, njengokuba benje njalo nabapati benu. 18Kodwa ezonto utixo wazishumayelayo pambili ngomlomo wabo bonke abaprofite bake, zokuba u‐Kristu eve intlungu, uzizalisekisile ngokunjalo. 19Gqobokani ngoko, niguquke, ukuba zicinywe izono zenu; ukuze kube kufika amaxesha onwabiso evela ebusweni benkosi; 20ize itume u‐Yesu Kristu obeshunyayelwe pambili kuni; 21ekufanele ukuba izulu limamkele kude kube ngamaxesha okuhlaziywa kwezinto zonke, ate utixo wateta ngawo ngomlomo wabo bonke abaprofite bake abangcwele bakudala. 22Ngokuba u‐Mosesi watsho kubo obawo ukuti: Uyehova, utixo wenu, wonivusela umprofite, kubazalwana benu, njengam: yena niya kumva ngento zonke asukuba eziteta kuni. 23Kwakuya kuti, yonke imipefumlo esukuba ingamva umprofite lowo, iya kutshatyalaliswa ebantwini. 24Ewe nabaprofite bonke, kutabata ku‐Samyali nabalandelana kamva, kwa bonke abatetileyo, bashumayela pambili nabo ngalemihla. 25Nina nilusapo lwabaprofite, nolwocebano owalwenzayo utixo nobawo betu, esiti ku‐Abrahame: Kanjalo ngenzalo yako ziya kutanyusanqelwa zonke izizalwane zomhlaba. 26Kuni kuqala, utixo, esivusile isicaka sake u‐Yesu, wasituma sibe sinitamsanqela, ekunisongeni nonke ngabanye kwizikohlakalo zenu.
Currently Selected:
Izenzo zabapostile 3: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.