Izenzo zabapostile 15:22-41

Izenzo zabapostile 15:22-41 XHO1902A

Kwandula kwanga kulungile kubapostile, nakubadala, kunye nayo yonke iṙemente, ukunyula amadoda kwababo, bawatume e‐Antiyoki kunye no‐Paulusi no‐Banabasi; kwa u‐Jude, obebizwa ngelinye igama elingu‐Barasaba, no‐Silasi, amadoda amakulu pakati kwabazalwana; beba̔lile ngabo ezizinto zokuti: Abapostile, nabadala, nabazalwana, kubo abazalwana abangabakubo abaheyideni abase‐Antiyoki, nase‐Siriya, nase‐Silisiya, bebulisa. Ngokokuba sivile ukuba abatile abapuma kuti banipitizelisa ngamazwi, bexalisa imipefumlo yenu, besiti nifanele ukwaluka nokugcina umteto, esibe singabanikanga umyalezo wokutsho: kwanga kulungile kuti, sihlangene nje ngentliziyo nye, ukunyula amadoda atile, siwatume kuni, kunye nabatandwa betu u‐Banabasi no‐Paulusi, abantu abancamileyo ubomi babo ngenxa yegama LENKOSI yetu u‐Yesu Kristu. Sibatumile ngoko u‐Jude no‐Silasi, abaya kuti bona ngokwabo banityele kwa ezizinto ngomlomo. Ngokuba kube kunga kulungile KUMOYA OYINGCWELE nakuti, ukuba singabeki pezu kwenu namnye umtwalo omkulu kwezizinto ezifanelekileyo: Zokuba nizile izinto ezibingelwe izitixo, negazi, nokuṙwishiweyo, nombulo: eniya kuti nizigcina ningazenzi nilungise. Hlalani kakuhle. Bandula bona bakuba bendululwe beza e‐Antiyoki: baza bewuhlanganisile umhlambi, banikela incwadi; abati bakuyilesesha, bavuya ngenxa yonwabiso. Baza u‐Jude no‐Silasi, bengabaprofite bona nabo, bayala abazalwana ngokuteta okuninzi, babomeleza. Bati bakuba bebenzile umzuzu, bandululwa ngoxolo kubazalwana ukuya kubapostile. Kodwa kwanga kulungile ku‐Silasi ukuba alibale kona. Kanjalo u‐Paulusi no‐Banabasi bebehlala e‐Antiyoki, befundisa beshumayela nokushumayela ilizwi LENKOSI, ndawonye nabo nabanye abaninzi. KEKALOKU emveni kwemihla etile wati u‐Paulusi ku‐Banabasi: Makesibuye siye sityelele kubazalwana betu kuzo zonke izixeko, apo silishumayele kona ilizwi LENKOSI, sibone ukuba banjanina. Waza u‐Banabasi wanxamela ukutabata nabo u‐Johane obebizwa ngo‐Maraki. Kodwa u‐Paulusi ebeba akufanelekile ukumtabata nabo yena lo, owesuka kubo e‐Pamfiliya, engayanga nabo emsebenzini. Kwabako ngoko ubambano olubukali, bada bahlukana omnye nomnye, wati u‐Banabasi wamtabata u‐Maraki, waselishela e‐Kiperusi. Kodwa u‐Paulusi waqasha u‐Silasi, wemka, enikelwe elufefeni LUKATIXO ngabazalwana. Waza wacanda i‐Siriya ne‐Silisiya, ezomeleza iṙemente.