Eyesibini ka‐Samyali 7:8-17

Eyesibini ka‐Samyali 7:8-17 XHO1902A

Ngako kaloku, uya kutsho kwisicaka sam, ku‐Davide, ukuti: Utsho UYEHOVA wemikosi ukuti: Mna ndakutabata esibayeni, kwa sekulandeleni igusha, ukuba ube yinkosi pezu kwabantu bam, pezu kwo‐Sirayeli: ndabendiko nawe kuzo zonke indawo apo ubuhamba kona, nazo zonke intshaba zako ndizinqamlile ebusweni bako; kanjalo ndikwenzele igama elikulu, njengegama labakulu abasemhlabeni: ndandiya kumisela abantu bam o‐Sirayeli indawo, ndibatyale, baze beme endaweni yabo, bangabi sazanyazanyiswa; kanjalo usapo lwobumenemene aluyi kubuya lubabandezele, njengasekuqaleni, nakuselokwalomhla ndabendimisa abagwebi pezu kwabantu bam o‐Sirayeli; nawe ndikupumzile kuzo zonke intshaba zako. Kanjako UYEHOVA uyashumayela kuwe, okokuba UYEHOVA uya kukwenzela indlu. Xeshekweni imihla yako izalisekile, yokuba uya kulala noyihlo bako, ndiya kwandula ndivuse owenzalo yako emva kwako, oya kuvela ematunjini ako, ndiqinise ubukumkani bake. Nguye oya kulakela igama lam indlu, ndandiya kuqinisa iterone yake kude kube ngunapakade. Mna ndiya kuba nguyise kuye, naye woba ngunyana kum. Ukuba uyenza ngobugwenxa, ndiya kumohlwaya ngoswazi lwabantu, nangezibeto zonyana babantu: kodwa ububele bam abuyi kumka kuye, njengokuba bendibususa ku‐Saule, lowo bendimsusa kwa pambi kwako. Kwoba kunqabile indlu yako nobukumkani bako kude kube ngunapakade pambi kwako: iterone yako iya kuqiniswa kude kube ngunapakade. Ngawo onke lamazwi, nangawo wonke lomboniso, wateta u‐Natane ngokunjalo ku‐Davide.