Eyesibini ka‐Samyali 6
6
1WABUYA wahlanganisa u‐Davide bonke abanyuliweyo bakwa‐Sirayeli, bengamawaka amashumi matatu. 2Wayesuka u‐Davide, wemka nabantu bonke ababenaye e‐Bahale‐juda, uku nyusa kwa kona ityeya katixo, ekupezu kwayo igama libizwayo, igama likayehova wemikosi, ohlala pakati kwekerubime.
3Baza bakwelisa ityeya katixo enqwelweni entsha, bayisusa endlwini ka‐Abinadabi, ebise‐Gibeha: bati u‐Huza no‐Ahiyo, onyana baka‐Abinadabi, babexesha lonqwelo entsha. 4Kekaloku bakuyisusa endlwini ka‐Abinadabi, ebise‐Gibeha, kunye netyeya katixo, waza u‐Ahiyo wahamba pambi kwetyeya. 5Bandula u‐Davide nayo yonke indlu ka‐Sirayeli badlala ebusweni bukayehova, ngezinto zonke zokuculisa ezenziweyo ngemiti yeberoshe, kwa ngehadi, nangenebele, nangentambula, nangezikencezelo, nangesimbali.
6Kwati kwakufikwa esibayeni sokubula sika‐Nakone, waza u‐Huza wasolula isandla sake ngakuyo ityeya katixo, wayibamba; ngokuba inkabi beziku̔beka. 7Yandula ingqumbo kayehova yavuta ngakuye u‐Huza; waye utixo wambeta kona ngenxa yesiposo eso; waza wafa kwa kona ngasetyeyeni katixo. 8Wasuka waqumba u‐Davide ngenxa yokuba uyehova ebenzile isityobozelo pezu kwo‐Huza; ngako wayibiza londawo ngokuti yi‐Peretse‐huza#6:8 Oko kukuti: Isityobozelo sika‐Huza., kude kwanamhla nje. 9Waza u‐Davide wamoyika uyehova ngalomini, wayesiti: Yotiwa nina ukuza kum ityeya kayehova? 10Ngako u‐Davide ebengavumi ukuba ityeya kayehova ipanjukiselwe kuye esixekweni sika‐Davide; kodwa u‐Davide wayishenxisela endlwini ka‐Obedi‐edome um‐Gate. 11Yaye ityeya kayehova ihleli endlwini ka‐Obedi‐edome um‐Gate inyangazantatu: waza uyehova watamsanqela u‐Obedi‐edome, nayo yonke indlu yake.
12Kwaza kwaxelwa kukumkani u‐Davide, kusitwa: Uyehova utamsanqele indlu ka‐Obedi‐edome, nako konke anako, ngenxa yetyeya katixo. Waza u‐Davide waya wenyusa ityeya katixo endlwini ka‐Obedi‐edome, wayizisa esixekweni sika‐Davide ngovuyo. 13Kwaye kute, xeshekweni abo batwala ityeya kayehova bebehambile amanyatela amatandatu, wandula wabingelela inkabi nenkomo ezityetyisiweyo. 14Waye u‐Davide waduda ngawo onke amandla ake ebusweni bukayehova: kanjako u‐Davide wabinqwa ngeyefodi yeqiya. 15Kwa njalo u‐Davide nayo yonke indlu ka‐Sirayeli benyusa ityeya kayehova, ngokumemeza, nangentlokoma yexilongo.
16Kwaza kwati, yakufika ityeya kayehova esixekweni sika Davide, u‐Mikali, intombi ka‐Saule, wakangela ngefenstile, wabona ukumkani u‐Davide exu̔ma eduda nokududa ebusweni bukayehova; wandula wamdela entliziyweni yake.
17Baza bangenisa ityeya kayehova, bayimisa endaweni yayo, pakati kwentente ebe yolulelwe yona ngu‐Davide: wati u‐Davide wanikela amadini okutshiswa neminikelo yoxolo ebusweni bukayehova. 18Xeshekweni u‐Davide abegqibile ukunikela amadini okutshiswa neminikelo yoxolo, wandula wabatamsanqelisa abantu egameni likayehova wemikosi. 19Kanjalo wabela kubo bonke abantu, kuso sonke isihlwele sama‐Sirayeli, kwa kuwo amadoda nakubo abafazi, kwabanye ngabanye isimbana lesonka, nesiqendu senyama, negubu leveyine. Bada bemka bonke abantu baya abanye ngabanye ezindlwini zabo.
20Wandula wabuya u‐Davide ukuya kutamsanqelisa indlu yake. Waza wapuma u‐Mikali, intombi ka‐Saule, ukuza kumkaulela u‐Davide, wati: Hai ukubekeka kwokumkani wo‐Sirayeli namhla, obezihluba namhla emehlweni ezicakakazi zezicaka zake, njengokuba omnye wabantu abangendawo ezihluba ekuhleni! 21Kodwa u‐Davide wati ku‐Mikali: Ebusweni bukayehova, ondinyulileyo pezu kwoyihlo, napezu kwayo yonke indlu yake, ukundimisa inkosi pezu kwabantu bakayehova, pezu kwo‐Sirayeli; ewe, ebusweni bukayehova ndiya kudlala: 22ndandiya kudeleka ngakumbi pezu kwoku, ndibe yinto etobekileyo emehlweni am; napakati kwezicakakazi obuteta ngazo, pakati kwazo ndiya kubekeka. 23Ngako u‐Mikali, intombi ka‐Saule, wayengenamntwana kwada kwakuwo umhla wokufa kwake.
Currently Selected:
Eyesibini ka‐Samyali 6: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.