Eyesibini ka‐Samyali 24

24
1YABUYA yavuta ingqumbo kayehova ngakubo o‐Sirayeli; waza wamvusa u‐Davide ngakubo, esiti: Hamba, ubale o‐Sirayeli no‐Juda. 2Wayesiti ukumkani ku‐Jowabi, inkosi yempi ebinaye: Kaucande kuzo zonke izizwe zo‐Sirayeli, kwa se‐Dane kude kube se‐Beresheba, nibale abantu, ukuba ndilazi inani labantu. 3Waza wati u‐Jowabi kukumkani: Makongeze uyehova, utixo wako, ebantwini, inani elinjengokuba bengaka, nelinjengokuba bengaka kube ngamaxesha alikulu, aze amehlo enkosi yam ukumkani abone oko: kunganina pofu ukuba inkosi yam ukumkani inyamekela lento? 4Kodwa ilizwi lokumkani belinamandla pezu kwelika‐Jowabi, napezu kwelenkosi zempi.
Waza wapuma u‐Jowabi nenkosi zempi ebusweni bokumkani ukuya kubala abantu, o‐Sirayeli. 5Basuka bawela i‐Yoredane, bati waca e‐Harohere, ngasesuyide yesixeko esipakati kwentili ka‐Gadi, nangase‐Yahezere: 6bandula beza e‐Gileyadi, nasezweni lase‐Tahetime‐hodeshi; beza nase‐Dane‐yahane, naseziceni elingqongayo i‐Tsidone; 7beza nasenqatyeni yase‐Tire, nakuzo izixeko zama‐Hivi nezaba‐Kanane; bada bapumela ngasesuyide yakwa‐Juda, e‐Beresheba. 8Bati bakuba becandile kulo lonke ilizwe, bafika e‐Yerusaleme ekupeleni kwenyanga ezilitoba nentsuku ezimashumi mabini. 9Waza u‐Jowabi wanika inani lokubalwa kwabantu kukumkani: kekaloku kwabako kwa‐Sirayeli amawaka angamakulu asibozo amadoda abuṙoti, aber̔ola iṙele; namadoda akwa‐Juda, ebengamadoda angamawaka angamakulu mahlanu.
10Yandula intliziyo ka‐Davide yambeta, emveni kwokuba ebebalile abantu. Waza wati u‐Davide kuyehova: Ndonile kakulu ngoko endikwenzileyo: kodwa kaloku, Yehova! zukwelelise inkohlakalo yesicaka sako, ngokuba ndenze ngobudenge kakulu. 11Kwati kwakuvuka u‐Davide kusasa, kweza ilizwi likayehova ku‐Gadi umprofite, umboni ka‐Davide, lisiti: 12Hamba, uye utete ku‐Davide, usiti: Utsho uyehova ukuti: Izinto ezintatu ndiyazibeka pambi kwako; zinyulele ibe nye kuzo, ukuba ndiyenze kuwe. 13Wasuka u‐Gadi weza ku‐Davide, wamxelela, wati kuye: Kuya kuza kuwe iminyaka esixe̔nxe yendlala na elizweni lako? umhlaumbi uya kwesaba na inyanga ezintatu pambi kwentshaba zako, nxa zikuputumayo? umhlaumbi iya kubako imihla emitatu yesifo esibubisayo elizweni lako kusinina? telekelela kaloku, ugqale lelinina ilizwi endiya kulibuyisela konditumileyo. 14Waza u‐Davide wati ku‐Gadi: Ndixakekile kakulu; makesiwe esandleni sikayehova, ngokuba izibele zake zininzi; mandingawi esandleni sabantu.
15Ngako uyehova watuma isifo esibubisayo kwa‐Sirayeli, kwa kuwo umso lowo kude kwakulo ixesha elimisiweyo: aza afa kubantu, kwa se‐Dane kude kwase‐Beresheba, amadoda angamawaka angamashumi asixe̔nxe. 16Yati yakwolula ingelosi isandla sayo pezu kwe‐Yerusaleme ukuyitshabalalisa, wandula uyehova waba nosizi pezu kwobubi obo, wati kuyo ingelosi ebitshabalalisa ebantwini: Kwanele; yekisa kaloku isandla sako. Kekaloku ingelosi kayehova ibingasesibayeni sokubula sika‐Arauna um‐Yebusi. 17Waza wateta u‐Davide kuyehova, akuyibona ingelosi ebibeta ebantwini, wati: Bona ke, ndim ondonileyo, kanjalo ndim ondenze ngobugwenxa; kodwa igusha ezi, yinto nina ziyenzileyo? isandla sako masibe ngakum, nangakuyo indlu kabawo.
18Kanjalo u‐Gadi weza ku‐Davide ngalomhla, wati kuye: Nyuka, ummisele uyehova isibingelo esibayeni sokubula sika‐Arauna um‐Yebusi. 19Waye u‐Davide wenyuka ngelizwi lika‐Gadi, njengokuba uyehova ebeyalele. 20Wati u‐Arauna wakangela, wabona ukumkani nezicaka zake bedlula besiza ngakuye; waza wapuma u‐Arauna, wazitoba pambi kwokumkani ngobuso bake ngasemhlabeni. 21Waza wati u‐Arauna: Kunganina ukuba inkosi yam ukumkani ize esicakeni sayo? Wayesiti u‐Davide: Ukuba nditenge kuwe isibaya sokubula, ukuze ndimakele uyehova isibingelo, ukuba isibulalo sinqamke ebantwini. 22Wandula u‐Arauna wati ku‐Davide: Maiti inkosi yam ukumkani itabate inikele konke okulungileyo emehlweni ayo; kangela, nanzi inkabi zibe lidini lokutshiswa, nenqwelwana zokubula nempahla zenkabi zibe zinkuni. 23Ezizinto zonke wazinika u‐Arauna kuye ukumkani. Wati kanjalo u‐Arauna kukumkani: Uyehova, utixo wako, makakubuke. 24Kodwa ukumkani wati ku‐Arauna: Hai; koko ndiya kusitenga ngenyaniso kuwe ngenani: ngokuba ndingayi kunikela kuyehova, utixo wam, amadini okutshiswa angamelwanga nto. Kwa njalo u‐Davide watenga isibaya sokubula nenkabi ngeshekele zesilivere ezimashumi mahlanu. 25Waza u‐Davide wakela kona kuyehova isibingelo, wanikela amadini okutshiswa neminikelo yoxolo. Ngako uyehova wakungeleka ngenxa yelizwe, sada sanqamka isibulalo kwa‐Sirayeli.

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena