Kwaza kwaxelwa ku‐Jowabi ukuti: Nanku ukumkani elila esenza isijwili pezu kwo‐Abasalome. Lwati usindiso ngalomhla lwaba lulilo kubo bonke abantu; ngokuba abantu bebesiva ngalomhla kusitwa: Ukumkani udandatekile pezu kwonyana wake. Baza abantu banyebeleza ngalomhla ukungena esixekweni, njengokuba benyebeleza abantu abavisiweyo ihlazo, bakubaleka ekulweni. Kodwa ukumkani wagqubutela ubuso bake, wakala ukumkani ngelizwi elikulu, esiti: Nyana wam Abasalome! Abasalome, nyana wam, nyana wam! Wandula u‐Jowabi weza kukumkani endlwini, wati: Udanisile namhla ubuso bazo zonke izicaka zako, ezisindisileyo namhla ubomi bako, nobomi bonyana bako nobentombi zako, nobomi babafazi bako, nobomi bamashweshwe ako, ngokubatanda abakutiyayo nangokubatiya abakutandayo: ngokuba uxele namhla, ukuba azinto kuwe inkosi nezicaka; ngokuba ndinakana namhla, ukuba u‐Abasalome ebesahleli, nokuba tina sonke sibe sifile namhla, oko ngekuba kulungile emehlweni ako. Ngako kaloku suka, upume, utete kwintliziyo zezicaka zako: ngokuba ndifunga UYEHOVA, ungapumi nje, akuyi kulalisa mntu nawe obubusuku: oku ke kwoba kubi kuwe, ngapezu kwabo bonke ububi ubuhlelwa bubo kwa sebutsheni bako kude kwangoku. Wandula ukumkani wesuka, wahlala esangweni. Kwaza kwaxelwa kubo bonke abantu ukuti: Nanku ukumkani ehleli esangweni. Basuka bonke abantu beza ebusweni bokumkani; kodwa ama‐Sirayeli ebesabele amanye ngamanye ezintenteni zawo.
Funda Eyesibini ka‐Samyali 19
Share
Compare All Versions: Eyesibini ka‐Samyali 19:1-8
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Home
Bible
Plans
Videos