Eyesibini ka‐Samyali 14
14
1XESHEKWENI u‐Jowabi, unyana ka‐Tseruya, ebesazi ukuba intliziyo yokumkani ibingaku‐Abasalome, 2wandula u‐Jowabi watumela e‐Tekoha, watabata kona umfazi olumkileyo, wati kuye: Kauzenze olilayo, wambate ke izivato zokulilela, ungazitambisi ngeoli, ube njengomfazi olilele ofileyo imihla esel’ imininzi; 3uze kukumkani, utete kuye njengalendawo. Waza u‐Jowabi wabeka amazwi emlonyeni wake.
4Wati akuteta um‐Tekohakazi lowo kukumkani, wawa ebusweni bake ngasemhlabeni, waziqubuda, wati: Nceda, kumkani! 5Waza ukumkani wati kuye: Unanina? Wayesiti: Okunene ndingumhlolokazi mna, nendoda yam ifile. 6Sasibe isicakakazi sako sinonyana ababini, baye bona bengxolisana bobabini ngasendle, kwakungeko owabahlukisa, kodwa omnye wabeta omnye, wambulala. 7Kekaloku bona ke, sonke isizalwane sivukele ngakuso isicakakazi sako, sati: Nikela lo owabeta umzalwana wake, ukuba simfise ngenxa yobomi bomzalwana wake ambuleleyo, size sibubise indlalifa nayo: kwa njalo baya kucima ilahle lam eliseleyo, bangayishiyeli indoda yam negama nesisalela pezu kwomhlaba. 8Wayesiti ukumkani kulomfazi: Yiya endlwini yako, ndandiya kuyalela ngawe.
9Waza um‐Tekohakazi lowo wati kukumkani: Ityala malibe pezu kwam, nkosi yam, kumkani! napezu kwendlu kabawo; kodwa ukumkani makabe msulwa, neterone yake. 10Wayesiti ukumkani: Osukuba eteta ngakuwe, mzise kum, waengayi kubuya akucukumise kanjako. 11Wandula wati: Makake ukumkani amkumbule uyehova, utixo wako, ukuze abapindezeli begazi bangandisi ukutshabalalisa, baze bangabubisi unyana wam. Wayesiti: Ehleli nje uyehova, akuyi kuwa nalunye unwele lwonyana wako ngasemhlabeni.
12Waza wati umfazi lowo: Makesitete ilizwi isicakakazi sako kuyo inkosi yam ukumkani. Wayesiti: Teta. 13Waza wati umfazi lowo: Kunganina ke ukuba ucingile okunjalo ngakubo abantu bakatixo? ngokuba ukumkani eteta lendawo njengonetyala, ekubeni ukumkani engabuyisi igxotwa lake. 14Ngokuba siya kufa ngenyaniso, sibe njengamanzi apaleleyo emhlabeni, angenakubutwa: kodwa utixo akasusi ubomi, uyaqinga amaqinga okuba angamgxoti kuye ogxotiweyo. 15Ngako kaloku, ukuba ndize ukuteta kuye ukumkani inkosi yam lendawo, kungokuba abantu bendoyikisile; saza sati isicakakazi sako: Ndoka nditete kukumkani; angaba ukumkani uya kwenza ilizwi lesicakakazi sake. 16Ngokuba ukumkani eya kuva, ukuba asindise isicakakazi sake esandleni sendoda efuna ukutshabalalisa mna nonyana wam kwa kunye elifeni likatixo. 17Sati kanjalo isicakakazi sako: Ilizwi lenkosi yam ukumkani loba lelokwonwabisa ke; ngokuba njengengelosi katixo, injalo inkosi yam ukumkani, ukuqonda okulungileyo nokukohlakeleyo; ngako uyehova, utixo wako, woba nawe.
18Wandula wapendula ukumkani wati kulomfazi: Ungandifihleli ke into endiya kukubuza yona. Wayesiti umfazi: Mayitete ke inkosi yam ukumkani. 19Waza ukumkani wati: Isandla sika‐Jowabi asinawe na kuko konke oku? Wapendula umfazi wati: Bomi bompefumlo wako, nkosi yam, kumkani! akuko ongashenxa nangasekunene nangasekohlo kuko konke okutetiweyo yinkosi yam ukumkani; ngokuba isicaka sako u‐Jowabi singuye ondiyaleleyo, nowabeka onke lamazwi emlonyeni wesicakakazi sako: 20ukuze kuguqulwe isimilo senteto, isicaka sako u‐Jowabi senzile lento; kodwa inkosi yam ilumkile ngabo ubulumko bengelosi katixo, ukwazi konke okusemhlabeni.
21Wandula ukumkani wati ku‐Jowabi: Bona ke, ndiyenzile lento; hamba ke, buyisa indodana leyo, u‐Abasalome. 22Waza u‐Jowabi wawa ngobuso bake ngasemhlabeni, wazitoba, wambulela ukumkani; wayesiti u‐Jowabi: Namhla isicaka sako siyazi ukuba ndifumene ufefe emehlweni ako, nkosi yam, kumkani! ngokokuba ukumkani enzile ilizwi lesicaka sake. 23Waselesuka u‐Jowabi, waya e‐Geshure, wamzisa u‐Abasalome e‐Yerusaleme. 24Wayesiti ukumkani: Makajikele endlwini yake, angaboni ubuso bam. Kwa njalo u‐Abasalome wajikela endlwini yake, nobuso bokumkani akabubona.
25Kekaloku bekungeko indoda eyinzwana njengo‐Abasalome pakati kwabo bonke o‐Sirayeli ukudunyiswa kakulu kangaka; kwa kuwo umzantsi wonyawo lwake kude kwaselukakayini lwake, bekungeko bala kuye. 26Naxeshekweni wagugulayo intloko yake, (kwakusekupeleni kweminyaka ngeminyaka ukuba wayigugula; ngokuba ibinzima pezu kwake, ngako wayigugula,) walinganisa inwele zentloko yake ngamakulu mabini eshekele ngesilinganiso sokumkani. 27Kwaye kumzalelwe u‐Abasalome onyana abatatu, nentombi inye, egama belingu‐Tamare; yena ebeyinzwakazi ukubonakala kwake.
28Kekaloku u‐Abasalome wahlala e‐Yerusaleme iminyaka yamibini, engabonanga ubuso bokumkani. 29Waza u‐Abasalome watumela u‐Jowabi, ukuba amtume kukumkani; kodwa ebengavumi ukuza kuye: wabuya watuma nangokwesibini, kodwa ebengavumi ukuza. 30Ngako wati kuzo izicaka zake: Kangelani, intsimi ka‐Jowabi isecaleni leyam, kanjalo uneṙalasi kona; hambani, niyitshise ngomlilo. Zaza izicaka zika‐Abasalome zatshisa intsimi leyo ngomlilo. 31Wandula wesuka u‐Jowabi, weza ku‐Abasalome endlwini, wati kuye: Yinina ukuba izicaka zako ziyitshisile intsimi yam ngomlilo? 32Wayesiti u‐Abasalome ku‐Jowabi: Bona ke, ndatumela wena, ndisiti: Yiza apa, ukuba ndikutume kukumkani, ukuti: Ndizele nina ndivela e‐Geshure? ngokuba kulungile kum ukuba bendiseko kona: ngako kaloku mandibone ubuso bokumkani; nokuba kuko ityala kum, makandifise. 33Wandula u‐Jowabi weza kukumkani, wamxelela: waza wambiza u‐Abasalome, owangena kukumkani, wazitoba kuye ebusweni bake ngasemhlabeni pambi kwokumkani: wati ukumkani wamanga u‐Abasalome.
Currently Selected:
Eyesibini ka‐Samyali 14: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.