Eyesibini ka‐Samyali 12

12
1Wandula uyehova wamtuma u‐Natane ku‐Davide. Waza wangena kuye, wati kuye: Kwabekuko amadoda amabini esixekweni sinye, enye ibisisityebi, enye ibilihlwempu. 2Esisityebi ibinegusha nenkomo, into eninzi kakulu: 3kodwa elihlwempu ibingenanto, kupela yanetakanekazi legusha linye elincinane, ebilitengile, nebilipilisile, lada laba likulu kuyo nakubo abantwana bayo kunye; ladla kumtamo wayo, lasela kwindebe yayo, lalala esifubeni sayo, laba njengentombi kuyo. 4Kwaza kwafika umhambi kuyo indoda esisityebi, eyayeka ukutabata kwigusha zayo nakwinkomo zayo, ukuba ipekele umhambi obefikile kuyo, kodwa yatabata itakanekazi lendoda elihlwempu, yalipekela indoda ebifikile kuyo.
5Yaza yavuta ingqumbo ka‐Davide ngakuyo indoda leyo kakulu; wayesiti ku‐Natane: Ehleli nje uyehova, indoda eyenzileyo lento imelwe kukufa! 6netakanekazi elo yolibuyekeza ngokukane, ngenxa yokuba iyenzile lento, nangenxa yokuba ibingenanceba.
7Wandula u‐Natane wati ku‐Davide: Nguwe indoda leyo. Utsho uyehova, utixo wo‐Sirayeli, ukuti: Ndikutambisile ube ngukumkani pezu kwo‐Sirayeli, ndakuhlangula esandleni sika‐Saule; 8kanjalo ndikunikile indlu yenkosi yako, nabafazi benkosi yako esifubeni sako; ewe ndikunikile indlu ka‐Sirayeli neka‐Juda; nokuba kube kuncinane oko, ngendizongezelele kuwe izinto ezinjengezi nezinjengeziya. 9Yinina ukuba udelile ilizwi likayehova, ngokwenza okukohlakeleyo emehlweni ake? u‐Huriya um‐Hete umbetile ngeṙele, nomfazi wake umtabatile abe ngumfazi wako; ewe yena umbulele ngeṙele losapo luka‐Hamoni. 10Ngako kaloku, iṙele aliyi kupambuka endlwini yako kude kube ngunapakade; ngenxa yokuba undidelile mna, nokuba umtabatile umfazi ka‐Huriya um‐Hete abe ngumfazi wako. 11Utsho uyehova ukuti: Bona ke, ndiya kuvusa ngakuwe ububi buvela endlwini yako, ndandiya kutabata abafazi bako pambi kwamehlo ako, ndibanike kummelwane wako, oya kulala nabafazi bako pambi kwamehlo elanga eli. 12Ngokuba wena ubusenza oko ngasese; kodwa mna ndiya kuyenza lento pambi kwabo bonke o‐Sirayeli, napambi kwelanga.
13Wandula u‐Davide wati ku‐Natane: Ndonile ngakuye uyehova. Waza u‐Natane wati ku‐Davide: Kanjako uyehova ususile isono sako; akuyi kufa. 14Kodwa, ngenxa yokuba uzenzile intshaba zikayehova zigxeke kakulu ngalento, kanjalo unyana ozelweyo kuwe uya kufa ngenyaniso. 15Wemka u‐Natane waya endlwini yake.
Waza uyehova wambeta umntwana obezalelwe u‐Davide ngumfazi ka‐Huriya, ukuba wabesifa kakulu. 16Ngako u‐Davide wamfuna utixo ngenxa yomntwana lowo; waza u‐Davide wenza inzilo, wangena, walala ubusuku bonke emhlabeni. 17Bandula besuka abadala bendlu yake, baya kuye, ukuze bamsukise emhlabeni; kodwa ebengavumi, ebengadli isonka nabo kanjako. 18Kwaye kute ngomhla wesixe̔nxe ukuba umntwana wabuba. Zaza izicaka zika‐Davide zoyika ukumxelela ukuba umntwana ufile; ngokuba bezisiti: Bona ke, nxa umntwana asahleli, sateta naye, kodwa ebengapulapuli ilizwi letu; soti nina ke ukuti kuye: Umntwana ufile? ngokuba eya kuzenzakalisa. 19Kodwa akubona u‐Davide ukuba izicaka zake bezisebezelana, wandula u‐Davide waqonda ukuba umntwana ufile; ngako u‐Davide wati kuzo izicaka zake: Ufile na umntwana? Zati: Ufile. 20Waza u‐Davide wesuka emhlabeni, wazihlamba, wazitambisa, waguqula izivato zake, wangena endlwini kayehova, wabedesha: wandula wangena endlwini yake; wati akucela, wabekelwa isonka, wadla ke. 21Zaza izicaka zake zati kuye: Yinina lento oyenzileyo? ngenxa yomntwana ehleli nje ubuzila ukutya, walila nokulila; kodwa akuba umntwana efile, ubusuka wadla isonka. 22Wayesiti: Nxa umntwana asahleli, ndazila ukutya, ndalila nokulila, ngokuba ndibe ndisiti: Ngubanina owaziyo? angati uyehova abe nofefe kum, ukuba umntwana apile. 23Kodwa ngoku efile nje, sendiya kuzilela nina? ndingaba nokumbuyisa kanjako na? ndiya kuya kuye, kodwa yena akayi kubuyela kum.
24Wandula u‐Davide wamtutuzela u‐Batesheba umfazi wake, wangena kuye, walala naye; wazala unyana ke; waza wabiza igama lake ngo‐Solomone: wati uyehova wamtanda; 25watuma ngesandla sika‐Natane umprofite, owabiza igama lake ngo‐Yedidiya#12:25 Oko kukuti: Umtandwa kayehova., ngenxa kayehova.
26Kekaloku u‐Jowabi walwa ngakuyo i‐Raba yosapo luka‐Hamoni, wasitimba isixeko sobukumkani. 27Waza u‐Jowabi watuma izigidimi ku‐Davide, wati: Ndilwile ngakuyo i‐Raba, kanjako ndisitimbile isixeko samanzi: 28ngako kaloku, hlanganisa isisalela sabantu, usiṙaule isixeko, usitimbe; hleze ndiya kusitimba isixeko mna, lize igama lam libizwe pezu kwaso. 29Wandula u‐Davide wahlanganisa bonke abantu, waya e‐Raba, walwa ngakuyo, wayitimba. 30Wayesusa isitsaba sokumkani walo entlokweni yake, esibe siyitalente yegolide ukuba nzima kwaso, sinamatye anqabileyo; saye sibekwa pezu kwentloko ka‐Davide: namaxoba esixeko wawapumisa ngento eninzi kakulu: 31nabantu ababekuso wabapumisa, wababeka pantsi kwesaṙa, napantsi kwezibulo zesincete, napantsi kwezixenxe zesincete, wabadlulisa endaweni yokugqwagqwa izitene: wenje njalo ke kuzo zonke izixeko zosapo luka‐Hamoni. Waza u‐Davide wabuyela e‐Yerusaleme, nabo bonke abantu.

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena