Eyesibini ka‐Samyali 10

10
1KWAYE kute emveni kwoku, ukuba ukumkani wosapo luka‐Hamoni wabuba; waza u‐Hanune unyana wake waba ngukumkani esikundleni sake. 2Wandula u‐Davide wati: Ndiya kwenza ububele ku‐Hanune unyana ka‐Nahashe, njengokuba uyise ebebenza ububele kum. Waza u‐Davide watuma ngesandla sezicaka zake ukumku̔za ngaye uyise. Zada izicaka zika‐Davide zafika ezweni losapo luka‐Hamoni. 3Koko inkosana zosapo luka‐Hamoni zati ku Hanune inkosi yazo: u‐Davide uyambeka na uyihlo emehlweni ako, ngokuba ebatumele kuwe abaku̔zi? akungenxa yokuba apengulule isixeko esi, asihlole, asicite, ukuba u‐Davide uzitumile izicaka zake kuwe kusinina? 4Ngako u‐Hanune watabata izicaka zika‐Davide, waguya isiqingata sendevu zazo, watsheca izivato zazo ngokuziqingatisa ezinyongeni zazo, wazindulula. 5Kwati kwakuxelelwa u‐Davide, watuma ukuzikaulela; ngokuba amadoda lawo ebehlazisiwe kakulu. Wayesiti ukumkani: Hlalani e‐Jeriko, zide zikule indevu zenu, nandule nibuye.
6Kekaloku lwakubona usapo luka‐Hamoni ukuba lunukele u‐Davide, lwandula lwatuma usapo luka‐Hamoni lwaqesha kuma‐Siriya ase‐Bete‐rehobi, nakuma‐Siriya ase‐Tsoba, amawaka angamashumi mabini abahamba ngenyawo, nakuye ukumkani we‐Mahaka iwaka lamadoda, nakuwo amadoda ase‐Tobe amawaka alishumi linamabini amadoda.
7Wati u‐Davide akuva oku, watuma u‐Jowabi nawo wonke umkosi wamagoṙa. 8Lwaza lwapuma usapo luka‐Hamoni, lwacwangcisela ukulwa ngasemnyango wesango; kodwa ama‐Siriya ase‐Tsoba nawase‐Rehobi, namadoda ase‐Tobe nawase‐Mahaka, ebewodwa ngasendle. 9Wati u‐Jowabi, akubona ukuba ubuso bokulwa bungakuye, ngapambili nangasemva, wanyula abantu kubo bonke abanyuliweyo bakwa‐Sirayeli, wabacwangcisa ngakuwo ama‐Siriya: 10nesisalela sabantu wabanikela esandleni sika‐Abishai umninawe wake, owabacwangcisa ngakulo usapo luka‐Hamoni. 11Wayesiti: Ukuba ama‐Siriya anamandla pezu kwam, woza ukunceda mna; kodwa ukuba usapo luka‐Hamoni lunamandla pezu kwako, ndoya ukunceda wena. 12Yomelela, sizomelezele abantu betu nezixeko zotixo wetu; noyehova makenze okulungileyo emehlweni ake. 13Waza wasondela u‐Jowabi, nabantu ababenaye, kuze kuliwe ngakuwo ama‐Siriya; ada esaba pambi kwake. 14Lwati lwakubona usapo luka‐Hamoni ukuba ama‐Siriya esabile, lwandula lwesaba nalo pambi kwo‐Abishai, lwangena esixekweni. Waza u‐Jowabi wabuya kulo usapo luka‐Hamoni, waya e‐Yerusaleme.
15Xeshekweni ama‐Siriya abebona ukuba oyisiwe pambi kwama‐Sirayeli, andula azihlanganisa ndawonye. 16Waza watuma u‐Hadarezere, wapumisa ama‐Siriya abepesheya kwomlambo; asuka eza e‐Helame; wati u‐Shovaki, inkosi yempi ka‐Hadarezere, waya pambi kwawo. 17Kwati kwakuxelelwa u‐Davide, wahlanganisa onke ama‐Sirayeli, wawela i‐Yoredane, weza e‐Helame. Aza ama‐Siriya azicwangcisa ngakuye u‐Davide, alwa naye. 18Kodwa ama‐Siriya esaba pambi kwama‐Sirayeli; waza u‐Davide wabulala kuwo ama‐Siriya amadoda enqwelwana ezingamakulu asixe̔nxe, nabakweli bamahashe abangamawaka angamashumi mane; wambeta no‐Shovaki, inkosi yempi yawo, owafa kona. 19Bati bakubona bonke okumkani abazizicaka zika‐Hadarezere, ukuba boyisiwe pambi kwama‐Sirayeli, bandula benza uxolo nama‐Sirayeli, bawakonza. Ngako ama‐Siriya ebesoyika ukulunceda kanjako usapo laka‐Hamoni.

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena