Eyesibini yokumkani 1

1
ISAHLUKO I.
1ANDULA ama‐Mowabi avukela ngakubo o‐Sirayeli emveni kwokufa kuka‐Ahabi.
2Kekaloku u‐Ahaziya weyela ngesetyenzwa elipanjanisiweyo enkambilini yake yapezulu ebise‐Samariya, wabesifa; waza watuma izigidimi, wati kuzo: Hambani, nibuze ku‐Bali‐zebube utixo we‐Hekrone, ukuba ndiya kupila kwesisifo kusinina. 3Kodwa ingelosi kayehova yateta ku‐Elija um‐Tishebi, isiti: Suka, unyuke ukuya kukaulela izigidimi zokumkani we‐Samariya, uti kuzo: Kungokuba kungeko utixo kwa‐Sirayeli na, nihamba ukuya kubuza ku‐Bali‐zebube utixo we‐Hekrone? 4Ngako oko ke utsho uyehova ukuti: Umandlalo apo ukwele kona, akuyi kuhla kuwo, koko uya kufa ngenyaniso. Waza wemka u‐Elija.
5Xeshekweni izigidimi zazibuyele kuye, wati kuzo: Yinina lento nibuyileyo? 6Zaye zisiti kuye: Indoda yenyuka ukuza kusikaulela, yati kuti: Hambani, nibuyele kukumkani onitunileyo, niti kuye: Utsho uyehova ukuti: Kungokuba kungeko utixo kwa‐Sirayeli na, utuma ukuya kubuza ku‐Bali‐zebube utixo we‐Hekrone? ngako oko, umandlalo apo ukwele kona, akuyi kuhla kuwo, koko uya kufa ngenyaniso. 7Waza wati kuzo: Sibe sinina isimilo salondoda eyenyukayo ukuza kunikaulela, yateta kuni lamazwi? 8Zaye zisiti kuye: Ibiyindoda inengubo yoboya, ibinqiwe ngombinqo wolusu esinqeni sayo. Wayesiti: Ngu‐Elija um‐Tishebi.
9Wandula ukumkani watuma kuye inkosi yamashumi mahlanu inamashumi mahlanu ayo. Yaza yenyukela kuye; ngokuba, bona ke, ebehleli pezu kwengcopo yentaba; yateta kuye, esiti: Wena ndoda katixo! uti ukumkani: Yihla. 10Kodwa wapendula u‐Elija, wati kuyo inkosi yamashumi mahlanu: Ukuba ke ndiyindoda katixo mna, mauhle umlilo ezulwini, udle wena namashumi mahlanu ako. Waza wehla umlilo ezulwini, wadla yona namashumi mahlanu ayo. 11Waza wabuya watuma enye inkosi yamashumi mahlanu inamashumi mahlanu ayo. Yateta yona yati kuye: Wena ndoda katixo! utsho ukumkani ukuti: Nxama uhle. 12Wapendula u‐Elija wati kubo: Ukuba ndiyindoda katixo mna, mauhle umlilo ezulwini, udle wena namashumi mahlanu ako. Wandula wehla umlilo ezulwini, wadla yona namashumi mahlanu ayo. 13Wabuya watuma kanjalo inkosi yawesitatu amashumi mahlanu inamashumi mahlanu ayo. Yayinyuka eyesitatu inkosi yamashumi mahlanu, yeza yaguqa ngamadolo ayo pambi kwo‐Elija, yamtaṙuzisa, yati kuye: Wena ndoda katixo! makebube ubomi bam, nobomi bezicaka zako, balamashumi mahlanu, bunqabile emehlweni ako. 14Bona ke, kwehla umlilo ezulwini, wadla inkosi zombini zamashumi mahlanu okuqala, kunye namashumi mahlanu azo; kodwa kaloku, mabube ubomi bam bunqabile emehlweni ako. 15Yaza yateta ingelosi kayehova ku‐Elija, isiti: Yihla nayo, ungayoyiki. Wesuka, wehla nayo waya kukumkani. 16Wayesiti kuye: Utsho uyehova ukuti: Okokuba utumile izigidimi ukuya kubuza ku‐Bali‐zebube utixo we‐Hekrone, kungokuba kungeko utixo kwa‐Sirayeli na, kuze kubuzwe elizwini lake? ngako oko, umandlalo apo ukwele kona, akuyi kuhla kuwo, koko uya kufa ngenyaniso.
17Wada wafa, njengelizwi likayehova, elo wabelitetile u‐Elija: waza u‐Yehorame waba ngukumkani esikundleni sake, ngomnyaka wesibini ka‐Yehorame unyana ka‐Yehoshafate ukumkani wo‐Juda; ngokuba yena ebengenaye unyana.
18Nesisalela semicimbi ka‐Ahaziya, leyo wayenzayo, ayiba̔lwanga na yona encwadini yemihla ngemihla yokumkani bo‐Sirayeli?

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena