Makabongwe yena UTIXO noyise WENKOSI yetu u‐Yesu Kristu, yena uyise wezibele NOTIXO walo lwonke ulwonwabiso; osonwabisayo kuko konke ukubandezelwa kwetu, size sibe namandla ukubonwabisa abo basekubandezelweni noko kunjanina, ngalo ololwonwabiso esonwatyiswayo ngalo kwa tina NGUTIXO. Kuba njengokuba intlungu zika‐Kristu zikolisa ukusandela, kwa njalo ngaye u‐Kristu lukolisa ukwanda nonwabiso lwetu. Kodwa nokuba siyabandezelwa, kungenxa yokwenu ukwonwatyiswa nokusindiswa, okusebenzayo ekunyamezeleni intlungu ezikwa zizo esizivayo nati; nokuba siyonwatyiswa, kungenxa yokwenu ukwonwatyiswa nokusindiswa. Kanjalo itemba letu liqinisekile ngenxa yenu; sisazi nje ukuba, njengokuba ninobudlelana nazo intlungu, kwa njalo ninobudlelana nalo nonwabiso. Ngokuba ndingatandi ukuba nibe ningazi, bazalwana! ngako ukubandezelwa kwetu esasihlelwa kuko e‐Asiya, okokuba satwaliswa ngento egqitisileyo, pezu kwamandla etu, sada sancama nobomi: ewe tina ngokwetu sibe sinomgwebo wokufa kwa kuti, ukuze singabi sitembela kokwetu, koko sibe sitembela KUTIXO ovusayo abafileyo: owasihlangulayo ekufeni okukulu kangaka, oti kanjalo ahlangule: esitemba kuye ukuba woba esahlangula kanjalo; nani ninceda kunye ngenxa yetu ngokukunga kwenu, ukuze obobubele sabenzelwayo ngetuba labantu abaninzi lubulelwe ngabaninzi ngenxa yetu.
Funda Eyesibini incwadi ka‐Paulusi kuma‐Korinte 1
Yabelana
Thelekisa Zonke Iinguqulelo: Eyesibini incwadi ka‐Paulusi kuma‐Korinte 1:3-11
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo