Eyesibini yezikronike 32

32
1EMVENI kwezizinto, nokuqiniswa kwazo, kweza u‐Senakeribe, ukumkani we‐Asiriya, wangena pakati kwe‐Juda, waṙaula izixeko ezinqatyisiweyo, waba uya kuzoyisa kuye.
2Wati akubona u‐Hezekiya ukuba u‐Senakeribe ufikile, nokuba ubuso bake bubekwa ukulwa ne‐Yerusaleme, 3wacebisana nenkosi zake namagoṙa ake, ukuba kuvingcwe amanzi emitombo engapandle kwesixeko: baza bamnceda ke. 4Ngokuba bekuhlanganiswa abantu abaninzi, abavingcayo yonke imitombo, nomlanjana okukulayo pakati kwelozwe, besiti: Yinina ukuba okumkani be‐Asiriya beze apa, bafumane amanzi amaninzi? 5Waza wazomeleza, walwaka lwonke udonga olube lucitiwe, walunyusa kwada kwasezinqatyeni; waka nolunye udonga ngapandle, wanqabisa i‐Milo esixekweni sika‐Davide, wenza izikali namakaka ngobuninzi. 6Kanjalo wamisa inkosi zokulwa pezu kwabantu, wazihlanganisela kuye enkundleni yasesangweni lesixeko, wateta entliziyweni yazo, esiti: 7Yomelelani nikalipe, ningoyiki, ningatuswa nokutuswa, ngenxa yokumkani we‐Asiriya, nangenxa yaso sonke isihlwele esinaye: ngokuba bebaninzi abanati pezu kwabanaye: 8yingalo yenyama enaye, kodwa nguyehova, utixo wetu, onati, ukuba asincede, nokuba alwe ukulwa kwetu. Bati abantu bayamela emazwini ka‐Hezekiya ukumkani wo‐Juda.
9Emveni kwoku u‐Senakeribe ukumkani we‐Asiriya watuma izicaka zake ukuya e‐Yerusaleme, (kodwa yena ebepambi kwe‐Lakishe, nabo bonke abobukosi bake kunye naye,) ku‐Hezekiya ukumkani wo‐Juda, nakubo bonke o‐Juda ababese‐Yerusaleme, esiti: 10Utsho u‐Senakeribe ukumkani we‐Asiriya ukuti: Kuyinto nina enitembela kuyo, ukuba nihleli ekuvingcelekeni e‐Yerusaleme? 11Akanihendi na u‐Hezekiya, ukuba aninikele ukububa ngendlala nangenxanwa, esiti: Uyehova, utixo wetu, uya kusisindisa esandleni sokumkani we‐Asiriya? 12Asi nguye na u‐Hezekiya ozisusileyo indawo ezipakamileyo zake nezibingelo zake, watsho ko‐Juda nakwi‐Yerusaleme, esiti: Pambi kwesibingelo sinye niya kutoba, napezu kwaso niya kuqumisa? 13Anikwazi na oko endikwenzileyo mna, kwa nobawo bam, kubo bonke abantu bamanye amazwe? Otixo bentlanga zalomazwe bebeka banamandla okusindisa amazwe abo esandleni sam na? 14Nguwupina kubo bonke otixo bentlanga eze obawo bam bazilahlele ekutshatyalalisweni, obenamandla okusindisa abantu bake esandleni sam, ukuba utixo wenu abe namandla okusindisa nina esandleni sam? 15Ngako kaloku maningakohliswa ngu‐Hezekiya, maningahendwa nokuhendwa nguye ngokunjalo, maningakolwa nguye kanjako: ngokuba kungeko namnye utixo wolunye uhlanga nowobunye ubukumkani, obenamandla okusindisa abantu bake esandleni sam, nasesandleni sobawo bam; kukancinane kangakananina ngakumbi ke, ukuba utixo wenu wosindisa nina esandleni sam? 16Zasalekela izicaka zake ukuteta ngakuye uyehova ongutixo, nangakuye u‐Hezekiya isicaka sake.
17Kanjako waziba̔la incwadi ukutuka uyehova, utixo wo‐Sirayeli, nokuteta ngakuye, esiti: Njengokuba otixo bentlanga zamanye amazwe bengasindisanga abantu babo esandleni sam, kwa njalo utixo ka‐Hezekiya akayi kusindisa abantu bake esandleni sam. 18Zaza zadanduluka ngelizwi elikulu, ngesi‐Juda, ngasebantwini base‐Yerusaleme abebepezu kwodonga, ukuboyikisa nokubatusa; ukuze zitimbe isixeko. 19Zaye ziteta ngakuye utixo we‐Yerusaleme, njengakubo otixo bezizwe zomhlaba, umsebenzi wezandla zabantu.
20Wasuka watandaza u‐Hezekiya ukumkani, no‐Yisaya unyana ka‐Amotse umprofite, pezu kwoku, bakala ngasezulwini. 21Waza uyehova watuma ingelosi, eyati shwaqe onke amagoṙa obuṙoti, nabakokeli, nenkosi, emkosini wokumkani we‐Asiriya. Wada wabuya ngedano lobuso ukuya kwelake ilizwe. Wati akuba engenile endlwini yotixo wake, bandula abo abebepumile kowake umbilini bamwisa kona ngeṙele. 22Wenje njalo uyehova ukusindisa u‐Hezekiya nabemi base‐Yerusaleme esandleni sika‐Senakeribe ukumkani we‐Asiriya, nasesandleni sabanye bonke, wabakapa ngamacala onke. 23Kwaye kuziswa ngabaninzi iminikelo kuyehova e‐Yerusaleme, nezinto ezinqabileyo ku‐Hezekiya ukumkani wo‐Juda; waza wapakanyiswa emehlweni entlanga zonke emveni kwoko.
24NGALOMIHLA wabesifa u‐Hezekiya wada waza kububa: wandula watandaza kuyehova, owateta kuye, wamnika umqondiso. 25Kodwa u‐Hezekiya akabuyekeza ngokunjengokusizwa kwake; ngokuba intliziyo yake ibir̔atshile: ngako bekuko umsindo pezu kwake, napezu kwo‐Juda ne‐Yerusaleme. 26Koko u‐Hezekiya wazigobayo ngenxa yokur̔atsha kwentliziyo yake, yena nabemi base‐Yerusaleme; waza umsindo kayehova aweza pezu kwabo emihleni ka‐Hezekiya.
27Waye u‐Hezekiya ebenobutyebi nodumo olukulu kunene: wayezenzela inkambili zokubekela zibe zezesilivere, nezegolide, nezamatye anqabileyo, nezezimnandi, nezamakaka, nezazo zonke izinto ezinqwenelekileyo; 28kwa nezindlu zokubekela zokwanda kwenqolowa, neveyine, neoli; nezitale zentlobo zonke zezilo, nezibaya zemihlambi. 29Kanjako wazenzela izixeko, nemfuyo yegusha nenkomo ngobuninzi; ngokuba utixo ebemnikile impahla eninzi kunene.
30Ukwa nguye u‐Hezekiya owavingca elasentla itende lamanzi ase‐Gihone, wawondisa ngapantsi ecaleni lasentshonalanga isixeko sika‐Davide. Kwa njalo u‐Hezekiya watamsanqeleka kuyo yonke imisebenzi yake.
31Kwaye kunjalo kodwa, ekufikeni kwezitunywa zenkosi zase‐Babilone, ezibe zitumile kuye ukuba kubuzwe ngommangaliso obe wenzekile elizweni, utixo wamshiya, ukuba amlinge, ukuze akwazi konke okusentliziyweni yake.
32Kekaloku isisalela semicimbi ka‐Hezekiya, nezibele zake, bona ke, ziba̔liwe emibonisweni ka‐Yisaya unyana ka‐Amotse, umprofite, nasencwadini yokumkani bo‐Juda no‐Sirayeli. 33Wada u‐Hezekiya walala noyise bake, wancw̔atywa kwelapezulu lamancw̔aba onyana baka‐Davide: bati bonke o‐Juda nabase‐Yerusaleme bamenzela udumo ekufeni kwake. Waza u‐Manase unyana wake waba ngukumkani esikundleni sake.

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena