Eyesibini yezikronike 27
27
1EBEYIMINYAKA imashumi mabini anamihlanu u‐Yotame ubudala bake, akuba ngukumkani, wapata ubukumkani iminyaka yalishumi elinesitandatu e‐Yerusaleme. Igama lonina belingu‐Yerusha, intombi ka‐Tsadoki. 2Wayesenza okufaneleyo emehlweni kayehova, njengako konke abekwenzile u‐Huziya uyise; kodwa akangena etempileni kayehova. Bati abantu basakwonakalisa ukwenza kwabo. 3Yena walaka isango lasentla lendlu kayehova; Lapezu kwodonga lwe‐Hofeli waka ngobuninzi. 4Waka nezixeko ezintabeni zakwa‐Juda; nasemahlatini waka ingxande ezinqatyisiweyo nenqaba.
5Kanjako walwa nokumkani wosapo luka‐Hamoni, walweyisa: lwaza usapo luka‐Hamoni lwanika kuye ngalomnyaka ikulu letalente zesilivere, neshumi lamawaka ekore zenqolowa, neshumi lamawaka ezeṙalasi: lwabuya lwamnika okunjalo usapo luka‐Hamoni nangowesibini umnyaka, nangowesitatu. 6Kwa njalo u‐Yotame wazomeleza; ngokuba ebelungisa indlela zake pambi kwoyehova, utixo wake.
7Nesisalela semicimbi ka‐Yotame, nazo zonke imfazwe zake, nendlela zake, bona ke, iba̔liwe yona encwadini yabo okumkani bo‐Sirayeli no‐Juda. 8Ebeyiminyaka imashumi mabini anamihlanu ubudala bake, akuba ngukumkani, wapata ubukumkani iminyaka yalishumi elinesitandatu e‐Yerusaleme. 9Wada u‐Yotame walala noyise bake, wancw̔atywa esixekweni sika‐Davide; waza u‐Ahazi unyana wake waba ngukumkani esikundleni sake.
Currently Selected:
Eyesibini yezikronike 27: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.