Eyesibini yezikronike 24
24
1EBEYIMINYAKA isixe̔nxe u‐Yohashe ubudala bake, akuba ngukumkani, wapata ubukumkani iminyaka yamashumi mane e‐Yerusaleme. Igama lonina belingu‐Tsibiya, owase‐Beresheba. 2Waye u‐Yohashe esenza okufaneleyo emehlweni kayehova, yonke imihla ka‐Yoyada umperisite. 3Kanjako u‐Yoyada wamtabatela abafazi ababini; waza wazala onyana nentombi.
4Kwabekute emveni kwoko, bekusentliziyweni ka‐Yohashe ukuhlaziya indlu kayehova. 5Waza wahlanganisa abaperisite naba‐Levi, wati kubo: Pumani niye ezixekweni zakwa‐Juda, niyibute kubo bonke o‐Sirayeli imali yokulungisa indlu katixo wenu, kwiminyaka ngeminyaka; nani ke, yinxamiseni lendawo. Kodwa abayinxamisa aba‐Levi abo. 6Wandula ukumkani wambiza u‐Yoyada umperisite omkulu, wati kuye: Yinina ukuba ungabuzanga aba‐Levi, ukuze bavelise kwa‐Juda nase‐Yerusaleme isitabataba sika‐Mosesi isicaka sikayehova, nesentlanganiso yo‐Sirayeli, ngenxa yayo intente yesinqi̔no? 7Ngokuba u‐Hataliya, loncwangukazi, onyana bake bagqoboza indlu katixo, nazo zonke izinto ezingcwele zendlu kayehova bazinikela o‐Bali.
8Wayexela ukumkani, baza bayenza ityeya, bayibeka esangweni lendlu kayehova ngapandle. 9Baza banika ilizwi kwa‐Juda nase‐Yerusaleme lokuba makungeniswe kuyehova isitabataba sika‐Mosesi isicaka sikatixo, eso sabekwayo pezu kwo‐Sirayeli entlango. 10Kwandula kwavuya zonke inkosi nabo bonke abantu, bangenisa ke, baposela etyeyeni, kude kwagqitywa.
11Kwaye kute, ngexesha bekuziswa ityeya leyo kubongama bokumkani ngesandla saba‐Levi, naxeshekweni babona ukuba imali ininzi, kwandula kweza umba̔li wokumkani, negosa lomperisite omkulu, bakupa imali etyeyeni, bayitabata yona, bayibuyisela endaweni yayo. Benje njalo ke imihla ngemihla, babuta imali ngobuninzi. 12Baza ukumkani no‐Yoyada bayinika kwabawenzayo umsebenzi wenkonzo yayo indlu kayehova, baqesha ababazi bamatye nencibi zemiti, ukuba kuhlaziywe indlu kayehova, kwa nencibi zesincete nezexina, kuze kulungiswe indlu kayehova. 13Benza ke abenzi bomsebenzi, ukuba kwahanjiswa ukulungiswa kwomsebenzi ngesandla sabo, bayimisa indlu katixo ngomlinganiswa wayo, bayiqinisa. 14Bati bakuba begqibile, bazisa isisalela semali pambi kwokumkani no‐Yoyada, ekwenzelwa indlu kayehova impahla ngayo, impahla zokukonza nezokunikela, negxebeka, nempahla zegolide nezesilivere. Baye benikela amadini okutshiswa futi endlwini kayehova yonke imihla ka‐Yoyada.
15Wada waba mdala u‐Yoyada, wakoliswa yimihla, wafa ke: ebelikulu linamashumi matatu leminyaka ubudala bake, ekufeni kwake. 16Baza bamncw̔aba esixekweni sika‐Davide ndawonye nabo okumkani, ngokuba ebekwenzile okulungileyo kwa‐Sirayeli, nangakuye utixo, nangakuyo indlu yake.
17Kekaloku emveni kwokufa kuka‐Yoyada kweza inkosi zakwa‐Juda, zazitoba kukumkani: wandula ukumkani wapulapula kuzo. 18Basuka bashiya indlu kayehova, utixo woyise babo, bakonza o‐Ashera namadalo: kwaza kwabako umsindo pezu kwo‐Juda ne‐Yerusaleme, ngenxa yelityala labo. 19Wayetuma noko abaprofite pakati kwabo, ukuya kubabuyisela kuyehova: banqi̔na ke ngakubo, kodwa abanikela indlebe.
20Waza umoya katixo wangena ku‐Zekariya unyana ka‐Yoyada umperisite, owemayo pezulu ebantwini, wati kubo: Utsho utixo ukuti: Kunganina ukuba niyagqita imiyalelo kayehova, nize ningatamsanqeleki? ngokokuba nimshiyile uyehova, kukona aya kushiya nina. 21Baza baceba ngakuye, bamgibisela ngamatye ngomyalelo wokumkani, ebaleni lendlu kayehova. 22Kwa njalo u‐Yohashe ukumkani wayengakumbuli ububele abenzelwe bona ngu‐Yoyada uyise, kodwa wambulala unyana wake; owati, ekufeni kwake: Makabone uyehova, abuze ke!
23Kwaye kute ekupeleni kwomnyaka, kwenyuka ngakuye impi yama‐Siriya; aye esiza kwa‐Juda nase‐Yerusaleme, abubisa zonke inkosi zabantu ebantwini; nawo onke amaxoba azo awatuma kuye ukumkani we‐Damakusi. 24Nakuba impi yama‐Siriya ibizile neqelana lamadoda, uyehova wanikela ezandleni zawo impi enkulu kunene noko, ngokuba bebemshiyile uyehova, utixo woyise babo. Kwa njalo amenzela u‐Yohashe imigwebo.
25Naxeshekweni emkile kuye, (ngokuba ebemshiyile enezifo ezininzi,) izicaka zake zenza ingcebiswano ngakuye, ngenxa yegazi lonyana baka‐Yoyada umperisite, zambulala pezu kwomandlalo wake, wada wafa; baza bamncw̔aba esixekweni sika‐Davide, kodwa abamncw̔aba emancw̔abeni abo okumkani. 26Ngabo aba abayenzayo ingcebiswano ngakuye: u‐Zabadi, unyana ka‐Shimehate um‐Hamonikazi, no‐Yehozabadi, unyana ka‐Shimerite um‐Mowabikazi.
27Kekaloku okwonyana bake, nokwobuninzi bemitwalo ebipezu kwake, nokwokusekwa kwendlu katixo, bona ke, kuba̔liwe embalisweni yencwadi yabo okumkani. Waza u‐Amatsiya unyana wake waba ngukumkani esikundleni sake.
Currently Selected:
Eyesibini yezikronike 24: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.