Eyesibini yezikronike 13

13
1NGOWESHUMI linesibozo umnyaka wokumkani u‐Jerobome, waba ngukumkani u‐Abiya pezu kwo‐Juda. 2Ibiyiminyaka mitatu wabepata ubukumkani e‐Yerusaleme. Igama lonina lalingu‐Mikaya, intombi ka‐Wuriyeli, owase‐Gibeha.
Kwabekuko imfazwe pakati kwo‐Abiya no‐Jerobome. 3Waza u‐Abiya wahlanganisa ukulwa ngempi yamagoṙa okulwa, yamawaka angamakulu mane amadoda anyuliweyo: wati no‐Jerobome wacwangcisela ukulwa ngakuye, enamawaka angamakulu asibozo amadoda anyuliweyo, amagoṙa abuṙoti.
4Wasuka wema u‐Abiya pezu kwentaba ye‐Tsemarayime, esentabeni yakwa‐Frayime, wati: Ndipulapuleni, wena Jerobome, no‐Sirayeli bonke! 5Ninga ningakwazi na ukuba uyehova, utixo wo‐Sirayeli, wanika ubukumkani ku‐Davide pezu kwo‐Sirayeli kude kube ngunapakade, kwa kuye nakonyana bake, ngocebano lwetyuwa? 6Kanti upakamile u‐Jerobome unyana ka‐Nebati, isicaka sika‐Solomone unyana ka‐Davide, wavukela ngasenkosini yake. 7Kuhlanganisene kuye namadoda angendawo, usapo lwobunginingini, abezikalipisa ngakuye u‐Rehobome unyana ka‐Solomone, nxa u‐Rehobome ebengumfana, etambile ngentliziyo, ukuba ebengenako ukuzomeleza ngakuwo. 8Nakaloku niti niya kuzomeleza ngakubo ubukumkani bukayehova, obusesandleni sonyana baka‐Davide: kanjalo nina nisisihlwele esikulu, nakunye nani kuko amatole egolide, lawo u‐Jerobome abenenzela abe ngotixo. 9Anibagxotanga na abaperisite bakayehova, onyana baka‐Arone, naba‐Levi, nazenzela abaperisite njengabantu bamazwe? ade ati osukuba esiza ukuzitwasisa ngenkunzana elitole lenkomo nangenkunzi zegusha ezisixe̔nxe, abe ngumperisite wabangengotixo. 10Kodwa tina, uyehova ngutixo wetu, asimshiyanga: kanjako abaperisite, abakonzayo kuyehova, bangonyana baka‐Arone: naba‐Levi basemsebenzini wabo: 11bayatshisa kuyehova amadini okutshiswa ngokusa ngokusa nangokuhlwa ngokuhlwa, nesiqumiso esimnandi: bayalungisa ukuṙozwa kwezonka pezu kwetafile ecocekileyo; nekandelare yegolide nezibane zayo, ukuvutisa ngokuhlwa ngokuhlwa; ngokuba tina siwugcina isigcinelo sikayehova, utixo wetu; nina kanti nimshiyile. 12Kanjalo, bona ke, kuko nati utixo ngokuba yintloko, nabaperisite benamaxilongo okuvusa, ukuba bahlokomise ivuso ngakuni. Lusapo luka‐Sirayeli! ningalwi ngakuye uyehova, utixo woyihlo benu; ngokuba ningayi kuhambiseka.
13Kodwa u‐Jerobome wazekelelisa abalaleli ukuza ngasemva kwabo: baza bako abanye ngapambi kwo‐Juda, nabalaleli ngasemva kwabo. 14Bati bakubekabeka o‐Juda, bona ke, banokulwa ngapambili nangasemva; bandula bakala kuyehova, nabaperisite bahlokomisa amaxilongo. 15Aza amadoda akwa‐Juda amemeza: kwaza kwati, akumemeza amadoda akwa‐Juda, wandula utixo wabeta u‐Jerobome no‐Sirayeli bonke pambi kwo‐Abiya no‐Juda. 16Lwasuka usapo luka‐Sirayeli lwesaba pambi kwo‐Juda; waza utixo walunikela esandleni sabo. 17Kekaloku u‐Abiya nabantu bake balubulala ngokubulala okukulu; ada awa ehlatyiwe ko‐Sirayeli amadoda anyuliweyo angamawaka angamakulu mahlanu.
18Lwaye lutotyiswa ke usapo luka‐Sirayeli ngexesha elo; kodwa usapo luka‐Juda lwaba namandla, ngokuba belusayama kuye uyehova, utixo woyise balo. 19Waza u‐Abiya wamputuma u‐Jerobome, wazitimba kuye izixeko, i Betele namagxamesi ayo, ne‐Yeshana namagxamesi ayo, ne‐Hefrone namagxamesi ayo. 20Waye u‐Jerobome engabi sabamba amandla emihleni ka‐Abiya: wati uyehova wambeta, wada wabuba.
21Koko u‐Abiya womelelayo; wazizekela abafazi abalishumi linesine, wazala onyana abangamashumi mabini anesibini, nentombi ezilishumi linesitandatu.
22Nesisalela semicimbi ka‐Abiya, nemikwa yake, namazwi ake, iba̔liwe yona embalisweni yomprofite u‐Hido.

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena