Eyesibini yezikronike 1

1
ISAHLUKO I.
1KEKALOKU u‐Solomone unyana ka‐Davide waqiniswa ebukumkanini bake; kanjalo uyehova, utixo wake, ebenaye, wamenza mkulu ngento egqitiseleyo. 2Waza u‐Solomone wateta kubo bonke o‐Sirayeli, kwinkosi zamawaka nezamakulu, nakubagwebi, nakuzo zonke inkosi pakati kwo‐Sirayeli bonke, intloko zendlu zoyise. 3Wandula waya u‐Solomone, nayo yonke intlanganiso kunye naye, endaweni epakamileyo ebise‐Gibeyone; ngokuba ibiko kona intente yentlangano katixo, leyo u‐Mosesi isicaka sikayehova ubeyenzile entlango. 4Kodwa ityeya katixo u‐Davide ebeyinyusile e‐Kiriyateyarime ukuza endaweni abeyilungisele yona u‐Davide: ngokuba ebeyolulele intente e‐Yerusaleme. 5Kanti isibingelo sexina, abesenzile u‐Betsalele, unyana ka‐Uri, unyana ka‐Hure, sibe silapo pambi kwetabanakele kayehova; baye befuna sona u‐Solomone nentlanganiso leyo. 6Wayenikela apo u‐Solomone, pambi kwoyehova, pezu kwesibingelo sexina esibe singasententeni yentlangano: wayenikela pezu kwaso iwaka lamadini okutshiswa.
7Kwa ngobobusuku wabonakala utixo ku‐Solomone, wati kuye: Cela into endiya kuyinika kuwe. 8Wayesiti u‐Solomone kutixo: Umenzele u‐Davide ubawo wam ububele obukulu, nam undenzile ukumkani esikundleni sake. 9Kaloku, Yehova, Tixo! malinyaniswe ilizwi lako ku‐Davide ubawo wam; ngokuba undenzile ukumkani pezu kwabantu abanjengotuli lwomhlaba ukuba baninzi. 10Ndipe kaloku ubulumko nokwazi, ndize ndipume ndingene nokungena ebusweni bababantu: ngokuba engubanina onako ukugweba aba abantu bako bakulu?
11Waza utixo wati ku‐Solomone: Ngenxa yokuba lento ibisentliziyweni yako, ungacelanga ubutyebi, nendyebo, nodumo, nobomi bentshaba zako, ungacelanga kanjalo imihla emininzi: koko uzicelele ubulumko nokwazi, ukuze ubagwebe abantu bam endikwenzile ukumkani pezu kwabo; 12upiwe ubulumko nokwazi; ndandiya kukunika nobutyebi, nendyebo, nodumo, ekungabangako onokunjalo pakati kwokumkani abebeko pambili kuwe, nasemva kwako akuyi kubako onokunjalo.
13Waza wabuya u‐Solomone endaweni epakamileyo ebise‐Gibeyone, weza e‐Yerusaleme, evela kwa pambi kwentente yentlangano, wapata ubukumkani pezu kwo‐Sirayeli.
14WAYE u‐Solomone wabuta inqwelo namahashe okukwelwa; wabenenqwelo zaliwaka linamakulu mane, namahashe okukwelwa angamawaka alishumi linesibini; owazibeka ezixekweni zenqwelo, nakuye ukumkani e‐Yerusaleme.
15Kanjako ukumkani wenza isilivere negolide e‐Yerusaleme njengamatye, nemiti yesedare wayenza njengemikiwane esezihlanjeni ngokuba mininzi. 16Nokuvela kwamahashe ka‐Solomone e‐Jipete, wati umhlambi wabatengi bokumkani wamkela umhlambi wamahashe ngenani elitile. 17Baye benyusa bakupa e‐Jipete inqwelo ngeshekele zesilivere ezingamakulu matandatu, nehashe ngezilikulu elinamashumi mahlanu: kwaye kunjalo bekukutshelwa bonke okumkani bama‐Hete, nokumkani be‐Siriya, ngesandla sabo.

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena