Eyokuqala incwadi ka‐Paulusi ku‐Timote 5:16-18
Eyokuqala incwadi ka‐Paulusi ku‐Timote 5:16-18 XHO1902A
Ukuba kuko ikolwa umhlaumbi ikolwakazi elinabo abahlolokazi, malibasize, ize ingatwaliswa iṙemente, ukuze ibasize abo bangabahlolokazi ngenene. Mabati abadala abapatayo kakuhle babalwe ukuba bafanele imbeko epindiweyo, kube ngabo kakulu ke abasebe, nzayo elizwini naselufundisweni. Ngokuba sisitsho isiba̔lo ukuti: Inkabi yakubu̔la akukuyifaka umkala; nokuti: Umsebenzi ufanele umvuzo wake.