Eyokuqala ka‐Samyali 8
8
1KWAYE kute nxa u‐Samyali ebemdala, wabamisa onyana bake babe ngabagwebi pezu kwo‐Sirayeli. 2Laye igama lonyana wake wamazibulo lingu‐Joweli, negama lowesibini wake lingu‐Abiya: bebengabagwebi e‐Beresheba. 3Kodwa onyana bake abahamba endleleni zake, batyekela emva kwenzuzo ekohlakeleyo, bawamkela amabaso, batyekisa ugwebo.
4Bandula bahlanganisana bonke abadala bo‐Sirayeli, beza ku‐Samyali e‐Rama, 5bati kuye: Bona ke, wena umdala, nonyana bako abahambi ezindleleni zako; uz’ uti kaloku usimisele ukumkani ukusigweba, njengentlanga zonke.
6Kodwa elozwi belilibi emehlweni ka‐Samyali, nxa bebesiti: Sinike ukumkani ukusigweba. Waza u‐Samyali watandaza kuyehova. 7Wayesiti uyehova ku‐Samyali: Pulapula ilizwi labantu ngako konke abakutetayo kuwe: ngokuba bengalahlanga wena, koko belahlile mna, ukuze ndingabi ngukumkani pezu kwabo. 8Njengazo zonke izenzo abazenzileyo, kwa semhleni ndabendibanyusa ngawo e‐Jipete kwada kwanamhla nje, abandishiya ngazo, bakonza otixo bambi, benje njalo nangakuwe. 9Ngako kaloku pulapula ilizwi labo; kodwa qinisa ukunqi̔nela ngakubo, ubashumayeze isiko lokumkani oya kupata ubukumkani pezu kwabo.
10Waza u‐Samyali waxela onke amazwi kayehova kwabobantu abebecele kuye ukumkani. 11Wayesiti: Eli loba lisiko lokumkani oya kupata ubukumkani pezu kwenu: Onyana benu uya kubatabata, abamisele ukuba babe ngabantu benqwelo zake, nabakweli bake bamahashe; nokuba babaleke pambi kwenqwelo zake. 12Wobamisela ukuba babe zinkosi zamawaka, nenkosi zamashumi mahlanu; nokuba balime ukulima kwake, bavune ukuvuna kwake, benze impahla zake zokulwa, nempahla zenqwelo zake. 13Nentombi zenu wozitabata zibe ngabenzi bezimnandi, nabapekikazi, nabojikazi. 14Uya kutabata amasimi enu, nezitiya zenu zemiti yeveyine, nezitiya zenu zeminquma, ezo zilungileyo, azinike kuzo izicaka zake. 15Uya kutabata isishumi sembewu yenu, nesezitiya zenu zemiti yeveyine, asinike kubabusi bake, nakwizicaka zake. 16Uya kutabata izicaka zenu, nezicakakazi zenu, namadodana enu amahle, namaqwaṙashe enu, azenze zibe semsebenzini wake. 17Uya kutabata isishumi segusha zenu: nani ke noba zizicaka zake. 18Naniya kukala ngomhla lowo ngenxa yokumkani wenu, eniya kuba nizinyulele yena; kanti uyehova akayi kuniva ngomhla lowo.
19Kodwa abantu bala ukupulapula ilizwi lika‐Samyali, bati: Hai; ngukumkani oya kuba pezu kwetu; 20ukuba nati sibe njengentlanga zonke; nokuba ukumkani wetu asigwebe, apume pambi kwetu, alwe ukulwa kwetu. 21Weva u‐Samyali onke amazwi abantu, wawateta ezindlebeni zikayehova. 22Wayesiti uyehova ku‐Samyali: Pulapula ilizwi labo, ubenzele ukumkani. Waza u‐Samyali wati kuwo amadoda akwa‐Sirayeli: Hambani niye nonke ngabanye ezixekweni zenu.
Currently Selected:
Eyokuqala ka‐Samyali 8: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.