Eyokuqala ka‐Samyali 11
11
1WANDULA wenyuka u‐Nahashe um‐Hamoni, waṙaula i‐Yabeshe‐gileyadi: aza onke amadoda ase‐Yabeshe ati ku‐Nahashe: Yenza ucebano nati, sasiya kukukonza. 2Wayesiti kuwo u‐Nahashe um‐Hamoni: Ngako oku ndiya kulwenza ucebano nani, ukuba ndiwancotule onke amehlo enu okunene, nokuba ndikubeke oko kube lihlazo pezu kwo‐Sirayeli bonke.
3Baza abadala base‐Yabeshe bati kuye: Siyeke imihla ibe sixe̔nxe, ukuze situme izigidimi kuyo yonke imida yakwa‐Sirayeli: ukuba ke akuko osisindisayo, sesiya kupumela kuwe. 4Zandula izigidimi zeza e‐Gibeha ka‐Saule, zateta lamazwi ezindlebeni zabantu; bati bonke abantu bapakamisa ilizwi labo, balila. 5Kekaloku bona ke, u‐Saule weza emva kwenkabi, evela ezindle; wayesiti u‐Saule: Abantu bananina ukuba balile? Baza bambalisela amazwi amadoda ase‐Yabeshe. 6Wandula umoya katixo wamqubula u‐Saule, akuva lamazwi, yati ingqumbo yake yavuta kunene. 7Watabata isibini senkabi, wazihlahla, wazituma kuyo yonke imida yakwa‐Sirayeli ngezandla zezigidimi, kusitwa: Osukuba engapumi emva kwo‐Saule nasemva kwo‐Samyali, kuya kwenziwa njalo kuzo inkabi zake. Lwaza ’ulwoyiko lukatixo lwawa pezu kwabantu, bada bapuma njengomntu mnye. 8Kekaloku akubabala e‐Bezeke, usapo luka‐Sirayeli belungamawaka angamakulu matatu, namadoda akwa‐Juda ebengamawaka angamashumi matatu.
9Baza bati kuzo izigidimi ezezayo: Niya kutsho kuwo amadoda ase‐Yabeshe‐gileyadi ukuti: Ngomso, nxa ilanga libalelayo, niya kuba nosindiso. Zasuka izigidimi zeza zawaxelela amadoda ase‐Yabeshe; avuya ke. 10Aza amadoda ase‐Yabeshe ati: Ngomso siya kupumela kuni, naniya kwenza kuti ngako konke okulungileyo emehlweni enu.
11Kwaye kute ngomnye umhla, ukuba u‐Saule wamisa abantu babe ngamaqela matatu; basuka beza pakati kwomnquba ngevaṙasho lokusa, babulala aba‐Hamoni kwada kwasekufudumaleni kwemini: kwaza kwati, abo baseleyo bacitwa, bada abasala pakati kwabo ababini endaweni nye.
12Baza abantu bati ku‐Samyali: Ngubanina obesiti: u‐Saule uya kupata ubukumkani pezu kwetu na? kupani amadoda lawo, siwafise. 13Wayesiti u‐Saule: Akayi kufiswa mntu namhla nje; ngokuba namhla uyehova elwenzile usindiso kwa‐Sirayeli.
14Wandula u‐Samyali wati ebantwini: Hambani, sihambe siye e‐Gilegale, sitwasise kona ubukumkani. 15Baza bonke abantu baya e‐Gilegale, bamenza u‐Saule ukumkani kona pambi kwoyehova e‐Gilegale; babingelela nakona imibingo yoxolo pambi kwoyehova: waye u‐Saule wavuya kona, nawo onke amadoda akwa‐Sirayeli, kakulu.
Currently Selected:
Eyokuqala ka‐Samyali 11: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.