Ngokunjalo, nina bafazi! lulamelani kwawenu amadoda; ukuze ke, ukuba kuko angalivayo ilizwi, azuzwe ngokumila kwabafazi bawo kungeko ukuteta; akubonela ukumila kwenu okucokisekileyo kunokuhlonela. Abakuhomba makungabi koko kungapandle, njengokwokupota inwele, nokwokufaka igolide, nokwokwambata izivato; koko makube ngumntu ositeleyo wentliziyo, ngokuhomba okungonakaliyo kwomoya olulamileyo nozolileyo, olixabiso elikulu ebusweni BUKATIXO. Ngokuba bebefudula besenje njalo nabafazi abangcwele, abebetemba kuye UTIXO, ukuzihomba kwabo, belulamela kwawabo amadoda: njengokuba u‐Sara wamvayo u‐Abrahame, embiza ngenkosi; enizintombi zake nina, nakuba nisiti nikwenze okulungileyo, ningoyiki nasinye isituso. Ngokunjalo, nina madoda! hlalani nabo ngokufanelene nokwazi, ninike umfazi imbeko njengokuba eyimpahla ebutataka ngakumbi, nanjengokuba nizindlalifa kunye zofefe lwobomi, ukuze imitandazo yenu ingabi nakutintelwa.
Funda Eyokuqala incwadi ka‐Petrosi 3
Share
Compare All Versions: Eyokuqala incwadi ka‐Petrosi 3:1-7
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Home
Bible
Plans
Videos