Eyokuqala yokumkani 21
21
1KWAYE kute emveni kwezizinto, u‐Nabote um‐Yezerele wabenomyezo, obuse‐Yezerele, kufupi noxande luka‐Ahabi ukumkani we‐Samariya. 2Wandula wateta u‐Ahabi ku‐Nabote, esiti: Ndinike umyezo wako, ukuba ube sisitiya sam semifuno, ngokuba wona ukufupi nendlu yam: ndandiya kunika wena esikundleni sawo umyezo olungileyo pezu kwawo: okanye, ukuba kulungile emehlweni ako, ndokunika imali yexabiso lawo. 3Kodwa u‐Nabote wati ku‐Ahabi: Ubunzima mabube kum buvela kuyehova, ukuba ndiyanika ilifa lobawo bam kuwe!
4Waza u‐Ahabi wangena endlwini yake, ete shwa, equmbile nokuqumba, ngenxa yelizwi abelitetile kuye u‐Nabote um‐Yezerele; ngokuba ebete: Andiyi kunika kuwe ilifa lobawo bam. Waya walala pantsi pezu kwomandlalo wake, wasonga ubuso bake, engadlanga isonka. 5Wandula weza kuye u‐Jezebele umfazi wake, wateta kuye, esiti: Kunganina lento umoya wako ulusizi, nokuba ungadlanga isonka? 6Wayeteta kuye, esiti: Ngokokuba benditeta ku‐Nabote um‐Yezerele, ndati kuye: Ndinike umyezo wako ngemali; okanye, ukuba uyatanda, ndokunika omnye umyezo esikundleni sawo: koko wati: Andiyi kunika kuwe umyezo wam. 7Waza u‐Jezebele umfazi wake wati kuye: Kanene wena uyapata kaloku ubukumkani pezu kwo‐Sirayeli na? vuka, yidla isonka, iti intliziyo yako icwayite; mna ndiya kunika kuwe umyezo ka‐Nabote um‐Yezerele. 8Wandula waba̔la incwadi egameni lika‐Ahabi, wazincamatisela ngesincamatiselo sake, wazituma incwadi kubadala nakumaduna ababesesixekweni sake, behlala no‐Nabote. 9Wayeba̔la ezincwadini ezo, esiti: Shumayelani inzilo, ummise u‐Nabote pezulu pambi kwabantu; 10nize nimise amadoda abe mabini, usapo lwobunginingini, emalungana naye, ukuba anqi̔ne ngakuye, esiti: Ugxekile utixo nokumkani; nandule nipume naye, nimgibisele ngamatye, ade afe.
11Aza enza amadoda esixeko sake, abadala namaduna ababehlala esixekweni sake, njengokuba u‐Jezebele ebetumile kuwo; njengokuba bekuba̔liwe ezincwadini abezitumile kuwo. 12Ashumayela inzilo, ammisa u‐Nabote pezulu pambi kwabantu. 13Kwaye kusiza amadoda amabini, usapo lwobunginingini, ahlala malungana naye; aza anqi̔na ngakuye lomadoda obunginingini, ngakuye u‐Nabote, ebusweni babantu, esiti: u‐Nabote ugxekile utixo nokumkani. Baza bampumisela ngapandle kwesixeko, bamgibisela ngamatye, wada wafa. 14Baza batuma ku‐Jezebele, besiti: u‐Nabote ugityiselwe ngamatye, ufile nokufa.
15Kwaye kute, akuva u‐Jezebele okokuba u‐Nabote ugityiselwe ngamatye, nokuba ufile, wandula wati u‐Jezebele ku‐Ahabi: Suka, bamba umyezo ka‐Nabote um‐Yezerele, lowo walayo ukuwunika kuwe ngemali; ngokuba u‐Nabote engasahleli, seefile. 16Kwaza kwati, akuva u‐Ahabi ukuba u‐Nabote ufile, wesuka u‐Ahabi ukuya kuhlela emyezweni ka‐Nabote um‐Yezerele, ukuwubamba.
17Kwandul’ ukuza ilizwi likayehova ku‐Elija um‐Tishebi, lisiti: 18Suka, yihla ukuya kumkaulela u‐Ahabi ukumkani wo‐Sirayeli, ose‐Samariya; nankuya emyezweni ka‐Nabote, apo ahlele kona ukuwubamba. 19Wauya kuteta kuye, usiti: Utsho uyehova ukuti: Ubulele na, waubambile kanjalo na? Wauya kuteta kuye, usiti: Utsho uyehova ukuti: Endaweni apo izinja zibe zikota igazi lika‐Nabote kona, izinja ziya kukota igazi lako, ewe elako.
20Waza u‐Ahabi wati ku‐Elija: Undifumene na, lutshaba lwam? Wayesiti: Ndikufumene! ngenxa yokuba uzitengisele ukwenza okukohlakeleyo emehlweni kayehova. 21Bona ke, ndiya kuzisa ububi pezu kwako, ndikukukulise; ndandiya kunqamlela u‐Ahabi lowo unobudoda, nalowo uvaliweyo nalowo ukululekileyo, kwa‐Sirayeli; 22nendlu yako ndiya kuyenza njengendlu ka‐Jerobome unyana ka‐Nebati, nanjengendlu ka‐Bahasha unyana ka‐Ahiya, ngenxa yengcapukiso undicapukisile ngayo, nokuba ubenzile o‐Sirayeli bone. 23Kanjalo nango‐Jezebele wateta uyehova, esiti: Izinja ziya kudla u‐Jezebele ngaseludongeni lwapandle lwe‐Yezerele. 24Lowo ka‐Ahabi obubayo esixekweni izinja ziya kumdla; nalowo obubayo endle intaka zezulu ziya kumdla.
25(Kodwa bekungeko namnye njengo‐Ahabi, obezitengisele ukwenza okukohlakeleyo emehlweni kayehova, owati u‐Jezebele umfazi wake wamtelekisa. 26Wayesenza kakubi kakulu ngokulandela izitixwana, njengako konke ababekwenzile aba‐Amori, abo uyehova wabagqogqa pambi kwosapo luka‐Sirayeli.)
27Kwaza kwati, akuva u‐Ahabi lamazwi, waṙazula izivato zake, wafaka intlakantlaka enyameni yake, wazila ukutya, walala ngentlakantlaka, wahamba kakuhle. 28Landula leza ilizwi likayehova ku‐Elija um‐Tishebi, lisiti: 29Uyabona na ukuba u‐Ahabi uyazigoba pambi kwam? ngokokuba uyazigoba pambi kwam, andiyi kuzisa ububi obo emihleni yake; emihleni yonyana wake ndiya kuzisa ububi obo pezu kwendlu yake.
Currently Selected:
Eyokuqala yokumkani 21: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.